| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, izifo: 20 |
![]() Click to enlarge! |
Izilonda ezinokhoko olunobubuvu adla ngokuba nazo amatakane apha emilonyeni zidla ngokubakho xa oonina nabo benazo apha emibeleni, kwaye zibangwa yintsholongwane. Ukusuleleka zezi zilonda efama kuhlwayelwa yimpahla. Le ntsholongwane ke ayitshabalali msinya, into ke leyo eyenza ukuba kube lula kakhulu ukuba ihlale iminyaka ngeminyaka ikhona iphila apha ngasezintlantini zeegusha nangakwezi ndawo zibiyelweyo zivalelwa kuzo.
Le ntsholongwane ingena esikhumbeni ngezilonda, ifike ihlale apha phantsi kwaso, kodwa ingangeni nzulu kakhulu. Ukutyisa kwiindawo ezinameva nakwiindawo apho iimeko zinokubangela umenzakalo esikhumbeni, zezinye zezinto eziye zibe negalelo ekuqhambukeni kwesi sifo. Amatakane wona aye asuleleke ngokuthi ancance kwimibele enazo ezi zilonda. Ezi zilonda ke ziyakwazi nokuba zibekho nalapha ngaphakathi emlonyeni. Ukungena kweebhaktheriya kuye kuyenze mandundu kakhulu imeko ngokuthi kuzenze zikrale kakhulu ezi zilonda, zibe nabo nobubovu. |
Enye into eye yenzeke, nangona ingaxhaphakanga kakhulu ukwenzeka, kukuvela kwesigulo esele sibizwa "istrawberry foot-rot''. Le nto idla ngokwenzeka ngokuthi la maqhakuvana anobubovu alapha ezinyaweni angenwe ziibhaktheriya, ziwenze ajike abe zizilonda ezifana namaqunube.
Ngakwicala lezoqoqosho kuye ke kubekho ilahleko ngenxa yobunkenenkene bemeko aye abe kuyo amatakane. Le milebe yawo icandekileyo ibuhlungu, into ke leyo eye iwenze angaseli ngokwaneleyo amatakane. Ezi zilonda zilapha emibeleni yeemazi zinokuthi zakungenwa nazezinye iintsholongwane, iimazi zingenwe sisifo semibele, into ke leyo enokuthi izenze zibe zizaqhaga ubomi obu bazo bonke.
Unyango luye lujoliswe ekuthinteleni ukungena kweentsholongwane zezinye izifo apha kwezi zilonda. Izibulala-ntsholongwane ezifana ne-ayodini (iodine) zilunge kakhulu; kanti ke ilanolin, esisithambiso esenziwe ngamafutha oboya begusha, iyinceda kakhulu imilebe yamatakane iyenze ithambe kamnandi, iphelise ukucandeka kwayo. Ngoko ke isithambiso esenziwe ngobisi esinayo i-ayodini nelanolini siluncedo kakhulu ekuthambiseni ezi zilonda. Kambe ke kwiimeko apho izilonda sele zigabadele anokutofwa ngezitofu zokubulala iintlungu neentsholongwane.
Likhona iyeza lokugonya elingabizi kakhulu ngexabiso enokugonywa ngalo impahla elikukhawulezisa kakhulu ukuphila kwezo zigulayo, likuthintele nokusuleleka kwezo zisaphilileyo.
MP van Aardt
ELSENBURG / SPRINGBOK Veterinary
Services