| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, imphatho: 10 |
![]() Click to enlarge! |
Isakhiwo esingenabugoci-goci bubheke phi sineehoko ezintlanu eziziimitha
ezintathu sisinye nezithi zisetyenziselwe iimazi ezizalayo, ezilumlayo kwakunye neehagu ezindala.
Apha phambi kwezi hoko kukho indledlana eya kwezi ntlantana ziphambi kwehoko nganye. Kubaluleke kakhulu ukuba iintlantana ezi zibe nomthunzi. Ezi ntlanti ke ziba ziindawo zokuhlala ezi mazi zinganyisiyo kunye neenkunzi. |
![]() Click to enlarge! |
Ezi hoko zingenabugoci-goci zakhiwa nje ngeebloko zesamente, zanophahla lweepali eziqatywe itela, namazinki. Umgangatho kwihoko nganye uthambekele ngasesangweni, khona ukuze xa uhlanjwa amanzi akwazi ukubalekela kwezi ndledlana ziphambi kweehoko nezithi zisebenze kwanjengendawo yokubaleka la manzi kuhlanjwa ngawo imigangatho yehoko. |
![]() Click to enlarge! |
Kubalulekile ukuba xa kusakhiwa iihoko zithathelwe ingqalelo iindawo zokungenisa umoya ngamaxesha obushushu, kodwa ke ingalityalwa nendawo yokuba kufuneka zinike ukhuseleko ngamaxesha engqele nangawemvula. Loo nto ke yenziwa ngokuthi kuqwalaselwe ukuba imvula nomoya zikholisa ukuvela ngaphi na, kuze ke kwenziwe amalungiselelo okuba iifestile zibe nezivalo ezikwaziyo ukumana zivulwa, zivalwa. |
![]() Click to enlarge! |
Ihoko nganye inomkhonjana wokutyela nokwasetyenziselwa ukugalela kuwo amanzi xa ngaba akukho mibhojana zinokumfimfitha kuyo amanzi. Kufuneka kufakelwe itanki yamanzi ukuqinisekisa ukuba asoloko ekhona amanzi okusela ngalo lonke ixesha,kunjalo nje ibe ngaphuma ngamandla ngenxa yepresha. |
![]() Click to enlarge! |
Iiheke kufuneka zimiswe ngendlela eya kwenza ukuba kube lula ukubanjwa kweehagu ezi apha phakathi kweehoko neentlanti. |
![]() Click to enlarge! |
Kubalulekile ukuba isakhiwo esi silawulwe kakuhle kangangoko, khona ukuze izinto zize juhamba kakuhle. |
![]() Click to enlarge! |
Ukuba ngaba inkunzi igcinwe ebuhlanti, kufuneka ibe semthunzini, kuba kaloku xa amaqondo obushushu ephezulu kakhulu ayawethisa amandla ayo okuzalisa. |
Kucetyiswa ukuba ubukhulu bomgangatho wendawo yokuzalela kufuneka ube yi-8m2 ubuncinane, ngelixa zona ihagwana ezisakhulayo zifuna umgangathoomalunga ne-1.0m2.Ukwenzela ukuba iihoko zisetyenziswe kangangoko makusetyenziswe ihoko enye kumanqanaba ngamanqanaba okukhula kwazo.
Emva kweentsuku ezintlanu okanye ezisixhenxe amantshontsho elunyulwe imazi mayithathwe iziswe enkunzini ize kusukeliswa. Imazi emithiyo igcinwa phaya ebuhlanti. Kwiintsuku ezintathu ezandulela umhla wokuzala kwayo, imazi kufuneka ingeniswe ehokweni. Ukulunyulwa kona alunyulwa emva kweentsuku ezingama-42 ezelwe. Ihoko ebukhulu buyi-3 x 3 m ingahlulwa kubini ke ngoku, ize ikwazi ukuhlala iimazi ezimbini ezanyisayo.
Emva kweentsuku ezingama-70 ezi hagwana sele zikhulile zigcinwa kwihoko eyodwa usapho ngalunye (okanye zibe lishumi kwihoko nganye). Emva kweentsuku ezili-150 kuyaqaliswa ngokuzibhengeza, kuxhomekeke ke kambe kubunzima bazo. Xa isakhiwo silawulwa kakuhle siyakwazi ukuba sibe neemazi ezintlanu, into ke leyo ethetha ukuthi ngonyaka ziba nenzala elikhulu lamantshontsho anokukhuliswa.
Ukungcola ekufuneka kususiwe makuzanyelwe ukuba kube kokomileyo, kuzanywe ukukucutha kangangoko okungamanzi. Izinto eziqinileyo makuqalwe ngazo ukuzisusa, zisuswe ngomhlakulo nekiliva, ziye kusetyenziselwa ukwenza isivundiso nomgquba. Emva koko umgangatho mawuhlanjwe ngamanzi ethumbu nomtshayelo.
S Rautenbach
ELSENBURG / PORT ELIZABETH
Agricultural Engineering