| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, imphatho: 14 |
![]() Click to enlarge! |
Inkunzi yenkomo yohlobo ingawabiza namaR10,000 ngexabiso kule mihla, kanti kona ukuyixheshisa kuyaya nakwiR3 ngemini ngamanye amazwi ke loo nto ithetha ukuba ngonyaka loo ndleko ifika kwi-R1,100. Kanti ke xa kucingwa ngale ndleko kufuneka kukhunjulwe nokuba inkunzi yenkomo enye iyakwazi ukuba isasaze isifo kwintlaninge yeemazi okanye kwayona inkunzi le inokusuka iqutyulwe sisifo ikhawuleze ife. Kanti ke ngenx'enye ukumithisa ngamadlozi afakwe ngesirinji yindlela yokuzalisa iimazi ngamadlozi akhanywe kwinkunzi ekhethiweyo ngokwaziwa kwayo. Ngexesha lokusukela inkunzi yenkomo inokusukela iimazi ezingamashumi amabini anesihlanu ukuya nakwezingamashumi amathathu. Kambe ke xa kunokukhanywa amadlozi enkunzi, aze axutywe namanzi okanye nenye into yokucutha amandla awo, loo nkunzi ingazalisa amawaka eemazi. |
![]() Click to enlarge! |
Inkunzi yenkomo engathi iyathembisa iye ivavanywe ngokuyidibanisa neemazi. Kuye kuthi ke kwakufunyaniswa ukuba inzala yayo iqhuba kakuhle kakhulu, kwaye iyehlisa nokwehlisa, kukhanywe amadlozi ayo aze ke athengiswe kulo lonke eli limiweyo.
Abafuyi bamithisa ngamadlozi afakwe ngesirinji imfuyo yabo ngenxa yezi zizathu zilandelayo:
|
![]() Click to enlarge! |
Nanzi iindawo ezifuna ukuqatshelwa ukuze kube nempumelelo ukumithisa ngesirinji:
|
![]() Click to enlarge! |
|
![]() Click to enlarge! |
|
![]() Click to enlarge! |
Umntu ofaka imazi amadlozi ngesirinji kufuneka abe ngumntu oyiqondayo indlela yokuzala yemazi yenkomo, kwakunye nokuba apha ngaphakathi injani na imazi yenkomo. Xa kufakwa amadlozi ngesirinji esi sandla sasekhohlo sifakwa apha kundluku wemazi ukwenzela ukubamba umlomo wesibeleko (wesizalo) esi. Ipistolana le ke ifakwa apha emlonyeni wesibeleko, aze ke amadlozi atsaziselwe phaya esibelekweni. |
![]() Click to enlarge! |
Nantsi ke into ye yenzeke: Xa imazi isima, ingabaleki, xa ezinye iimazi zikhwela kuyo, loo nto ithetha ukuba iyazifuna iinkunzi. Imazi ezibonakalise ukufuna iinkunzi kusasa kufuneka ziwafakwe emva kwemini amadlozi, zize ezo zifuna iinkunzi malanga ziwafakwe kusasa ngosuku olulandelayo. |
![]() Click to enlarge! |
Iinkomo zenyama ezitya phaya ethafeni zona zinokufakwa amadlozi xa iimazi zibonakalisa ukufuna iinkunzi ngokuthi zime, zingabaleki xa ezinye iimazi zikhwela kuzo. |
![]() Click to enlarge! |
Xa imazi ibonakalisa ukuvuza apha ngemva, kube apha kuyo kubonakala nemitshithi eyenziwe zezi mazi bezizama ukuyikhwela, loo nto ixela ukuba seyifuna iinkunzi. |
![]() Click to enlarge! |
Mayithathwe ke le mazi iye kufakwa kulaa ndawo imxinwa, ize iviwe ngesandla ukuba ayingebi kanti sele ifakile na. |
![]() Click to enlarge! |
Makuthathwe ke laa mfunxana ifakwe emanzini abushushu buphakathi kwe-32°C ne-35°C. Iyasulwa ke, ifakwe phaya kwipistolana leya. Incam yemfunxana le iyasikwa. Ipistolana ifakwa isingxobo sayo. |
![]() Click to enlarge! |
Ukwenzela ukunqanda ukusuleleka ziimbewu zezifo, kufuneka ukuba isingxobo esi singabanjwa phaya phambili. Kufakwa laa glavu yokufaka amadlozi, size ke isandla siqatywe into yokusenza mnyubuluzi. Siyafakwa ke ngoku esi sandla apha kundluku wemazi , kuze ke ngobuchulekazi obukhulu kufakwe ipistolana le apha ebufazini. |
![]() Click to enlarge! |
Iyahanjiswa ke ngobunono ipistoli iye kutsho emlonyeni wesibeleko. Kutsaziselwa isahlulo sesithathu esinye samadlozi esibelekweni, kuba kulapho akwaziyo ukuphila ixesha elide khona. Iyakhutshwa ke ipistolana nemazi iyekwe iphume kule ndawo imxinwa.
Kufuneka ke ukuba kubhalwe phantsi ukuba yawafakwa nini na le mazi amadlozi, nokuba loo madlozi ayengaweyiphi na inkunzi. Makuqwalaselwe kananjalo ukuba ngaba emva kweeveki ezintathu le mazi ayiphindi ibonakalise ukufuna iinkunzi na. Kwakhona emva kweenyanga ezimbini mayivavanywe le mazi ukuqinisekisa ukuba ngaba ifakile na. |
![]() Click to enlarge! |
Ubuchule bokukwazi ukufaka amadlozi buthatha ixesha elide ukufumaneka, njengokuba umntu esiya eqhela nje ukuyenza le nto, kodwa isiqhamo esihle sabo obu buchule lithole elihle elinomnombo osemgangathweni.
Ukumithisa ngokufaka amadlozi ngesirinji yinto eyenziwa ngempumelelo kuphela ngumntu okuqeqeshelweyo ukwenza le nto. Uqeqesho ekwenzeni le nto lufumaneka kwabo bangabathengisi bamadlozi bafana nabakwaTaurus nakwa-ABS. |
R Meeske
ELSENBURG / SOUTH COAST ADC