home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   IZILWANYANA, IZIFO: 24

Iintwala zeGusha nezeBhokhwe

Ezona ntwala zichaphazela kakhulu ukuchetywa koBoya boMzantsi Afrika, zezomzimba egusheni nasebhokhweni ezibizwa ngokuba Bovicola ovis kunye ne-Damalinia limbata. Esi sidleleleli sitya amafutha aphuma apha emzimbeni wezi zilwanyana agqume isikhumba. Iintwala zegusha nezebhokhwe zibangela ukuthukuthezeleka kwizilwanyana ezinezikhumba ezizele zezi ntwala nto leyo ekhokelela ekuxhwithekeni nasekubambaneni koboya ingakumbi apha ngasephangweni.


Isazobe 1: Intwala yomzimba wegusha (i-Bovicola ovis). Obona bukhulu 1.5 - 2mm

Imazi yayo endala izala amaqanda, ancamathele kwimicu yoboya. La maqanda aqanduselwa emva kweentsuku ezili-9 -10, akhula ngokwamanqam amathathu oophunguphungu phambi kokuba afikelele ebudaleni kwiiveki ezimalunga nezintathu emva koko. Ukuzalwa kwamaqanda kungenziwa kwezinye iintsuku ezi-3-4 ezizayo ukwenzele ukuba ligqitywe ixesha lobomi kwiintsuku ezingama-34 xa iimeko zivuma. Intwala endala iphila ixesha elimalunga nenyanga e-1 ukuya kwezi-2 kodwa phantsi kweemeko ezithile ingaphila malunga neeveki ezili-14.

Uchaphazeleko loqoqosho ngenxa yolosuleleko lweentwala kushishino lweegusha e-Australia ngo-1990 - 1991 lwaluqikelelwa ngaphaya kwezigidi ezi-$300.  Iintwala zinciphisa ingeniso yoboya ngokuthi zinciphise ubunzima boboya begusha kunye nokuthoba ubulunga boboya begusha. Iigusha neebhokhwe ezizele zintwala ziye zizigudle zizonwaye kwaye zintlantlathe ubuya bazo nto leyo ebangela umonakalo ongaphezulu. Oku kuzonwaya kusenokuyibeka igusha emngciphekweni wokuhlaselwa ziimpukane, nto leyo eyandisa ukuphulukana noqoqosho.

Uvavanyo lokulinga e-Australia lubonise ukuba nkqu nokungazali kakhulu ziintwala kungabangela ukulahlekelwa zii-R7.47 ngentloko nganye (ngokubhekiselele kucoceko lwe-1908c/kg) kwaye ukuzala kakhulu zintwala kungakhokelela ekulahlekweleni zii-R42.75/intloko!

Ubomi bayo
Ubomi bayo

Iintwala zeegusha neebhokhwe zizidleleli eziyimfanelo. Iigusha neebhokhwe ezicocekileyo zingazifumana kuphela iintwala ngokuthi zidibane ngqo nezo zizele zezi ntwala okanye zidluliselwe ngezinto ezisetyenziswayo (impahla, izithuthi njl njl.). Kungenzeka zizale ngokukhawuleza ezi ntwala kwigusha okanye kwibhokhwe enye zize zisasazeke ngokukhawuleza ziye nakwezinye.

Kwenziwa umboniso weegusha ezimbini ezinentwala ezathi zahlanganiswa nezingamashumi amahlanu ezingenazintwala, kwakhokelela ekubeni zonke zibe neentwala kwinyanga nje ezili-16. Ngelo xesha malunga nesiqingatha sazo ziza kube zizele zezi ntwala phantse ngokupheleleyo.

Ukuze uphumelele ukulawula ngokwaneleyo i-Damalinia limbata kunye ne-Bovicola ovis ezigusheni nasezibhokhweni kubalulekile ukuzisebenzisa ngendlela efanelekileyo iimveliso.


Isazobe 3: Ukuxhwitheka koboya
obubangelwa ziintwala

Ngokwesithethe emva kokucheba, ukudipha ngesibulali-zitshabalalisi (umz. i-Dazzel nf) okanye nge-pyrethroid (umz. i-Zeropar) eziqulathe iidiphu, ezibulala iintwala ngokwaneleyo, kodwa kule minyaka yamva nje kuye kwavela iintwala ezixhathisayo ekufeni kwaye lusanda kufunyanwa ulawulo lwazo ngokusetyenziswa kwabalawulo bokukhula kwezinambuzane (IGR)

Njengabalawuli bokukhula kwezinambuzane (umz. Triflumuron (Zapp)) ichaphazela kuphela inkqubo yokobuza, iintwala ezindala azikabulawa. Ngako oko kungathatha malunga neeveki ezili-14 ukuze zife iintwala ezindala. Ukucutheka ngokukhawuleza kweentwala kuye kubonakale kwiiveki nje eziliqela nto leyo ebonakalisa impumelelo yokulawula ukobuza kombungu kunye nophunguphungu.

Yonke imveliso, nokuba inempembelelo kangakananina ifanele ukusetyenziswa kakuhle ukuze ube nomhlambi ongenazintwala. Ukuzithathela ingqalelo iinkcukacha kubalulekile. product, no matter how effective must be used correctly to achieve and maintain a lice free flock. Attention to detail is important.



George Cox                                                

ELSENBURG / IMPILO YESILWANYANA SAKWA-BAYER