home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, izifo: 12

Isifo samaqhuqhuva esikhumbeni Afrikaans | English

Click to enlarge!
Isifo samaqhuqhuva esikhumbeni sisifo seenkomo esiye sizibonakalise ngokuthi inkomo ibe nomkhuhlane namaqhuqhuva amaninzi acacileyo alapha esikhumbeni, apha emibeleni, empumlweni, emlonyeni nasemakrinini, nangamadlala adumbileyo nokudumba komlenze omnye okanye nangaphezulu.

Click to enlarge!
Esi sifo samaqhuqhuva esikhumbeni ayisosifo sibulala kakhulu ezilwanyaneni, kodwa ke ngenxa yokuba ekuhambeni kwethuba siye siwonakalise umzimba wesilwanyana, sinefuthe elibi ngakwicala lezoqoqosho. Elo futhe ke isiphumo salo yilahleko enkulu ethi yenzeke ngenxa yokubhitya kweenkomo ezinaso esi sifo, ngenxa yokuhla kobisi ezilunikayo okanye ukusuka zibe zizaqhaga okoko; ngenxa yobudlolo esithi sibenze ezimazini nokungakhweli kweenkunzi; ngenxa yokuphunza nangenxa yomonakalo ongasenokuba sancedeka.

Ukusuleleka

Ayikafunyaniswa ngokuqiniseke ncam eyona ndlela sithi singene ngayo esi sifo ezinkomeni; kambe ke bukho ubungqina obunika ingqondo ethi izinambuzane ezilumayo zinalo igalelo elikhulu ekuhambiseni esi sifo, kuba sithanda ukuxhaphaka kakhulu kwezi nyanga zimanzi zasehlotyeni nasekwindla. Enye into ebubungqina obunika ingqondo yokuba izinambuzane zinokuba zinenxaxheba ekudluliseni esi sifo kukuba ukwanda kwaso akuthinteleki nokuba ezo zinaso sele zikhethiwe kwezi singekazifumani. Nangona singade sisuke kwenye inkomo siye ngqo kwenye, zinokusulelana xa ngaba ezi zigulayo nezi ziphilileyo zisela kumkhombe omnye.

Amathole asancancayo angasifumana esi sifo ngokuthi ancance ubisi olunaso. Kanti ke ngenx' enye ithole lisenokukhuseleka kwesi sifo iinyanga zide zibe ntandathu ukuba nje lifumana umthubi owaneleyo kunina owathi wasigonyelwa esi sifo.


Click to enlarge!
Iimpawu

Ezinye iinkomo apha emhlambini ziye zikwazi nje ngendalo ukumelana naso esi sifo, kuba iba yi-40% ukuya kwi-50% nje kuphela eye isuleleke apha emhlambini xa zithe zafakwa intsholongwane yaso ngenjongo yokwenza uvavanyo.

Emva kwesithuba sokufukama kwale ntsholongwane esiziiveki ezimbini ukuya kwezintathu, inkomo iye iqalwe ngumkhuhlane ohamba nokuphelelwa ngumdla wokutya, ukuvuza izinkcwe kakhulu nokuvuza kweempumlo.


Click to enlarge!
La maqhuqhuva asesikhumbeni aqalisa ukuvela emva kweentsuku ezine ukuya kwezilishumi uqalile umkhuhlane, kwaye ke ngobukhulu aye ashiyane ukusuka kwi-5mm ukuya kwi-50mm, kanti nangobuninzi bawo ayashiyana, ukusuka kwambalwana nje ukuya kwangamakhulu-khulu.

Click to enlarge!
La maqhuqhuva athe fuku, angquthu (arawundi) kwaye acacile, kunjalo nje aqinile. Ayakwazi kunjalo nje nokuba akhawuleze aye eqina ngokuqina akwazi ukuhlala ekho isithuba sonyaka nangaphezulu, kanti ke ngeny' ixesha aye awe, ashiye kufothoke nzulu kwezo ndawo ebekuzo. Amaxesha amaninzi xa isikhumba sinezilonda imilenze iyadumba nayo, kanti ke nofele olu luyafa luxobuke. Oku kuxobuka ke kuye kushiye izilonda ezibi ezinobuzaza apha emilenzeni. Kusenokwenzeka nokuba inkomo ingenwe nasisifo semibele, into ke leyo eza nelahleko enkulu, ngenxa yaloo monakalo uhlala uhleli apha enyameni yemibele.

Click to enlarge!
Uxilongo loqinisekiso

Uxilongo lokuqiniseka ubukho besi sifo kusakuba kuqatshelwe iimpawu ezi lunokwenziwa ngokusebenzisa imayikhroskophu yombane ekujongeni intsholongwane yesi sifo apha kula maqhuqhuva. Kolu xilongo ubukho besi sifo bucaca kwisithuba seeyure ezingama-20 ukuya kwezingama-48.

Indlela yokusithintela

Njengoko kucacile ukuba izinambuzane zinalo igalelo ekuhambiseni esi sifo, iinkomo zinokuthi zitshizwe ngento yokubulala izinambuzane ngala maxesha onyaka zininzi ngawo.

Kambe ke eyona ndlela iyinkunzi ekuthinteleni esi sifo kukuba iinkomo zisigonyelwe. Amathole eemazi ezingazange zigonywe okanye eemazi ezingazange zikhe zibe naso esi sifo, anakho ukuba angagonywa nokuba angakanani na ngobudala. Amathole eemazi esele zisigonyelwe wona kufuneka agonywe emva kokuba ezigqibile iinyanga ezintandathu ubudala.

Emva koku ke kufuneka kugonywe qho ngonyaka ngamnye.

DH de Lange
ELSENBURG / GEORGE Veterinary Services