| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, isondlo: 4 |
Umthubi lubisi oluthi luqokelelane apha emibeleni yemazi yenkomo kwesi sithuba sikufutshane phambi kokuba izale. Injongo yalo kukugcina ithole lisempilweni nokuncedisa ekukhuleni kwalo. Isikakhulu abantu abadli ngakuwutya umthubi, nangona unesondlo kakhulu unika nempilo.
Ithi imazi yenkomo xa ithe yaba nokusulelwa sisifo esithile kuye kuthi apha egazini layo kuveliseke izibulala-mbewu yesifo (antibodies) ezithi ziyikhusele kweso sifo. Ezi zibulala-mbewu yesifo zithi ke phambi kokuba imazi izale ziqokelelane apha emibeleni zibe ngumthubi lo uthi ke ulikhusele ithole kwizifo kwiinyanga ezintandathu zalo zokuqala lizelwe.
Ithole elingafumani mthubi waneleyo lisenokufa; yiyo ke loo nto zibaluleke kakhulu ezi ngongoma zilandelayo:
Ithole likwazi ukuginya izibulala-mbewu yesifo kuphela kwiiyure ezilishumi elinesibini zokuqala lizelwe. Ngoko ke kubalulekile ukuba malincance kunina kwakamsinyane nje lizelwe, kunjalo nje lincance kangangoko.
Kufuneka ingaze isengwe inkomo phambi kokuba ithole lifumane ithuba lokuncanca elaneleyo.
Ukuba ngaba ithole okanye unina ubuthathaka, kufuneka ukuba anikwe lonke uncedo olunokufuneka. Kubaluleke kakhulu ukuba ithole malifumane umthubi ngokwaneleyo.
Xa ngaba yonke into isahamba kakukuhle makungabikho manyathelo athathwayo okuncedisa. Imazi yenkomo xa ingazolanga kakuhle, ngenxa yokuba kuye kwabakho intoe eyiphazamisayo, iye ifihle elubisini, into ke leyo enokwenza ukuba ithole lifumane umthubi oncinane kakhulu.
Umthubi uhlala isithuba seentuku ezintathu ukuya nakwezintlanu emva kokuba inkomo izele, kwaye ke ngaphezu kwezi zibulala-mbewu yesifo ukwanazo nezinye izinika-sondlo ezingekhoyo elubisini nje, kananjalo unendlela yokukhulisa ethi ikukhawulezise ukukhula kwethole ilinike namandla. Ngoko ke inkomo mayingasengwa de kudlule iintsuku zibe ntathu ubuncinane.
AO de Kock
ELSENBURG / VREDENDAL veterinary
services