home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, isondlo: 6

Imixhesho yeemazi zobisi Afrikaans | English

Ukuze umfuyi akwazi ukuba ayicwangcise kakuhle indlela aza kuzixheshisa ngayo iimazi zakhe zobisi; kubalulekile ukuba aziqonde kakhuhle iimfuno zale mpahla, ngokunjalo nezithako enazo imixhesho efumanekayo. Into edla ngokwenzeka kukuba kuye athi umfuyi, ngenxa yokungabi nalwazi, impahla ayixheshise ade agqithise, okanye ayicuntse kakhulu xa exheshisa, into ke leyo edala ilahleko enkulu.

Imixhesho yeemazi zobisi yahlulwe ngokwezi ndindi zilandelayo : ezizintlakantlakiso (ifuru, iindiza zesisele eziluhlaza, ingca yamadlelo nesitroyi) kunye neyamandla (umbona, ingqolowa, njl). Zininzi ke izinto ezinegalelo kumgangatho wesondlo sezintlakantlakiso ezifana nefuru neendiza zesisele eziluhlaza, umzekelo, into yokuba eso silimo sisikwe xa singakanani na, neyokuba ngaba alahleke kangakanani na amagqabi aso kwakunye nento yokuba ngaba siye sagcinwa njani na emva kokusikwa.

Nazi ke izintlakantlakiso ezikhoyo:

  • Ifuru yezilimo eziyimidumba

Eyona yaziwa kakhulu kolu uhlobo yilusini. Imnandi kakhulu, kwaye iluncedo kakhulu phantse kuyo yonke imixhesho. Iprothini yayo ininzi kakhulu nakubeni ke kambe ibusilela noko ngakwicala lokunika amandla. Ihambelana kakuhle kakhulu nemixhesho efana neendiza zesisele zombona, nombona kunye nejem yeenkomo. Ayikhathali nokuba iye yadityaniswa yangakanani na. Njengoko iqulathe ikhalsiyam eninzi kakhulu, kufuneka ukuba zingayinikwa iimazi ezisaphusileyo ezithandwa ngumkhuhlane wobisi (i-milk fever).

Ifuru yee-erityisi yona ingaphantsi kweyelusini ngokomgangatho wesondlo sayo (ngakumbi ngenxa yokuba yona isuswe iinkozo). Ukuba ngaba kufumaniseka ukuba ifuru yee-erityisi ibuqina noko, kunokuba bhetele xa inokunqunqwa, khona ukuze unyuke umthamo wetyekayo.

  • Ifuru yezilimo ezineenkozo neyengca

Olu uhlobo lwefuru lona lungaphantsi kwifuru yezilimo eziyimidumba ngeprothini nekhalsiyam. Eyona nto ingamandla ekuqinisekiseni ukuba le furu iyatyeka kwaye inaso ngokwaneleyo nesondlo kukuba ngaba apha ekukhuleni kwaso isilimo eso siye sasikwa xa singakanani na. Iimazi ezisengwayo zona aziyinikwa kakhulu ngale nxa yokuba umgangatho wayo uphantsi noko.

  • Amadlelo

Ukutyisa emadlelweni yeyona ndlela inezona ndleko ziphantsi ngokuqinisekisa ukuba iimazi zobisi ziyazifumana izintlakantlakiso. Apha ekutyiseni emadlelweni izinto ezenza ukuba iimazi zingehlisi ngokupheleleyo isikakhulu kukusilela kwezityalo ngakwicala lezinikamandla kwakunye nobuninzi bamanzi azo. Iprothini yengca iryegrass ikholisa ukuba phezulu kakhulu. Unomadolwana (kikuyu) yena unekhalsiyam encinane kakhulu. Amanye amadlelo ngenx' enye anengxaki yokuba nepoteziyam eninzi kakhulu into ke leyo enokwenza ukuqhambuka komkhuhlane wobisi (milk fever).

  • Isitroyi

Olu uhlobo lomxhesho yimicinga namagqabi ezithi zibe yintsalela sisakuba sibhuliwe isilimo eso. Isitroyi sezilimo ezineenkozo lolona hlobo lwaziwa kakhulu kwizintlakantlakiso ezikumgangatho ophantsi ngokwesondlo. Isitroyi sineprothini encinane kakhulu, ngokunjalo nakwizinikamandla nakwiiminerali. Kwezona zilimo zixhaphakileyo zineenkozo ezincinane esona sinesitroyi sinexabiso sesehabile, silandelwe seserhasi, kuze esengqolowa. Iindiza zombona kunye nezamazimba ziyafana ngomgangatho nesitroyi sehabile, okanye zingade zibe ngaphezulu nokuba ngaphezulu. Iindiza kufuneka ukuba zinqunqwe ukuze zityeke kakuhle. Ngenxa yokuba izitroyi zikumgangatho ophantsi ngakwicala lesondlo, azibandakanywa kakhulu xa kuxheshiswa. Isitroyi sezilimo ezineenkozo ezincinane kunokuba bhetele xa singenakusetyenziswa ekuxheshiseni iimazi zobisi. Xa sinokuthi sibe nezinye izinto esisetyenziswa naso, isitroyi kunokuxheshiswa ngaso amathokazi.

Entshona Koloni nakwiKoloni eseZantsi (eMzantsi Koloni) umgangatho wesitroyi sezilimo ezineenkozo ezincinane uye uphuculwe ngokuthi siditshwe nge-amoniya, siditshelwe esitheni okanye e-ondini. Ngokwenza oku izinikamandla neprothini zesitroyi ziye ziphuculeke noko, ngokunjalo nencasa yaso. Kwiimazi zobisi akufuneki ukuba umthamo wesitroyi esiyinxenye yomxhesho ube ngaphezulu kwe-40% yomxhesho lowo. Xa ngaba kuye kwaxheshiswa ngesitroyi esiditshwe nge-amoniya, kubalulekile ukuba kufakwe nezinto zokongeza amazinga omthamo wefosiforasi, owemagneziyam, owezinki, owekhobalthi, oweseleniyam nowekopa kanti ngokunjalo nokaVitamin A nokaVitamin E.

  • Izilimo zeendiza zesisele

Le ndlela yokugcina izintlakantlakiso yeyona ineendleko ephantsi. Esona silimo sisetyenziswa kakhulu ekwenzeni olu hlobo lomxhesho ngumbona. Kanti ke nakwiintlobo ezininzi zengca nakwizilimo eziyimiduba unokwenziwa umxhesho wesisele osemgangathweni. Umxhesho wesisele uba namanzi amaninzi, into ke leyo ewenza uhluthise msinya. Umthamo weprothini equlathwe ngulo mxhesho udla ngokuba ngaphezulu kunalowo ufumaneka kwiifuru. Ukulungele kakhulu ukuxheshisa impahla esencinane kodwa ingaphezulu kwiinyanga ezilithoba ubudala. Akukho namfuneko yokuba uqingqwe umthamo wawo oyinxenye yomxhesho onikwa iimazi zobisi. Umxhesho wesisele ongundileyo udla ngokuba nomngundo oneetyhefu eziyingozi, into ke leyo ethetha ukuba impahla akufuneki ixheshiswe ngomxhesho wesisele onomngundo.

  • Imixhesho yamandla neeminerali

Izikhewu ezikhoyo kwisondlo semixhesho ezizizintlakantlakiso siye zivalwe ngokuncedisa ngemixhesho yamandla nangeeminerali, khona ukuze iimfuno zomzimba wempahla zifezekiseke. Akufuneki ukuba impahla ixheshiswe ngemixhesho eqinileyo kuphela. Le mixhesho yamandla ilandelayo ikholise kakhulu ukusetyenziswa:

Irhasi: Xa ikumgangatho ophezulu, irhasi iyakwazi iyodwa nje okanye idityaniswe nenye irhasi eneenkozo ezincinane, ukuba ithathe i-70% yendawo yombona.

Umgubo wegazi: Ininzi iprothini efumaneka kolu hlobo lomxhesho. Kambe ke kusenokubakho ingxaki yencasa, ngakumbi ukuba uthe wadityaniswa nomgubo wenyama (isincedisi seprothini).

Umgubo wamathambo: Lo mxhesho wenziwa ngamathambo aye aphekwa, aza omiswa, asilwa kwaye kuxheshwa ngawo ngeenjongo zokunika ikhalsiyam nefosiforasi. Ukwaqulathe lukhulu ngakwicala lezikhulisi zomzimba.

Iintsipho zabenzi bebhiye: Le yintsalela ethi ihlengeke xa bekusenziwa ibhiye eyiLager, kwaye ingumxube werhasi, nombona kunye nesilumiso (isiriderhi/ iyisti) sabenzi bebhiye. Lo mxhesho unencasa kakhulu, kwaye akunabungozi ukuyisebenzisa.

Umgquba weenkuku: Zimbini iindidi zalo mxhesho - umgquba weenkuku zamaqanda kunye nomgquba weenkuku zenyama. Isikakhulu umgquba weenkuku zamaqanda awunankunkuma, (yezinto zokwendlala) kwaye kunjalo nje uneprothini engaphezulu kwaleyo ifumaneka koweenkuku zenyama okholisa ngokuba nenkunkuma yezinto zokwandlala, ezifana nengququ yamaplanga asarhiweyo (isodasti) namaphepha. Umgquba weenkuku ukufanele kakhulu ukusetyenziswa kumxhesho wempahla esakhulayo engaphezulu kweenyanga ezintandathu ukuya kwezilithoba ubudala. Phambi kokuba impahla ixheshiswe ngalo mxhesho, kufuneka ukuba yonke iqale ngokugonyelwa isifo setyhefu yezinto ezibolileyo (botulism).

Amazimba: Kucetyiswa ukuba amazimba makasilwe ngomatshini wokusila oyiroller mill, kuba lowa wehamile (hammer-mill) wona uwacola kakhulu. Xa ecoleke kakhulu lo mxhesho uba nobunkuphunkuphu obuwenza uphelelwe yincasa. Akukho nto inokuwenza ungakwazi ukuthatha indawo yombona.

Umgubo wentlanzi: Lo mxhesho uqulathe lukhulu ngakwicala leprothini. Kambe ke ingabakhona ingxaki yencasa emlonyeni, ngakumbi xa impahla ingawuqhelanga.

Amandongomane: Xa ethe axutywa kakhulu emxheshweni ekuxheshiswa ngawo aye abangele urhudo, kunjalo nje nomthamo wamafutha ebhotolo apha elubisini uye ucutheke, ngokunjalo noweprothini.

Umgubo we-oyile yamandongomane: Iprothini yalo mxhesho ininzi kakhulu, kwaye unencasa kakhulu, nakubeni ke kambe ikhona nengozi yetyhefu eyonakalisa izihlunu.

Imbotyi yengcuka (Lupine seed): Iqulethe lukhulu noko ngakwicala leprothini, kwaye nezinikamandla zayo zininzi.

Umbona: Umbona obomvu kwakunye nomhlophe ngumxhesho ofaneleke kakhulu, kunjalo nje usebenza kakuhle kakhulu xa uye wasilwa kodwa awacolwa, koko wenziwa umgrayo. Ubukhulu bomthambo wesitatshi onaso benza ukuba kungabikho mfuneko yokuwenza mninzi umxhesho wemini.

Umgubo wenyama (isincedisi seprothini): Umgubo wenyama uneprothini eninzi kakhulu, kodwa ke kusenokubakho ingxaki yencasa, ngakumbi xa ngaba usetyenziswa kunye nomgubo wegazi.

Ihabile: Inezintlakantlakiso ezininzi kakhulu, kodwa inencasa kakhulu emlonyeni, kwaye ingayithatha indawo yombona kwimpahla esencinane.

Iisoya: Lo mxhesho uqulathe lukhulu ngakwicala leprothini nezinikamandla ngenxa yokuba umthamo wamafutha onawo mninzi. Kucetyiswa ukuba amathole neemazi zingaxheshiswa ngeesoya, nokuba mazingaze zidityaniswe kwimixhesho enayo neyuriya.

Ujongilanga: Ngenxa yokuba ujongilanga ene-oyile eninzi kakhulu unomthamo wezinikamandla omninzi kakhulu, kodwa ke yona iprothini yakhe ayikho ngako noko. Xa kuthe kwaxheshiswa kakhulu ngojongilanga loo nto ingenza ukuba uhle umthamo wamafutha ebhotolo noweprothini elubisini, kunjalo nje ungabangela norhudo.

Itriticole: Iphantse ukulingana nengqolowa ngakwicala lezinikamandla neprothini.

Iyuriya: Iyuriya ayinayo iprothini, njengoko iyinitrojini eyongezwe amandla. Iibhakteriya ezikhoyo phaya esiswini (kupensi) zinokuyisebenzisa ekwenzeni imicrobe-protein. Iyuriya icumzeka lula ibe yi-amoniya apha esiswini, kwaye ke xa iyuriya ininzi kakhulu ingenza ukuba kubekho i-amoniya eninzi kakhulu eya kuthi ingene egazini ityhutyhe nalo umzimba wempahla, ide iyibulale. Kudla ngokucetyiswa ukuba impahla edla kumadlelo asezifama mayingayinikwa iyuriya kumxhesho wayo.

Ingqolowa: Ngakwicala lezinikamandla ingqolowa iyabethwa noko ngumbona. Xa kuthe kwaxheshiswa kakhulu ngayo impahla ikhawuleza yenze i-asidi eninzi kakhulu emzimbeni wempahla, into leyo engakhawulezi yenzeke xa kuxheshiswa ngombona.

Isemplisi yengqolowa: Umthamo wezinikamandla enazo uphantsi noko, kwaye ine-14% yeprothini; inefosifeyithi eninzi kakhulu.

CJC Muller
ELSENBURG / Research