home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, imphatho: 13

Izilwanyana zokuthutha kubafuyi abasakhasayo Afrikaans | English

Click to enlarge!
Iindleko eziphezulu zamafutha ezithuthi, inzala ephezulu yeemali ezibolekiweyo, amaxabiso aphezulu eetrektala (ooganda-ganda) kwakunye nokuhla kwengenelo kwinkalo yezolimo, zonke ezi zezinye zezinto ezimbalwa ezenza ukuba kufuneke ukuba umba wokusetyenziswa kwezilwanyana zokuthutha ukhe uphinde uqwalaselwe ngabafuyi nabalimi abasakhasayo.

Ziziphi iimpawu ezifanelekileyo zesilwanyana sokuthutha?

Makuqatshelwe ukuba isilwanyana sokuthutha akukho mfuneko yokuba side sibe ngathi lihashe lomboniso!


Click to enlarge!
Ezona mpawu zibalulekileyo kwizilwanyana zokuthutha kukuba ngokwendalo yazo aziphaphazeli, kwaye azikho ndlongondlongo, kunjalo nje nomzimba lo wazo uwufanele lo msebenzi wazo.

Akukho lula ukusiqaphela isilwanyana esizole ngendalo; kanti ke xa umntu enokuqwalasela kakuhle ukuba isilwanyana senza ntoni na ngamehlo aso, ngeendlebe nangomzimba lo waso, loo nto ingamnika amanakani okuba siluhlobo olunjani indalo yaso.


Click to enlarge!
Yinto eyaziwayo nje jikelele ukuba kukho iintlobo ezithile zamahashe ezizezona zifanele ukusetyenziswa njengezilwanyana zokuthutha kubekho nezifanele ukuba ngamahashe okukhwela nezifanele ukuba ngamahashe emiboniso. Amahashe ekuthiwa aluhlobo lokuthutha kudla ngokuthiwa ngalawo aneenyawo ezinoboya obungamanqashela.

Click to enlarge!
Olu hlobo lwesilwanyana ke lunamzimba ofanelekileyo ngokobukhulu, into ke leyo eyenza ukuba kube lula ukulusebenzisela ukuvelisa iimeyile ngalo.

Click to enlarge!
Xa kuqwalaselwa umzimba ofanelekileyo kufuneka ukuba iimpuphu nemilenze yesilwanyana sokuthutha zinikwe ingqwalasela enkulu. Isilwanyana ekufuneka kukhethwe sona seso sineempuphu ezibonakala zintle kunjalo nje zingadleki ngokungalinganiyo. Mazilunyukelwe izilwanyana ezineempuphana ezincinane okanye ezinamaqhuma apha emilenzeni okanye ezinamadolo agoso.

Click to enlarge!
Xa linokuthi liqeqeshwe kakuhle ihashe lasefama okanye idonki enkulu okanye imeyile, zingakwazi ukuba zizilwanyana zokuthutha ezifaneleke kakhulu. Umntu ongaphaphazeliyo nokwaziyo ukungxenga igazi udla ngokuba nempumelelo enkulu ekuqeqesheni izilwanyana zokuthutha.

Click to enlarge!
Ukuze umntu aziqonde kakuhle izilwanyana zokusetyenziselwa ukuthutha kufuneka aqaphele ezi ndawo zilandelayo:
  • Amahashe, iidonki kunye neemeyile zizilwanyana ezithanda ukuba phakathi kwezinye izilwanyana. Ngoko ke xa ngaba kunokwenzeka oko, kufuneka kufuywe izilwanyana zibe zibini okanye ngaphezulu, kuba xa kunjalo ziyakwazi ezi zilwanyana ukuba zizalisane. Xa ihashe kufuneka lisebenze lodwa, lowo ulisebenzisayo okanye uliqeqeshayo kufuneka aliqeqeshe ngohlobo olulenza likwazi ukumthobela umntu, kunjalo nje limthembe.

Click to enlarge!
  • Izilwanyana ezifana namahashe zizilwanyana ezinephunga kakhulu, kwaye yinto yazo ngokwendalo ukuba ziyibaleke indawo engathi ineengozi neentlungu. Yiyo ke loo nto ngamanye amaxesha uya kuze ubone ihashe liphaphatheka nenqwelo xa lithe leva ingxolo ephezulu eliyicingela ukuba ingalandelwa kukufumana kwalo ingozi. Akufuneki izilwanyana zingxoliswe okanye zibethwe. Kufuneka ke ukuba ngalo lonke ixesha kuqinisekiswe ukuba izinto zokubopha mazisoloko zikwimeko entle ukwenzela zingabi nangozi ziyenzayo apha emizimbeni yezilwanyana.

Click to enlarge!
  • Kubalulekile ukuba umntu akwazi ukuyitolika into eyenziwa lihashe ngomzimba walo. Ezi zinto zilandelayo zisenokuba ziimpawu ezixela ukuba liyabulaleka, okanye liyoyika okanye lidiniwe: ukuphakamisa intamo nokulalisa iindlebe, ukubetha ithatha, ukubheka-bheka, ukuqinisa amazinyo, nokuphamakisa imilenze yangaphambili lime ngeyangasemva. Ukuliphulula nje kakuhle nokuthetha nalo ngelizwi eliphantsi zizinto ezikwaziyo ukulizolisa ihashe. Kukwabalulekile nokuba ihashe libe namagama eliwaqhelayo iintsingiselo zawo, amagama afana nala: "hogayi'', "hanewu'', "hom''.

Click to enlarge!
Isilwanyana sokuthutha senza imisebenzi emininzi ngokucotha nakwiindawo ezingaphangalelanga kuya phi. Ngoko ke kubalulekile ukuba isilwanyana sikhokelwe kakuhle:
  • Kuba bhetele xa umntu esiba ngasekhohlo kwesilwanyana.
  • Kufuneka ukuba umntu ajonge kwicala esijonge kulo isilwanyana.
  • Umkhala mawubanjwe ngesandla sasekunene kufuphi nehaltile, size esi sasekhohlo sibe phaya ekupheleni komkhala - Umkhala mawungaze ujijelwe apha esandleni.
  • Xa kuqaliswa ngokuqhelisa, isithuba phakathi kwesandla somqhubi nehaltile kufuneka sibe sifutshane, size ke simana ukwandiswa njengokuba lihamba nje eli xesha lokuqhelisa, side sibe yi-45 cm.
  • Liyalele ukuba lihambe libheke phambili ngokuthi wenze isandi esinqonqozisela phantsi, ube bulityhala nje kakuhle ngesi sandla sasekunene nengqiniba.
  • Ukuba ngaba ihashe libonakalisa ukuba noloyiko, kufuneka umkhala lo ungaqiniswa kakhulu, qha kuzanywe nje ukuba malizole ihashe.

Click to enlarge!
Izilwanyana zokuthutha kufuneka ukuba zingakhawulezelwa ukwenziswa izinto ezintsha. Umzekelo: Ukuba ngaba ihashe lineminyaka litsala inqwelo yamahashe, akufuneki ukuba kuthathwe ukuba lingavela nje likwazi ukutsala ikhuba okanye isikofolo.

AG Erasmus
ELSENBURG / LITTLE KAROO ADC