| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, izifo: 22 |
![]() Click to enlarge! |
Ukuze iimazi zizale kufuneka kuqala kubekho iinkunzi ezisukelayo, into ke leyo ethetha nokuba ziyimfuneko enkulu kumfuyi wempahla emfutshane ukuze imfuyo yakhe ikwazi ukumphathela ingeniso. Kuyinto ebaluleke kakhulu ke ngoko ukuba umfama asoloko ezihlola iinkunzi zeegusha zakhe ukuqinisekisa ukuba kuhlala kuyimpumelelo ukufuya kwakhe.
Ibrucella ovis, yibhaktheriya eyenza ukuba iinkunzi zeegusha zingakwazi ukuzalisa ngenxa yezilonda ethi izenze apha ematyhalarheni. Sisulela kakhulu kwaye ke iinkunzi zisulelana ngaso xa zijojana. Phaya eNamaqualand yi-40% yemihlambi eye isuleleke, kwaye ke kule mihlambi yi-20% yeenkunzi zeegusha ezithi zichaphazeleke. Amaxesha okusukela amade kwakunye nokusebenzisa iinkunzi ezidlulileyo kwenye zizinto ezo eziye zenze ukuba ungakhawulezi ukubhaqeka umonakalo obangwe yi-Brucella ovis. |
![]() Click to enlarge! |
Iintsholongwane ze-Brucella ziye zihlale apha kwiiseli zegazi ezimhlophe, kwaye akamaninzi amalinge onyango aye aphumelele ekusinyangeni esi sifo. Ukulisusa elinye ityhalarha akuncedi nto nako, kuba kaloku ezi ntsholongwane ziyakwazi nokuba ziye kuhlala esinyini nasemadlaleni, apho ke ziye zisuke khona ukuya kusulela ezinye iinkunzi. Ukuba nje bekunokwenzeka ukuthintelwa kokusuleleka komhlambi, nanzi izinto ebeziya kukwazi ukwenzeka :
Ngokucofa-cofa amatyhalarha la, ugqirha wezilwanyana uye akwazi ukufumanisa ukuba ngaba sekukho izilonda esele zikhona na. Kanti ke kusenokufumaniseka ukuba ngaba inkunzi yegusha inaso esi sifo ngokuthi kuhlolwe igazi layo. Iinkunzi ezifunyaniswe zinaso esi sifo kufuneka zixhelwe. Xa kunokuthi kwenzeke ukuba kuthi xa luphindwa okwesibini olu hlolo kuphinde kufunyaniswe ukuba akukho suleleko lubhaqekayo, kunokuthi ke kuthathwe ukuba uthintelo luphumelele. Emva koku ke zonke iinkunzi zeegusha ezithengwayo mazihlolwe ukuqinisekisa ukuba akukho nto zinayo, nokuba kungathi kanti zize kuhlwayela esi sifo kulo mhlambi. Iimazi zeegusha azinanxaxheba ingako ekuhlwayeleni i-Brucella ovis, kuba zona aziyigcini okoko le ntsholongwane. Kukwabaluleke nokuba iinkunzana ezisencinane zikhuselwe kwesi sifo ngokuthi la matakane angamaduna agonywe nge-Rev 1 xa aneenyanga ezimbini ezelwe. |
MP van Aardt
ELSENBURG / SPRINGBOK Veterinary
Services