| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, izifo: 10 |
![]() Click to enlarge! |
Xa iimeko zendalo zivuma ngokupheleleyo nangokufanelekileyo, ngokwendalo iinciniba zizala amaqanda alishumi, ngokomyinge, nezithi ziwafukamele isithuba seentsuku ezingamashumi amane anesibini (42). |
![]() Click to enlarge! |
Kanti ke kwiimeko zokuncediswa kweenciniba ezifuyiweyo zibekwa ezihokweni ngambini, inkunzi nemazi, aze ke amaqanda azo aqokelelwe aye kufukanyiselwa kwisifukamiseli (incubator) esingumatshini wokufukamisela.
Phantsi kweemeko ezinjalo ke ukubekwa kwamaqanda kuyenyuka, kangangokuba imazi iyakwazi ukuba ibeke namashumi amahlanu (50) amaqanda ngexesha lokubeka. Kuthatha iintsuku ezingamashumi amane anesibini (42) ukufukamisa amaqanda kubushushu obuyi 36,5°C ngokweqondo. |
![]() Click to enlarge! |
Wona ke amantshontsho athi kwakusuku lokuqala nje afundiswe ukutya imixhesho enesondlo esifanelekileyo, kwaye ke kuyo yonke laa veki yokuqala ezelwe iyafudunyezwa indawo ahlala kuyo. |
![]() Click to enlarge! |
Phantsi kwazo zonke iimeko, ngakumbi kwiimeko zokuhlala okungeyondalo yawo, amantshontsho ayathandwa zizimfimfithi-gazi (parasites) nazizifo. |
![]() Click to enlarge! |
Ezi zinto ke singazahlula ngolu hlobo lulandelayo:
Izimfimfithi-gazi ezingaphandle Amakhalane Iintlobo ngeentlobo zamakhalane zibanga iindidi ngeendidi zezifo ekukho kuzo neCongo Fever, enokungena nasebantwini. Ngaphezulu izinto ezinde ezingamalungu omlomo wekhalane zenza umonakalo omkhulu kakhulu apha elufeleni njengokuba "zibhora" apha elufeleni nje. Kubafuyi beenciniba elona khalane liyingozi kunene leliya linemilenze ebhonte. |
Amakhalane abulawa ngokusebenzisa amayeza anepyrethroids, afana neBayticol, umzekelo.
![]() Click to enlarge! |
Iintwala (Amangolwane)
Amangolwane athathwa njengezona zimfimfithi-gazi zenza umonakalo omkhulu eboyeni obungaphantsi. Njengokuba amangolwane ezondla ngobu boya bungaphantsi, loo nto yenza ukuba lihle kakhulu ixabiso lobu bude uboya, kanti nelobu bufutshane, kunjalo nje abenza uboya bukhangeleke ngathi budliwe ngamanundu. Yonke ke le nto yenza ukuba lihle kakhulu ixabiso loboya, into ke leyo ethetha ukuhla nakwingeniso-mali obunokuza nayo. Kucetyiswa ukuba makusetyenziswe iipyrethroids, umzekelo iBayticol, ekuwabulaleni. |
![]() Click to enlarge! |
Izimfimfithi-gazi zangaphakathi
Iphalo Amaphalo ziintshulube ezinde ezinomzimba osicaba, ezibude bumalunga ne-50 cm ukuya kwi-100 cm. Ahlala apha emathunjini, kwaye ayasityela isilwanyana ekutyeni. Isiphumo sokubakho kwamaphalo esilwanyaneni esiphilayo kukubhitya okubangwa yinto yokuba umzimba waso ungafumani zinika-sondlo ngokwaneleyo. Into eyenzekayo kukuba ezi zinika-sondlo ziphangwe ngala maphalo. Kanti ke xa sele emaninzi kakhulu loo nto ingenza kuvaleke namathumbu la. Indlela yokuwathintela kukuba kusetyenziswe into efana neLintex, umzekelo, kanye kwisithuba seenyanga ezintathu. |
![]() Click to enlarge! |
Uvivane
Iimvivane ziintshulube ezincinane kakhulu ezirawundi, zibomvu ngebala; ubude bazo zinokuba malunga ne-3 mm, kwaye zihlala zithi nca apha eluswini (kupensi) ngaphakathi. Nakubeni ezi zimfimfithi-gazi zingabonakali lula ngeliso lenyama, mkhulu kakhulu umonakalo eziwenzayo apha kumphakathi wolusu. Njengokuba zimfimfitha igazi nje, into leyo ethetha ukuba ziyasiphangela isilwanyana egazini elifanele ukuhambisa izinika-sondlo emzimbeni, nanjengokuba zidala izilonda apha eluswini, isilwanyana singakhawuleza sife. |
Kufuneka ke zimane ukunyangwa qho ngePanacur ukuthintela yonke le ngxaki nale lahleko ihamba nayo.
![]() Click to enlarge! |
Izifo ezisulelayo
Isifo samathumbu Esi sifo sesona soyikwa kakhulu emantshontshweni akwisithuba senyanga enye ukuya kwezintathu ubudala. Esi sifo sibangwa yintsholongwane encinane ewenzakalisa kakhulu amathumbu angakwazi ukukusebenza ukutya. Ngaphezulu ezi ntsholongwane zikwakhupha netyhefu ekhawulezisayo ukubulala. |
Kubalulekile ke ukuba kwenziwe ugonyo lokuthintela isifo samathumbu.
![]() Click to enlarge! |
Umkhuhlane
Umanz'aluhlaza (umkhuhlane) sisifo esinobungozi kakhulu, nesithi sihlasele sibulale zonke iintlobo zeentaka. Esi sifo sisifo esithi senze imbubhane eninzi kakhulu, ngakumbi kwiinciniba ezisengaphantsi kweenyanga ezintandathu ubudala. Njengoko isisifo esibangwa yintsholongwane akukho lula ukusinyanga. Uphawu lwaso esibonakala ngalo esi sifo ngumchamo oluhlaza. |
Umkhuhlane sisifo esithintelwayo ngokwasemthethweni, into ke leyo ethetha ukuba nanini na xa kuqatshelwa ukuqhambuka kwaso loo nto kufuneka kukhawulezwe kuyiwe kuyixela kugqirha wezilwanyana okufutshane.
![]() Click to enlarge! |
Ingqakaqa yeentaka
Ingqakaqa yeentaka ihlasela iintlobo ngeentlobo zeentaka, kwaye uphawu ebonakala ngalo ngamagqithana amade anebala elimdaka nangathi ziintsumpa ajikeleze amehlo la, nabamaninzi ngakumbi apha ezikoneni zomlomo. Esi sifo singenza imbubhane enkulu kakhulu xa sinokuthi singakhawulezelwa kwasisaqala nje. |
Izinambuzane ezilumayo ezibhabhayo, ezifana neengcongconi, zizo ezibanga ukunwenwa kwesi sifo, kwaye ke sixhaphake kakhulu ehlotyeni xa kumanzi. Indlela yokukuthintela ukwanda kwesi sifo kukugonya ngogonyo lwengqakaqa yeentaka.
![]() Click to enlarge! |
Isifo ekuthiwa yiNewcastle Disease (Umgada weentaka)
Esi sifo sisifo esilolona tshaba lukhulu ezinkukwini, kwaye sikholisa ukuqhambuka qho, sitsho ngembubhane emka namawaka ngamawaka eenkuku. Iinciniba, ngakumbi amantshontsho azo, nazo zihlaselwa kakhulu sesi sifo. Amahobe kunye neentaka zasemanzini nazo ziba zizisulu zesi sifo. Ezinye iimpawu esibonakala ngazo kukungakwazi ukuma kakuhle, ukuba ngathi inxilile inkuku, ukugxadazela iye ngemva nasemacaleni, nokuhlaba intloko phantsi xa imile, ibe ngathi inemilenze emithathu. |
Alikho iyeza lokusinyanga esi sifo; inye kuphela indlela esinokuthi sithintelwe ngayo: kukuba qho emva kwenyanga ezintathu iinciniba zigonywe ngogonyo lokuthintela isifo seNewcastle. Ezinye iintlobo zeentaka ezifuywayo emakhayeni, iinkuku, amadada namahobe, nazo kufuneka zigonywe qho.
Njengoko esi sifo isisifo esiyingozi kakhulu, nesenza imbubhane kumawaka ngamawaka eentaka ezifuywa emakhayeni, akwanelanga ukuba le mfuyo imane ukugonywa nje ukuthintela ukuhlaselwa sesi sifo, koko kufuneka kwaziwe nokuba ukuya kukuxela ukuqhambuka kwaso kugqirha wezilwanyana okufutshane kusisinyanzelo ngokwasemthethweni.
W Burger
ELSENBURG / Little Karoo Co-op