| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, izifo: 18 |
![]() Click to enlarge! |
Phaya phezu kweGqili kukho enye yeengingqi ezimbalwa apha kweli lizwe apho sisaxhaphakileyo isifo sodila, ekudla ngokuthiwa xa sibizwa ngamanye amaxesha yinyama yamakhwenkwe. Ukuba ninzi kwekalika kwakunye nokungabikho kwezinto ezikhula emhlabeni waphaya oyintlabathi oshushu nowomileyo kubanga iimeko ezithandwa kakhulu yibhaktheriya iBacillus anthracis ethi ikwazi ukuhlala iinkulungwane ngeenkulungwane ngenxa yembewu ethi iyivelise nethi yande kakhulu.
Into esiye sithi siyibonakalise njengolona phawu lwaso esi sifo yindyikityha yokufa esithi siyenze. Izilwanyana ezibulewe sesi sifo ziye zifumaneke zitsho ngeempumlo ezivuza igazi elimnyama apha ezimpumlweni nalapha ngemva. Xa sithe isilwanyana esigula ngesi sifo safane sabhaqwa siye sibonakale sinomkhuhlane omandundu kakhulu nomkhunyu omnyama, kube lapha nokutshunguza phambi kokuba sife. |
![]() Click to enlarge! |
Udila sisifo esinokuthi sinabele nasebantwini, mhlawumbi xa behlinza izilwanyana ezibulewe sesi sifo okanye xa beye baphatha iimfele zazo. Ebantwini siye sizibonakalise ngokuthi igazi lisuleleke limenze umntu aphume izilonda adumbe namadlala, into ke leyo efuna ukukhawulezelwa ngonyango lwakwagqirha. Le meko ke ingaba nako ukunyangeka xa umntu enokukhawulezelwa ngokunikwa izinto zokuyibulala le bhaktheriya. |
![]() Click to enlarge! |
Xa kunokuthi kukrokreleke ukuba isilwanyana esithile esifileyo siye safa ngenxa yokuba nesifo sodila, kufuneka singahlinzwa kwa-ukuhlinzwa, kuba kaloku eziya zigidi zeembewu zithi zikhutshwe yile bhakteriya yakudibana ne-oksijeni ziyakwazi ukuhlala iinkulungwane ngeenkulungwane. Kufuneka ke kuthathwe isampulu yegazi ngokuthi kusikwe apha encamini yendlebe, lize ke igazi elo lithontsizelwe kwisilayidi. Le sampulu yegazi ke kufuneka iye kuxilongwa ngugqirha wezilwanyana, ajonge ukuba ngaba akukho zimpawu zibonisa eziya bhakteriya zodila na. |
Udila sisifo ekufuneka ukuba ngokomthetho kwaziswe iziphathamandla ngaso xa sithe sabhaqwa, okanye sakrokrelwa, ngokuya kusibika kwi-ofisi ekufutshane kagqirha wezilwanyana karhulumente. Siyathintelwa ke kambe esi sifo ngokuthi izilwanyana zigonywe okanye zibekwe kwindawo yazo zodwa ezo zinaso esi sifo. Sinokuthintelwa ngokuthi qho ngonyaka kugonywe ngogonyo lokuthintela udila. Ugonyo lweenkomo lusisinyanzelo ngokwasemthethweni; kanti ke kwiindawo esixhaphakileyo kuzo esi sifo nempahla emfutshane kuyafuneka ukuba isigonyelwe. Xa kugonywa eziya bhokhwe zingoontlokwibomvu, iiboer bhokhwe, kufuneka ku-entwe apha emiphakathweni kuphela.
MP van Aardt
ELSENBURG / SPRINGBOK Veterinary
Services