home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, izifo: 21

Amathumba Afrikaans | English

Click to enlarge!
Xa iibhaktheriya ezibangela ububovu zithe zahlasela inxeba elilapha emzimbeni wesilwanyana, nandawoni na, elo nxeba lisenokujika libe sisilonda. Eyona mbangi iphambili yelahleko kwimpahla emfutshane zizilonda ezinobuzaza eziba semadlaleni.

Kwiibhaktheriya eziye zibangele ubuzaza emanxebeni ezona zixhaphake kakhulu ezindaweni zezi: iStaphyllococcus, iStreptococcus nePasteurella. Ezi bhaktheriya zimbini, iCorynebacterium pseudotuberculosis neArcanobacterium pyogenes (ekwakukade kusithiwa yiActinomyces) zezona ziphambili ekubangeni izilonda emadlaleni.

Ukusuleleka okulolu hlobo kukholisa ukwenzeka kakhulu kwiindawo apho kukho iintlanti neentango (iindawo ekubiyelwa kuzo) neengcingo. Kanti ke impahla inokusulelwa nazezinye impahla ezihamba zihlwayela esi sifo, ezinokuthi zisithwale ngemiphunga le yazo. Iintsholongwane ziye ziwuhlasele umzimba ngokungena ngamanxeba okanye ngenwebu yangaphakathi.

Emva koko ke ezi bhaktheriya ziye ziwutyhutyhe umzimba lo ngokuthi zihambe negazi, ziye kufika emadlaleni asefa igazi, apho ke zithi zihlale khona. Kuthi ke njengokuba kusiba mandundu ukusuleleka amadlala aye aqalise ukudumba nobubovu buqokelelane apha ngaphakathi kuwo. Obo bubovu ke benziwa zizicwibi zeeseli ezicebukileyo, ziiseli ezifileyo, ziiseli zegazi ezimhlophe naziibhaktheriya. Athi ke ukuvuthwa kwawo la mathumba adlabhuke, abange ungcoliseko lwendawo le zihlala kuyo, asulele enye impahla.

Enye intsusa ephambili yamanxeba afumaneka emizimbeni yempahla nathi asuleleke kukulunywa ngamakhalane. Enye into ekholisa ukubanga amathumba kukungathathelwa ngqalelo kwemigaqo yempilo nococeko xa kuchetywa, xa kusengwa, xa kuphawulwa ngomtshiso, xa kuthenwa naxa ku-entwa.


Click to enlarge!
Amathumba enza ilahleko enkulu kakhulu ngakwicala lemali, kuba kaloku phaya esilarhipali iyagatywa inyama efunyaniswe ineendawo ezinamathumba. Kanti ke xa eyongamele kakhulu impahla amathumba aye akudodobalise nokukhula kwayo, ade ngamanye amaxesha ayibulale xa ngaba ahleli kwiindawo ezi-ethe-ethe.

Kubalulekile ukuba athi la sele ebonakala amathumba akhanywe, ngendlela enononophelo. Kufuneka ithumba liqatywe isibulala-ntsholongwane apha ngaphandle, kuze ke kwenziwe iintlanga ezinqamlezeneyo apha emazantsi, kweyona ndawo ingathi yeyona ithambileyo.

Obu bubovu bukhamekileyo kufuneka bukhongozelwe, buze ke butshiswe. Kufuneka ukuba kuzanywe ukuba kuphume ububovu obuninzi kangangoko ngokulicudisa ithumba eli. Kusenokuthathwa icephe elidala kukrwelwe ngalo ithumba eli ukukhothulula obu buseleyo ububovu. Kububulumko nokuzifaka nalapha kulo kanye izibulala-ntlungu nangokuzitofa apha ezihlunwini. Kukwabalulekile nokuba kukhe kutshizwe nangento yokugxotha iimpukane, njengelinye lamanyathelo othintelo.

Amanyathelo okuqinisekisa ucoceko nemeko zokhuselo lwempilo izinto ezifana nokukhawulezelwa kwamathumba ukucudiswa nokutshiswa kwenyama yezisulelekileyo ngawona abaluleke kakhulu kuthintelo. Akhona amayeza okugonyela iCorynebacterium pseudotuberculosis.

Kufuneka ilunyukelwe kakhulu into yokuba inxeba analo umntu emzimbeni wakhe lidibane nento enokumenza asuleleke, kuba loo nto ingakhokelela ekubeni nomntu lowo asuleleke. Xa kunokuthi xa kuxhelwa amathumba asikeke ngempazamo, inyama yonke inokusuleleka kakubi.

MP van Aardt
ELSENBURG / SPRINGBOK Veterinary Services