home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, izifo: 19

Izityalo eziyityhefu enamakhwa Afrikaans | English

Click to enlarge!
Iimeko eziziimpawu zeNamakhwa zinegalelo elikhulu kakhulu kwilahleko ethi yenzeke kweliya, isenziwa zizityalo eziyityhefu - umzekelo, ubuninzi besityalo ekuthiwa yiGladdehaarbossie.

Imeko yokunqongophala kwemvula okwenza ukuba amadlelo athande ukuba abe krelekrele ngakwicala lotyani, yenza ukuba impahla itye nje konke okusisityalo, idibanisa nezo ibingasayi kuzitya xa ibisemadlelweni abhetele.


Click to enlarge!
Ininzi kakhulu ilahleko eyenziwa kukutya kakhulu iKraalbos (Galeria Africana) eyenza igalimoya.

Njengokuba izilwanyana zikholisa ukufudukela kwiingingqi ezineemvula ebusika nakwezo zineemvula ehlotyeni, ziye zithi ke kuloo mfuduko ngokuxheshwa liphango zitye nje yonke into esisityalo ezidibana naso apha endleleni. Kambe ke kwezo zityalo kukho nezityalo ezingafunekiyo ezifana neAsclepia en Gnidia. Ngamanye amaxesha kuye kuthi ngenxa yokuba zininzi kwezinto zolimo eziqhubekayo ezifama kunyanzeleke ukuba impahla ihlaliswe ixesha elide kwiindawo ezibiyelweyo, zize ke zithi xa zivulelwa ukuba ziye kuzityela, zibe sele zibetheke kakhulu yindlala, into ke leyo ezenza ukuba zitye nezityalo eziyityhefu. Izithole eziqhame kunene eziye zithi chethu emva kweemvulana zokuqala zithandwa kakhulu yimpahla ebethekileyo. Izityalo ezikuhlobo lwebushtick berry (Osteospermum moniliferum) - ezinombizane onelona galelo likhulu ekuziseni abakhenkethi kweliya laseNamakhwa - zine-asidi eninzi eyityhefu emanzini azo (iprussic acid) enokuthi kwiimeko ezithile ibange ilahleko eninzi kakhulu yemfuyo.

Iimvula zokuqala ezinkulu zasekungeneni kwehlobo zenza ukuba kubekho intshinyela yesithabazi seDuifiedoring (Tribulus terrestis) ebanga isigulo esiyiTribulosis. Xa unyaka ingunyaka ombi esi sifo singabulala intlaninge yeegusha.

Esinye isifo esixhaphakileyo sisifo ekuthiwa yiLoco (Loco disease) esiye sivele xa impahla itye izityalo ezikuhlobo lweCotyledon neTylecodon. Ityhefu yezi zityalo iye iqokelelane apha emzimbeni wezilwanyana, ide ke izibulale ukuba ngaba zizitye kakhulu ezi zityalo. Kanti ke nokuba azizityanga kakhulu, ukuzitya qho kuyazibulala izilwanyana, nokuba isilwanyana simana sisitya isityalo esinye nje. Le tyhefu iyakwazi ke nokuba iye kutsho elubisini lwesilwanyana, ize ke idluliseke ngalo. Amatakane eebhokhwe avalelwa ezintlantini ayafunyanwa nawo sesi sifo ukuba ngaba oonina bazityile ezi zityalo.

Esi sifo seLoco siyadlulisekela nakwezinye izilwanyana ebezingakhange zona zizitye ezi zityalo, umzekelo, xa izinja ziye zatya inyama yezilwanyana ezifileyo ezibulewe sesi sifo.

Ezi zityalo zilandelayo ziyityhefu ziyafumaneka eNamakhwa:

Cotyledon Plakkie Isifo seLoco
Tylecodon Plakkie Isifo seLoco
Ornithoglossum Gif-ui Ityhefu yentliziyo nemithambo yoluvo
Ornithogalum Chinkerinchee Ukumfameka nokurhuda
Thesium Vaalstorm Umonakalo entliziyweni
Melianthus Touch-me-not Umonakalo entliziyweni
Geigeria Vermeerbos Ubuthathaka bomqala
Homeria Poisonous iris Ityhefu yentliziyo nemithambo yoluvo
Trachyandra Gladdehaarbossie Umonakalo ezihlunwini, ityhefu yemithambo yoluvo
Euphorbia Euphorbia Ityhefu yemithambo yoluvo
Sarcostemma Euphorbia Ityhefu yemithambo yoluvo
Tribulus Devil's thorn, Duifiedoring Umonakalo kumbhobho wenyongo, ukungafunani nokukhanya
Athanasia Klaaslouwbos Umonakalo esibindini, ukungafunani nokukhanya
Asaemia Vuursiektebos Vuursiekte
Galenia Kraalbos Igalimoya
Pteronia Scholtzbossie Ityehfu yesibindi
Ricinus Castor-oil plant Ukurhuda, ityhefu yemithambo yoluvo

Phezu kwezi zityalo zininzi zaziwa kakhulu ngokuba yityhefu, zininzi kakhulu ezinye ezikrokrelekayo nazo. Kambe ke kusafuneka ukuba kukhe kwenziwe uphando ngazo.


Click to enlarge!
Unyango lwetyhefu yezityalo alukho lula; lunzima, kwaye ithi ize inyangeke ngokuphumeleleyo impahla ibe ikhawulezelwe, ingaphelanga iyure okanye iiyure ezimbini emva kokuba itye ezi zityalo. Elona yeza liyinkunzi ekuthibazeni amandla etyhefu yezityalo yikhabhoni. Ithi xa kukhawulezwe kwasezwa ngayo idibane nale tyhefu phaya esiswini, ize ke njalo ikuthintele ukufunxeka kwayo. I-oyile yembewu yefulakisi (linseed oil) kunye namanzi ekalika zinceda kakhulu ekukhuseleni umphakathi wamathumbu ekutshotshozelelweni zizinto ezikule tyhefu, nasekuthinteleni ukurhuda. Xa impahla ifunyenwe yiTribulosis okanye yigalimoya kunokusetyenziswa amayeza okuvuselela ukusebenza kwesibindi, okanye ke ukuba ngaba inesifo seLoco kusetyenziswe ikhothizowuni (eliyeza lokunyanga inwebu okanye ufele), nakubeni onke la malinge engaqinisekisi impumelelo epheleleyo yonyango. Iyeza iHypo (sodium triasulphate) inceda kakhulu ekunyangeni ityhefu eyenza iprussic acid (hydrocyanic acid), ukuba ngaba kukhawuleziwe ukuyiseza. Kanti ke iHypo inokuxutywa nawo namanzi, impahla isezelwe ukuyikhusela ekungenweni yile tyhefu.

Kambe ke eyona ndlela iyinkunzi ekuthintelweni kwezifo ezibangwa ziityhefu zezityalo kukuba kubekho amanyathelo acwangciswe kakuhle ajoliswe ekunciphiseni ezo zinto zingoonobangela bokungenwa kwempahla yityhefu.

MP van Aardt
ELSENBURG / SPRINGBOK Veterinary Services