| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, izifo: 14 |
Amaphalo okanye iintshulube ziziindidi ngeendidi; kukho ekuthiwa ziiroundworms kubekho ekuthiwa ziitapeworms nekuthiwa ziifluke, kunjalo nje aya kufumaneka nakweyiphi na ifama, nokuba zeziphi na izilwanyana ezifuywe kuyo. La maphalo ke ehleli nje ashiyiselana nesi silwanyana asemzimbeni waso ngokusebenzisa ezo zinika-sondlo sithe sazitya isilwanyana. Ngoko ke ilahleko ikholisa ukungaqapheleki, kwaye ke isikakhulu iba kweli cala lemali. Apha ekuqaleni kudodobaliseka imeko yokuzala. Amaphalo kambe ayakwazi nokuyibulala impahla xa iimeko ziwalungele, ngakumbi lawa kuthiwa ziiroundworms (la amile okomsonto).
Ubungqina okanye iimpawu zokuba impahla inawo amaphalo aziqapheleki lula, ngaphandle kokuba kusetyenziswa isikali okanye umfuyi ugcina amarekhodi achanekileyo - ngakumbi awelahleko kwimveliso nasekuzaleni. Nanzi ke ezinye zeendidi zelahleko ezithi zenzeke:
ukubetheka okanye ukuthatha ixesha elide ukumimitheka nokukhula (ukukhula kade nokuthatha ixesha elide phambi kokuba ingathengiseka);
ukuhla komthamo wobisi eziluvelisayo;
ukucotha kokukhula koboya
ukuhla komgangatho woboya
ukuhla komgangatho wenyama yazo
ukwanda kweempukane eziluhlaza (ukurhuda okwenza ukuba zitsho ngemiva erhonorhono)
ukuzala kakubi kwempahla, itsho ngamanani asezantsi kakhulu (ilisu elinye okanye amabini).
Xa kunokuthi kuqatshelwe ezi mpawu zilandelayo empahleni, kufuneka kuqondwe ke ukuba ingxaki sele igabadele kakhulu:
ukungabi namdla wakutya
ukubetheka (ukubhitya)
ukufiphala kwenwebu yangaphakathi okanye ijike ibe bulubhelurha
ukurhuda
inzenge (ukudumba iqeba)
ukunzatha nje nokukhula kakubi
ukufa
Ngoko ke kuyafuneka ukuba umfuyi afune iimpendulo zale mibuzo ilandelayo:
Loluphi uhlobo lwamaphalo (lweentshulube) olukhoyo kule fama yakhe?
Axhaphake ngeliphi ixesha la maphalo?
Ingalindeleka nini ilahleko?
Ifama nganye yahlukile kwezinye iifama, kwaye kunjalo nje neenkampi zefama enye nazo azifani.
Ukudowusa (ukugonya) okuye kwenzelwe ukuthintela akuyisombululi lula le ngxaki - inkulu kakhulu le ngxaki ukuba ingasonjululwa ngolu hlobo, kwaye ke
Namayeza akhoyo afumaneka ngamaxabiso aphantsi nawo akade eze nasisombululo.
Akhona amayeza athengiswayo okunyanga amaphalo aziintlobo ezithile.
Zikhona ezinye iindlela zokuthintela amaphalo (iintshulube), kodwa ke akasoze amaphalo athinteleke kuphele ngaphandle koncedo lweengcali kwezempilo yezilwanyana okanye oloogqirha bezilwanyana.
Nanzi ezinye zeendlela zokuthintelwa kwamaphalo:
Amadlelo akumhlaba owomileyo akayilungeli iroundworm, kanti ke athandwa kakhulu yibrown stomach worm nayibankrupt worm.
Amadlelo ankcenkceshwayo, ngakumbi akanomadolwana (kikuyu) athandwa kakhulu leliya phalo limile okomsonto (threadworm).
La maphalo aziitapeworm afuna ukuba ahlale kwenye into kuqala (phambi kokuba angene esilwanyaneni), ngelixa wona la aziifluke afuna ukuhlala kwenye into nasemanzini amileyo.
Ukuze yaziwe ingxaki ukuba yeyantoni na, nokuba sele inabe kangakanani na, kufuneka impahla efileyo ixilongwe, kuqatshelwe nohlobo lwemibungu nokuba angakanani na amaqanda.
Makusetyenziswe iyeza eliwafaneleyo loo maphalo akhoyo efameni ethile, kunjalo nje kufuneka iyeza limana ukutshintshwa.
Kufuneka kumana kusenziwa uvavanyo lokubonisa indlela amelana ngayo amaphelo neyeza elithile (kuba selingasawenzi nto) (uvavanyo lokuhla kwamaqanda).
Makusetyenziswe nezinye iindlela zokuthintela amaphalo, ezifana nokumana lutshintsha-tshintshwa uhlobo lwempahla olutyiswa kwinkampi ethile, nokukhe avalwe amadlelo namasimi ithuba elithile. Xa kunokuthi kukwazeke ukwenzeka oko, kungaba kuhle xa amadama neendawo ezingamagxobho zinokubiyelwa ngocingo. (enye indlela ebaluleke kakhulu ekunokuthi kuthintelwe ngayo amaphalo kukuba kufuywe uhlobo lwempahla olukwaziyo ukumelana namaphalo, ngakumbi olukwaziyo ukuyigcina iphezulu imveliso yazo ngoku zinawo amaphalo. Izilwanyana zasendle zikwazi kakhulu ukumelana namaphalo, ngenxa yokuba zisoloko zisesichengeni zokungenwa ngawo.
LJ Hon
ELSENBURG / SWELLENDAM Veterinary Services