home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, imphatho: 11

Izindlu zeenkuku zamafama amancinane Afrikaans | English

Click to enlarge!
Ubukhulu bomhlaba othathwa yindlu yeenkuku umalunga ne-50 m2, kwaye ibandakanya nesitora esayame kwalapha kuyo, okanye kunye negumbi lokuxheshisela. Iinkuku zifakwa kule ndlu yeenkuku kwazisengamantshontsho anosuku olunye, apho ziya kuhlala kude kufike ixesha lokuthengiswa kwazo.

Esi sakhiwana singenabuyoko-yoko butheni sinophahla lwamazinki (amacangci) angabizi xabiso liphezulu axhaswe ngeepali eziditshiweyo. Apha emacaleni ivalwe ngeebloko zesamente ezingadanga zaya kufika phaya phezulu. Eli cala linesitora lona livalwa gingci kubekho nefestile kweli cala laso lingaphandle nenye apha ngaphakathi yokwenza ukuba umntu akwazi ukubona phaya ezinkukwini elapha esitoreni. Apha phantsi emgangathweni kugangathwe ngesamente kuyo yonke indlwana le, into ke leyo eyenzelwe ukuba kube lula ukuyicoca.


Click to enlarge!
Kubaluleke kakhulu ke ukuba indlu yeenkuku ijonge ngaphi na, ukulungiselela ukungena komoya ngexesha lasehlotyeni xa kushushu, nokucingela iimini zengqele kwakunye nezemvula. Icala ejongiswa kulo ke indlu yeenkuku lixhomekeka isikakhulu ekubeni umoya nemvula kule ndawo zikholisa ukuvela ngaphi na, kanti ke ukungena komoya nemvula kunokulawulwa ngokufaka imikhusane esongekayo (roller blinds).

Click to enlarge!
Apha kule ndlu kufakwa imikhombe emibini yokuxheshisela ukulungiselela iinkuku ezincinane nezinkulu, kwakunye nemikhombe yamanzi ezilungele zonke iinkuku. Zininzi ke iindidi zemikhombe ezifumanekayo, into ke leyo ethetha ukuba xa kuthengwa imikhombe kufuneka kuqinisekiswe ukuba yefanelekileyo nenani layo ilifanele inani leenkuku ezikhoyo. Kwakhona ke makubekho nehitha yegesi eza kukwazi ukuba incede ngobushushu amantshontsho anokude aye kufika naphaya kumakhulu amathandathu (600). Ukusebenzisa ihitha yegesi kunceda ekubeni umntu angaxhomekeki embaneni, kwaye ke ngokwendleko igesi idla ngaphantsi kombane. Kufuneka ukuba ngalo lonke ixesha abekho amanzi acocekileyo ahambayo.

Click to enlarge!
Kubalulekile ke ukuba izindlu zeenkuku zilondolozwe ngendlela efanelekileyo, khona ukuze kuqinisekiswe ukuba zanda ngokupheleleyo, kwaye azifi kakhulu.

Click to enlarge!
Amantshontsho asenosuku olunye kufuneka ahlaliswe apha kufutshane nehitha, aze ke amane ukubhekeliswa de akwazi ukuba angajikeleza indlu le yonke, ahlale nokuba kundawoni na apha kuyo.

Click to enlarge!
Imikhombe yokuxheshisela kunye nale yamanzi kufuneka ihlanjwe qho. Kufuneka ukuba ngalo lonke ixesha ekhona amanzi okusela acocekileyo. Inkukuma nokungcola mazisuswe qho apha emikhombeni yokuxheshisela.

Iinkuku ezigulayo kufuneka zisuswe apha kwezinye, zongelwe kwindawo yazo zodwa, kwaye ke ezo zithe zafa kufuneka zikhawuleze zisuswe. Kufuneka iinkuku ezingalinganiyo ngobudala zingaze zihlaliswe kwindlu enye. Makuthi wakuba umhlambi othile weenkuku uthengisiwe emva kweeveki ezisixhenxe, indlu le yazo icocwe, igalelwe izibulala-ntsholongwane, ize ke iyekwe ihlale isithuba seveki ingasetyenziswa, kuze kuthi ke emva koko kufakwe ezinye iinkuku.

Ngenjongo yokuqinisekisa ingqwalaselo yococeko neemeko zempilo entle, kufuneka umntu ongena ephuma apha endlwini yeenkuku ibe ngulo ungumsebenzi nomlondolozi kuphela. Ngokwenani leenkuku ezinokugcinwa kwindlu yeenkuku kufuneka libalwe ngokweemitha zobukhulu bomgangatho, imitha nganye ithathe ishumi elinesibini (12) leenkuku. Loo nto ke ithetha ukuba kwindlu yeenkuku eyi-50m2 ubukhulu, kungahlaliswa iinkuku ezingamakhulu amathandathu (600), qho emva kweenyanga ezimbini.

S Rautenbach
ELSENBURG / PORT ELIZABETH Agricultural Engineering