home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, izifo: 15

Umbathalala Afrikaans | English

Umbathalala sisifo esihlasela inkomo kunye nenyathi. Ezinye zeempawu zawo kukuba awuthathi xesha lide, uhamba nomkhuhlane nomkhinkqi owenza zingabinakho ukuhamba, kwaye ke ukholisa ukuphela tu emva kweentsukwana ezimbalwa nje.

Ukusasazeka

Le ntsholongwane ichaphazeleka lula ngamaqondo obushushu aloo ndawo ikuyo; ngoko ke ixesha eliphilayo xa ingaphandle komzimba lifutshane kakhulu. Izinto ezithi zikhutshwe ngumzimba ngokokusebenza kwawo, akukho nxaxheba zinayo kwaphela ekusasazweni kwesi sifo.

Njengoko esi sifo sisasazwa zizinambuzane, sikholisa ukuqhambuka ekuyeni kuphela kwehlobo nasekuqaleni kokwindla. Akwazeki ukuba kwenzeka ntoni na kule ntsholongwane ngexesha lasebusika, nangona kwizilwanyana zasendle ezifana neenyathi, amanxala neenqu zikhona izilwa-buhlungu esele zikhe zafumaneka.

Iimpawu zesi sifo

Ithuba lokuqandusela elisithathayo ziintsuku ezintathu ukuya kwezintandathu. Indlela esingena ngayo ithanda ukuba yequphayo, kwaye kunjalo nje ihamba nomkhuhlane ohlasela ngamandla kakhulu. Kambe ke ikholisa ngokuba yi-2% ukuya kwi-3% yomhlambi edla ngokuba ichaphazeleke.

Izilwanyana ezileleyo ziye zingakwazi ukuginya, ziqalise nokuvuza izinkcwe. Kukwaxhaphakile nokuba izilwanyana zibe nokuqunjelwa.

Olona phawu luphambili ludla ngokukhawuleza lubonakale kwezo zisengwayo kukukhawuleza kokuhla komthamo wobisi ezilunikayo, ngendlela ekholisa ukwenza ukuba zingaze ziphinde zikwazi ukubuyela kumgangatho wazo wesiqhelo.

Kwizilwanyana ezileleyo enye into enokwenzeka kukungenwa yinyumoniya, into ke leyo enokude izibulale nokuzibulala.

Ngamanye amaxesha ziye ziphunze nokuphunza.

Uxilongo / Ukuxilongwa

Xa kuthe kwabakho ezithile apha emhlambini ezithe zagula, kunokukhe kwenziwe uxilongo lokuqala ngokweempawu ezibonakalayo nangokwexesha lonyaka. Kambe ke xa inye qha egulayo akukho lula, kuba iimpawu zinokubhidaniseka lula nezezinye izigulo ezifana nomkhuhlane wobisi (milk fever) netyhefu yezityalo (Crotaria spp.), ityhefu yokutya okubolileyo okanye ukungabi nafosfeyiti yaneleyo.

Uxilongo lunokuqinisekiswa ngeendlela ezininzi ezahlukeneyo zovavanyo lwaselaboratri.

Unyango

  • Ukuphumla nokukhuseleka kwiimeko zemozulu, umzekelo, izinto ezifana nemvula nomoya.

  • Xa iimpawu ezibonakalayo zifana neziya zomkhuhlane wobisi zinokutofwa ngeborogluconate (njengakumkhuhlane wobisi).

  • Makungabikho nenye into eyisezwayo. Kaloku ayikwazi ukuginya, into ke leyo enokwenza ukuba iyeza elo iliseziweyo liye kuphelela emiphungeni.

Ulawulo

Njengakubuninzi bezifo ezingena ngentsholongwane, eyona ndlela yokusithintela esi sifo kukusigonyela. Kufuneka ukuba zigonywe entwasahlobo, ukwenzela ukuba lithi lifika ihlobo nokwindla ibe impahla igonyeke ngokupheleleyo. Amathole eemazi ezingekagonywa wona angagonywa nokuba kunini na, aze ke wona awezo sele zigonyiwe okanye sele ziphilile (emva kokuba bezigulile) agonywe ukuqalela xa eneenyanga ezintandathu ubudala.

Ugonyo maluphindwe qho ngomnyaka ngamnye, phaya kuSeptemba okanye ku-Oktobha.

DH de Lange
ELSENBURG / GEORGE Veterinary Services