home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, izifo: 13

Isifo iRift Valley fever nesifo iWesselsbron (inyongo) Afrikaans | English

Click to enlarge!
Isifo iRift Valley fever (inyongo) sisifo esisulelayo seegusha neebhokhwe kwakunye neenkomo. 

Kanti ke nezinja kwakunye neekati nazo ziyakwazi ukuba zifunyanwe sesi sifo xa zithe zatya inyama yento ebigula siso.


Click to enlarge!
Esi sifo sibangwa yintsholongwane ethi ize neengcongconi. Esi sifo sidla ngokuqhambuka entlakohlaza kude kuye kutsho ekupheleni kwehlobo. 

Kubaluleke kakhulu ukuba yaziwe into yokuba nabantu nabo banokusulelwa sesi sifo, xa besebenza ngezilwanyana ezinaso okanye ngenyama yezilwanyana ebezinaso. Kambe ke xa iingcongconi zithe zamtya umntu oko akude kumenze ukuba asuleleke. 

Ukufunyanwa sesi sifo kusenokusibulala isilwanyana ngenxa yomonakalo esiwenza esibindini okanye kudale ukumfameka kwesilwanyana. Apho savela khona esi sifo kukwisithili seRift Valley ngaphaya kwiMpuma Afrika, kwaye apha eMzantsi Afrika saqhambuka okokuqala phaya koo-1950.


Click to enlarge!
Baba ngamawaka angamashumi amabini (20,000) abantu abathi bagula siso, kwaza kwafa iigusha neenkomo ezingamawaka alikhulu (100,000). 

Ukuphinda kwaso ukuqhambuka phaya ku-1974 ukuya ku-1975 laye lathi kratya inani labantu nezilwanyana ezathi zachaphazeleka.


Click to enlarge!
Iimpawu zaso esi sifo

Impahla emithiyo ethi ibulawe sesi sifo ingaya kufika nakwi-95%. Ixhaphake kakhulu into yokuba izilwanyana zibulawe sesi sifo. Kumatakane eegusha asemancinane nasematholeni ukufa kunokude kufikelele nakwinqanaba le-95%.

Impahla endala yona noko iye ikwazi ukuxhathisa, into ke leyo eyenza ukuba apha kuyo inqanaba lokufa kwayo noko libe lapha kwisithuba se-25%. Impahla esencinane iyakhawulezelwa kakhulu yona kukufa, kunjalo nje iyakwazi ukuba ife kungakhange kubonakale nazimpawu.

Kwimpahla endala yona into engenweyo sesi sifo ibonakala ngokusuka ingakwazi ukutya, ithande nokuba nokudangala, kangangokuba ithande nokusoloko ishiyekela apha kwezinye xa zihamba.

Kuyenzeka nokuba ibonakale ivuza igazi ngeempumlo irhude into enamachaphaza egazi, abe namehlo la athande ukuba lubhelu.


Click to enlarge!
Iibhokhwe zona zixhathisa kakhulu ekumelaneni nesi sifo, kunjalo nje naxa zithe zanaso ezi mpawu zaso azibi nabuzaza bungako.

Click to enlarge!
Iimpawu ezibonakala kwefileyo 

Kwinto esele ifile esi sifo sizibonakalisa ngokuthi sibe nokopha kwiindawo ezininzi.


Click to enlarge!
Kubakho ukopha okuye kubonakale kwintliziyo, 

Click to enlarge!
kube njalo nakwimiphunga kanti nakwinyongo ikwayiloo nto.

Click to enlarge!
Nalapha ngaphakathi eluswini nakubhobhosi apha, 

Click to enlarge!
konke ukuya nasemathunjini phaya kuye kubonakale kukho imigcana yegazi, 

Click to enlarge!
into ke leyo nayo ebonisa ukuba bekukho ukopha okukhoyo.

Click to enlarge!
Kuye kubekho nomonakalo owenzeka nalapha esibindini. Isibindi esi siye sibonakalise ukudumba, size ke sibe nombala othande ukuba lubhelwana.

Click to enlarge!
Kananjalo apha ngaphezulu esibindini kuye kubonakale amaqhakuvana amancinane abumhlophe bungwevu nanokuba ngangentloko kanotaka ubukhulu, nekulapho iiseli ziye zafela khona.

Xa ke umntu enokuthi abe nokubamba umzimba wesilwanyana esihlinziweyo onezi mpawu, kufuneka ukuba ahlambe acokisise ukwenzela ukuthintela ukusulelwa sesi sifo.

Ukuthintelwa kwaso

Ezigusheni nasezibhokhweni kunokuthi xa zigonywa kusetyenziswe iyeza lokugonya eliyi-live Rift Valley Fever Vaccine eliya kuthi ke lona lizikhusele ubomi bazo bonke. Kubalulekile ke ukuba kukhunjulwe ukuba zona ezimithiyo akufuneki zigonywe, kuba ngokwenza njalo loo nto isenokulibulala eli takane lisesesiswini kunye nonina. Kwiigusha neebhokhwe ezimithiyo kufuneka kusetyenziswe iyeza lokugonya eliyi-dead Rift Valley Fever Vaccine. Eli ke lona iyeza lokugonya liyikhusela isithuba somnyaka omnye impahla. Kucetyiswa nokuba kusetyenziswe kwa-eli yeza ekugonyeni iinkomo; kanti ke nalapha ezinkomeni eli yeza lizikhusela isithuba somnyaka omnye kuphela.

Isifo esibizwa ngokuba yiWesselbron sifana kakhulu nesi siyiRift Valley, kwaye kunjalo nje singahlulwa kuso ngohlolo lwaselabhoratri (lwaselebhu). Ngaphezulu siye siqhambuke ngaxesha linye neRift Valley. Iimpawu zaso esibonakala ngazo nazo ziyelele kakhulu kweziya zibonakala kwiRift Valley, kodwa ke zona azinabungozi njengeziya zayo. Ixhaphake kakhulu into yokuphunza kwezilwanyana ngenxa yaso, kodwa ke abantu bona asiye sibasulele. Apha kuso ke kusetyenziswa kuphela ugonyo oluyi-live vaccine, nolunokuthi ke lusetyenziswe ngaxesha linye neliya lokugonyela iRift Valley. Kambe ke olu gonyo akufuneki lusetyenziswe kwimpahla emithiyo.

AO de Kock
ELSENBURG / VREDENDAL Veterinary Services