home about contact us news
You are here:

Sustainable Resource Management: ULIMO LOLONDOLOZO

Afrikaans | English

Akukho limo luyindlela
yokwenza epheleleyo

Akukho limo luyindlela yokwenza epheleleyo

Ulimo loLondolozo ligama elinikezelwe kwinkqubo yolimo olugcinekayo olungabuy’ umva lweenkqubo zolimo eziqhelekileyo. Sithetha ukuthini xa sisithi “ukugcineka”? Inkcazelo yethu yeyokulima ngendlela engonakalisi okusingqongileyo enokuthi isetyenziswe kwixesha elide elizayo.

Ulimo loLondolozo lwenziwa ngamalungu amathathu:


Lulimo oluncinci okanye olungekhoyo

Tooth implement for minimum till
Izixhobo ezinamazinyo

Xa kungekho limo okanye luluncinci ayilinywa umhlaba. Endaweni yokulima nokuhlwayela, imbewu kunye nesichumiso zihlwayelwa ngqo kwisikhondo sesityalo sangaphambili. Oku kwenziwa ngesixhobo ezinamazinyo okanye iincakuba zentsimbi endaweni yezabiwo zekhuba lesithethe. La mazinyo enza ifolo apha emhlabeni, apho igalelwa khona imbewu kunye nesichumiso. Le folo ibuya izivale ngokwayo emva kokuba liqhubele phambili izinyo. Akukho limo luthintela ukuthotywa kobume bomhlaba kuba ungalinywanga kwaye ungacolwanga.

Isichumiso kunye nembewu zigalelwa ngqo efolweni emhlabeni, kubunzulu obulungele isityalo eso silinywayo. Umhlaba, ngamanye amagama usetyenzwe kakanye kuphela, unciphisa indleko zokuvuna.

Ugcino lwesikhondo sesityalo emhlabeni
Ukuba sigciniwe isikhondo, sithintela ukhukuliseko lomhlaba ngumoya namanzi. Kwakhona sikthintela amaqondo obushushu aphezulu omhlaba, obuthintela ukutshatyalaliswa zizilwanyana ezincinci eziphila emhlabeni.

Esi sikhondo sikwathintela ukwenzeka komphunga wokufuma komhlaba kwaye oku kufuma kuza kusetyenziselwa ukwehlisa umgquba emhlabeni, onempembelelo ewutyebisayo. Imisundulu inako ukuphila emhlabeni phantsi kwezi meko, kwaye ziza kunceda ekuhliseni umgquba.

Ubolekiswano lwesityalo
Ubolekiswano lwesityalo lubhekiselele ekuvunweni kwezityalo ezahlukileyo kumhlatyana othile; ngamanye amagama kwasona esi sityalo sinye asisayi kuvunwa minyaka le. Ngokwenza ubolekiswano lwezityalo umhlaba awusayi kudinwa kwaye ufumana ithuba lokuhlaziyeka. Kwakhona ubolekiswano lwezityalo lukwathetha ukuba izityalo ezibuyisela inayitrojini emhlabeni, ezifana nesoya okanye iimbotyi, ziza kuba yinxalenye yenkqubo yobolekiswano lwezityalo. Oku kuthetha ukonga kwisichumiso.

Iinkqubo zolimo oluqhelekileyo
Iinkqubo zolimo “Oluqhelekileyo” ngokwale meko zibhekiselele kwiinkqubo zokuhlwayela nezokulima zesithethe. Oku kuquka ukutshiswa kwesikhondo. Iinkqubo zolimo oluqhelekileyo ziquka oku kulandelayo okungalunganga:

Erosie op land
Ukhukuliseko lungabonwa
ngokucacileyo kule foto.

Ulimo lolondolozo

Healthy soil
Umhlaba osempilweni

Kwelinye icala, ulimo lolondolozo, lunoku kulandelayo okulungileyo, hayi ukwenzela umvelisi kuphela, kodwa ukwenzela ukusetyenziswa kwakhona komhlaba kwixesha elizayo ukwenzela ukulima:

Malunga nolwazi oluthe vetshe nceda qhagamshelana neSebe lezoLimo: eNtshona Koloni kwinombolo yomnxeba engu-021 808 5366.