| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, imphatho: 6 |
![]() Click to enlarge! |
Ukungondleki kusenokoyiswa lula ngokuthi umntu afuye imazi ezimbalwa apha ekhayeni. Izikhukhukazi ezili shumi elinambini zigcinwe ehokini enophahla, ziyawa beka amaqanda alishumi elinanye ngosuku.
Indawana nje encinci eyakhelwe iinkukkhu iphateka lula lusapho kwaye inika izakha mzimba ezifana neeprotein kusapho lonke, ngaphezulu amaqanda athe akatyiwa, asenokuthengiswa ukwenzela ukuba kubekho imali exomezela le sele ikhona apha endlini. Kwakhona imali yamaqanda isenoku hlawulela ukutya kweenkukhu. |
![]() Click to enlarge! |
Ukufuywa kweenkukhu ngoluhlobo ludla ngokufumaneka ebantwini aba bhinqileyo.
Ukufuya iinkukhu akudingi xesha linintsi lomfama, kwaye kuqinisekisa ukuba kuhleli kukhona ukutya apha ekhayeni, kwaphinda lamaqanda athengiswa yilenkosikazi, ayifundisa indela yokuphatwa kwemali nendlela engcono yokuthengisa. |
![]() Click to enlarge! |
Ukuze ufuyo lweenkukhu lubenakho ukufikeleleka kumafama asaqalayo, kuye kweenziwa uqhakamshelwano phakathi kwelizwe lase Australia neli lase Mzantsi Afrika. Iinkcukacha ezipheleleyo malunga nokwakhiwa kweehoki zokufuya iityiphu kwakunye neendlela zokufumana izikhukhukazi ezincinci nokuphathwa kakuhle kwazo, ziyafumaneka kulombutho udibanise abantu base Mzantsi afrika nabase Australia. |
![]() Click to enlarge! |
Izikhukhukazi zidla ngokuqala ukubeka amaqanda zingaphelanga iiveki ezintanthu emva kokuba zifakwe kwindawo yokuqandusela, kwaye ukuba zikhathalelelwe kakuhle, ziyawabeka amaqanda kanga ngeenyanga ezilishumi, nangaphezulu. Izikhukhukazi ziyathengiswa emva kokuba ziyekile ukubeka amaqanda, loomali isetyenziselwe ukuthenga ezinye izikhukhukazi. |
![]() Click to enlarge! |
Izikhukhukazi kufuneka ngalo lonke ixesha zifumane amanzi acocekileyo kwaye apholileyo nomgubo lo uzenza zizale kufuneka uhleli ukhona ezityeni zokutyela. Ingxhowa ebunzima buyi 50 kg yomgubo wokuzala iyayihlala inyanga. Lomgubo wokuzala weenkukhu uyafumaneka ekoperasie nakwi ndawo ezithengisa ukutya kwemfuyo. Zikhona ipilisi zokwenza isikhukhukazi sibeke kakhulu amaqanda, kodwa ke inkathazo yazo inye ziyabiza. |
![]() Click to enlarge! |
Ngaphandle nje kokuqinesekisa ukuba amafama asaqalayo makafumane izixhobo zokusebenza, ukutya nezikhukhukazi, lombutho udibanise I Australia no Mzantsi Afrika, uyayenza indlela yokuba amafama asaqalayo makafumane uqeqesho. Izifundo ziyanikwa ekushishineni ngeemazi zeenkukhu kwakunye nokukhuliswa kwee nkukhu zenyama namantshontsho ezikhukhukazi za maqanda. |
J du Preez
ELSENBURG / Umzamo wabantu wangasese