| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, izifo: 11 |
![]() Click to enlarge! |
Kuzo zonke izifo ezibangwa ziintwala ibhula yeegusha sesona saziwa kakhulu, kunjalo nje sesona sinobungozi ukudlula zonke; sesona sitshabalalisayo, kwaye kananjalo sesona soyikwa kunazo zonke. |
![]() Click to enlarge! |
Ibhula yeegusha ibangwa ziintwala. Kubomi bayo obuziintsuku ezingamashumi amathathu (30) intwala eyimazi izala amaqanda aphakathi kwamashumi amane (40) namashumi alithoba (90). Liyaqandusela ke iqanda kuphume umbungu othi ukhule, uze ke uhlube ube nguphungu-phungu athe ke naye akhule abe yintwala epheleleyo. Xa iimeko zivuma kakuhle ubude besithuba esisuka ekuzalweni kweqanda ukuya kutsho kwinqanaba lokuba yintwala epheleleyo enokuzala amaqanda ingasisithutyana seentsuku ezilithoba nje. Isiphumo saloo nto kukuba igusha enazo ingaqalisa ukubonakalisa izibhaxu zokuwa koboya kwisithutyana nje seeveki ezine ukuya kwezintandathu.
Emhlambini ke zithi ezi ntwala zisulelane ngazo iigusha ngokoyamana kwazo. Kanti ke ezi ntwala ziyakwazi ukuba ithi ngoku sele isukile apha emzimbeni wegusha intwala ikwazi ukuphila isithuba esinokude siye nakwiintsuku ezilishumi elinanye. Zinokusasazwa zizithuthi ebezilayishe iigusha, okanye xa kuchetywa, okanye ngezinto zokusebenza okanye ngeempahla nangezinto zokulala zabachebi. Ngokuphathelele kwibhula kufuneka kuqatshelwe ezi ndawo zilandelayo: |
![]() Click to enlarge! |
Iintwala zebhula zihlala apha ngaphezulu elufeleni apho zithi zimfimfithe khona. Ezi ntwala ziluma ngemilomo le yazo zimfimfithe inkovu yolusu olu. |
![]() Click to enlarge! |
Le nkovu kunye nobunye ubumanzi obuphuma apha esikhumbeni zidibana nale nyama ilunyiweyo nothuli nobunye ubumdaka, netuwa yeentwala ezi nemidzaluka yoboya ne-oyile. Yonke ke le nto ithi yakoma idale ukuvela kweempawu zebhula ezibonakala nje kakuhle. |
![]() Click to enlarge! |
Ezi zitshanguba zenziwe yibhula zifana nerozethi ukuma kwazo; into ebanga loo nto kukuba kaloku iintwala ezi azikwazi ukumfimfitha apha kolu khoko lwesitshanguba, into ke leyo ezenza zisoloko zisuka apha phantsi kwalo zikhangele enye indawo ezinokumfimfitha kuyo. |
![]() Click to enlarge! |
Ngexesha ezingazaliyo ngalo zisalele nje zingamfimfithi ziyakwazi ukuphila nesithuba esinokude sifike nakwiinyanga ezilishumi, zilapha emifingweni yofele lwegusha nalapha ezikhondweni zeempondo nasezindlebeni. |
![]() Click to enlarge! |
Ibhula ihamba nokurhawuzela kakhulu kofele, into ke leyo eyenza ukuba uboya buwe. Olunye lweempawu zokuqala zebhula eziye zibonakale zizixwenga zoboya ezithi zisuke apha elufeleni xa igusha izonwaya okanye iziluma apha ezitshangubeni. |
![]() Click to enlarge! |
Isikakhulu ezi zitshanguba ziqala zivele apha emagxeni nasemacabangeni. Ezinkunzini izitshanguba zikholisa ngokuqala zivele kwezi ndawo singasesifubeni nalapha entanyeni, into leyo ebangwa kukuba zisuleleka xa zikhwela iimazi. Ngeli xesha lokusukelwa kweemazi, iinkunzi ezinebhula nazo ziye zizisulele iimazi, zibonakale ziqalisa ukuvela izitshanguba apha ezintsuleni nasemahlezeni.
|
![]() Click to enlarge! |
Ngokwemiqathango yomthetho oyi-Animal Diseases Act isifo sebhula sisifo esithintelwayo, kwaye ke xa kukrokrelwa ukuba kukho ukuqhambuka kwesi sifo okanye xa kusaziwa ngokuqinisekileyo ukuba zikhona iigusha ezinaso, kufuneka ukuba oko kuye kuxelwa kugqirha wezilwanyana okufutshane okanye kunompilo wezilwanyana okanye unobhula/umlimi olapha ekuhlaleni okanye emapoliseni. Ukutyeshela ukuyenza loo nto kusenokumbambisa umntu.
Njengoko ibhula yeegusha isisifo esinobungozi kakhulu nesinokunwenwa sibe ngubhubhani kubalulekile ukuba kukhawulezwe kuthathwe onke amanyathelo okusithintela singanwenwi. Nazi izikhokelwana ezimbalwa ekufuneka umfuyi azilandele: |
![]() Click to enlarge! |
Khawuleza wazise ugqirha wezilwanyana wakuqaphela ukuba imeko yofele lweegusha zakho ithande ukungabi ntle okanye zithanda ukusoloko zizonwaya, khona ukuze abone kwangethuba ukuba yintoni na unobangela.
|
![]() Click to enlarge! |
Iigusha maziditshwe kabini (kubekho isithuba seentsuku ezilishumi okanye ezilishumi elinesibini phakathi), kusetyenziswa idiphu yebhula yeegusha ebhalisiweyo. Kanti ke akhona namayeza ezinokutofwa ngawo. Kufuneka kulunyukwe ke kambe, kuba xa kutofwa, ezi gusha zingekatofwa akukho lula ukuzibona ukuba zeziphi na xa zithe zayekwa zadibana nezo sele zitofiwe, njengokuba zibonakala lula nje xa kuditshwa. Ezo ke zithe zaphosakala ukutofwa ziya kuthi kungekudala zizisulele ezi bezitofiwe. Icebo ke kukuba zonke iimpahla ezilapha ebuhlanti zenziwe uphawu xa ziditshwa (sebenzisa iipeyiti ezimbini ezinemibala eyahlukeneyo, enye yeyodipho lokuqala, enye yeyolwesibini). Ezo ziditshwe kwakanye qha okanye ezo zingazange ziditshwe kwakuditshwa, ziya kucaca xa kuphindwa kuditshwa okwesibini, zize ke zahlulwe, zikhawulezelwe ngokuditshwa ukwenzela ukuthintela ukuphinda zisuleleke. Ngaphezulu ukwenza loo nto kungayisindisa nendleko yokudipha okwesithathu okanye nokwesine. Xa kuditshwa igusha nganye idipheka ngokupheleleyo ngokobukhulu bayo. Xa ngaba umhlambi uneegusha ezishiyana kakhulu ngobunzima bazo, kufuneka kuqinisekiswe ukuba ezi zinkulu zifumana idiphu ngokupheleleyo. Iintwala ezimbalwa ezingafanga ziyakwazi ukuphinda ziwungenele wonke umhlambi.
Kufuneka kukhunjulwe oku kulandelayo:
|
![]() Click to enlarge! |
Xa kuditshwa makulandelwe umthetho ka-4 x 100%, ngamanye amazwi dipha i-100% yayo yonke impahla emfutshanye (iibhokhwe neegusha) elapha efama ngexesha elinye; i-100% yomzimba wempahla mayifakwe yonke ediphini; mayiyekwe ihlale apha ediphini i-100% yalo lonke ixesha efanele kulihlala (eliyi-60 yemizuzwana); makuxutywe I-100% yonke yomlinganiselo wediphu ofanele kuxutywa kude kuye kufika kweyokugqibela ukufakwa ediphini.
|
J du Plessis
ELSENBURG / NWGA Port Elizabeth