home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, izifo: 7

I Soonoses Afrikaans | English

Click to enlarge!
Zininzi izifo zezilwanyana ezinokuthi zosulele abantu xa ethe umntu wasiphatha isilwanyana okanye wadla inyama yaso. Ezi zifo zidityaniswa ngegama elinye kuthiwe yi soonoses.

Click to enlarge!
Ezi zifo zingamenza umntu agulele ukufa okanye asweleke.

Click to enlarge!
Makhe sincokole ngokufutshane malunga nezinye zezizifo isikakhulu ezona zaziwa kakhulu. Ukhwekhwe luyasuka ezinjeni neekati luye ebantwaneni ngelithuba abantwana bedlala nezilwanyana. Izinambuzane ezine ntsholongwane ezilele apha ekhwekhweni zingayenza into yokuba umntu abe nengulo edala iinwele ukuba maziwe kude kufuneke unyango lukagqhira.

Click to enlarge!
Isifo se spleen okanye i anthrax idla ngokusuka ezilwanyaneni ezifana neegusha, iinkomo neehagu sisulele abantu. Esisifo singena efeleni umzekelo ngokuthi umntu axhele isilwanyana esinesisifo.

Click to enlarge!
Ubhubhani kwakunye nesifo ekuthiwa yi Salmonella zidla ngokosulela abantu xa iirote neempuku zithe zashiya iintsholongwane ekutyeni okucocekileyo. Umntu osulelwe sesisifo ubane sisu esibuhlungu kakhulu, isusu sakhe sikhululeke ahlambe intliziyo ahlale efuna ukughabha.

Click to enlarge!
Laantshulube idla ngokwenza ifele lirawuzele libe ne rashalala isuka ezinjeni nasezikatini. Xa sithe isilwanyana sazithuma endaweni enesanti waze wena wadibana nalo santi, uyasuka umbungu we ntshulube uzokungena efeleni lakho. Umbungu lo ungena phantsi kwefele lomntu udale ukurawuzela okubuhlungu. Ukuze esisifo singa ngeni ebantwini kufuneka izilwanyana zifakwe iyeza elikhupha iintshulube roqo.

Click to enlarge!
Inyama yezilwanyana ezine tapeworm emaphaphwini nase sibindini, akufuneki kwaphela ukuba mayityiwe kwaye akufuneki ukuba iphiwe izinja. Xa ithe inyama enesi sifo yaphiwa izilwanyana zisenokuba nezi ntshulube kuthiwa yi tape worm athi ke umntu okhe waphatha esi silwanyana naye azibhaqe ene tapeworm. Kubaluleke ngolona hlobo ukuba umntu okhe waphatha inja azihlambe izandla zakhe zicoceke. Xa zithe iitapeworms za suka ezinjeni zayokosulela umntu, zise nokuhamba zityhutyhe umzimba ziyokungena emaphaphini womntu. Into elungileyo yeyokuba umntu omdala kwakunye nomtwana kuuneka bathi behleli nje basebenzise amayeza oku khupha iintshulube.

Click to enlarge!
I masisi yeenkomo ikhangeleka ingathi ngamaqhakuvana okanye okwee pete zetamati kwaye ifumaneka enyameni yenkomo. Ukuba umntu uthe watya inyama yesilwanyana esine masisi isenoku hamba intshulube itape worm iyokutsho emaphaphini ngeli xesha ityhutyha umzimba.

Click to enlarge!
Xa umntu ethe watya inyama ye hagu ene masisi yee hagu, usenokusuleleka aphume amaqhakuva entloko, okanye abene ntshulube esiswini. I masisi yehagu sisifo esinobungozi kakhulu.

Click to enlarge!
Xa ubani ethe watya inyama enga phekisiswanga, ize ithi kanti loonyama ibisele ingenwe ngamaqhkuva etapeworm, zise nokuphuma iitapeworm enyameni ziyokungena emntwini apho zizakufika zithyuthye umzimba ziyokukutsho ebuchotsheni. Isifo siqala ingathi yintloko ebuhlungu, kwale ngethutyana elingephi, kubekho ukwelama komzimba. Yiyo lento,kubalulekileyo ukuba yonke inyama exheliweyo ixilongwe ngu gqhira wezilwanyana okanye i health inspector phambi kokuba ityiwe ngabantu. Enye into inyama kufuneka iphekisiswe xa izakutyiwa.

Click to enlarge!
Inyama sele kusithiwa iphekwe ithuba elingange yure kuyenzeka ukuba le ndawo iphakathi esihlunwini ithi kanti ayivuthwanga. Lilonke ukuba bekukho imibungu ye tapeworm ebiphakathi kwalo nyama isenothi kanti ayifanga, ngolo hlobo imosulele umntu otye loonyama. Khumbula: akusoze usulelwe zii tape worms xa usitya inyama ephekisisiweyo yaze yavuthwa kakuhle.

Click to enlarge!
Itape worm ikhula ngolu hlobo: Xa une tapeworm uthi xa uzithuma endle, okanye ehokini yezilwanyana okanye estalini ziphume emzimbeni wakho ziyokuhlala kulo ndawo ubuzithuma kuyo. Lamaqanda etapeworm athi ke ngoku athathwe yihagu okanye inkomo xa isitya ingca okanye utyani. Amaqhakuvana etapeworm andula ke ngoku ukukhula emisipheni ye hagu okanye inkomo. Uyakuthi ke ngoku umntu xa esitya inyama athathe isifo singene kuye amaqanda e tape worm athatha ngokukhula emzimbeni wakhe.

Click to enlarge!
Sebenzisa kengoko i toilet. Ukuba akukho toilet, yenza umngxhunya za uzakuzithuma wandule ukugqiba kwakho uwudibelele lomngxunya. Kubalulekile ukuba umntu nesilwanyana bafumane amayeza okubulala iitshulube xa sikhona isidingo.

Click to enlarge!
Isifo sephepha esikwaziwa njenge TB, siyafumaneka ezinkomeni, ezihagwini, ezibhokhweni nasezigusheni. Isifo ngamanye amaxesha sibonakala ingathi zizihlahla zomdiliya apha kwiimbambo zesilwanyana esosulelweyo. Inyama yesilwanyana esinjalo ayinakho ukutyiwa, kufuneka itshiswe. Ukuba uthe waxhela isilwanyana esinjalo, okanye usityile isilwanyana esinjalo, nawe usenokufumana i TB.

Click to enlarge!
I TB usenokuyifumana ebisini oliselayo. Amasi, amasi avutshisiweyo okanye ubisi oluphekiweyo, alunabungozi.

Click to enlarge!
Isifo ekuthiwa yi diamantvelsiekte sixhaphake ezihagwini. Sibonakala ngamabala amakhulu abomvu apha efeleni lesilwanyana. Isifo sinokusulela wena mntu xa uthe waphatha ihagu okanye waxhela ihagu engenwe sesi sifo. 

Click to enlarge!
Olona phawu luvamileyo, kukuthi isilwanyana sidumbe ilungu lomzimba. Ekuhambeni kwexesha uyadibana nesilwanyana sesi xhuzula.

Click to enlarge!
I Rabies sisifo esinobungozi kakhulu esinokusuka ezinjeni nasezikatini, kanti siya suka nakwezinye izilwanyana ezifana neenkomo, iigusha neebokhwe siyokosulela umntu. Isilwanyana esine rabies sisuka sikhohlakale ngesaquphe sibonakalise iimpawu zokuphambana. Siye sivuze amagwebu apha emlonyeni kwaye isilwanyana esine rabies sifuna ukuluma yonke into ephambi kwaso. Into esisimanga isilwanyane sasendle esine rabies sisuke siphele ukuphapha sibonakale sihamba phakathi kwabantu. Ukuba umntu ulunywe sisilwanyana esine rabies kufuneka ngoko nangoko asiwe esibedlele okanye kwagqira. Ukuba ikhona indlela kufuneka isilwanyana esimlumileyo sihanjiswe naso kwangelothuba linye.

Click to enlarge!
Ukuze irabies ithinteleke, izilwanyana unyaka nonyaka mazifumane isitofu kuqhira wezilwanyana zihlatywe ngaso.

Click to enlarge!
Ukushwankathela, ndingakhankanya oku kulandelayo: Kusemqoka ukuba thina kwakunye nabantwana bethu sitye inyama ecocekileyo. Singenza njani ukuba masiqiniseke ngoku? Eyona ndlela sinokuqinisekisa ngayo, kukuthi sixhele yonke imfuyo endaweni yokuxhela evunywe ngurhulunmente, apho siqinisekileyo ukuba kukhona ugqhira wezilwanyana, okanye ispektala senyama, bona bantu bathi baqiniseke ukuba inyama ayinasifo, kwaye ikulungele ukuba ingatyiwa ngumntu ngaphandle kokugula.

NF Naudé
ELSENBURG Icandelo Lokunyanga Izilwanyana