| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izityalo, imifuno: 10 |
![]() Click to enlarge! |
Njengoko iimbotyi zithatha ixesha elifutshane leenyanga ezine nje lokukhula zigqibe zikwazi ukuza nengeniso entle, nanjengoko zikwazi ukuza nengeniso entle, ngakumbi eziya ziloluya hlobo lungqoqo kakhulu okunokufunyanwa kwimveliso yembewu yeembotyi, xa ngaba imbewu esetyenziswayo isemgangathweni ophezulu. Ukuze umntu akwazi ukuvelisa imbewu yeembotyi esemgangathweni ophezulu, nengenasifo nethi yakulinywa kuhlume i-85% yayo, kunjalo nje inike isivuno esihle kakhulu, kufuneka alandele ezi zikhokelo zilandelayo zolimo nolawulo.
Iimfuneko zomhlaba Iimbotyi zikhula kakuhle kakhulu kumhlaba ohliweyo xa ulinywa waba ngovo-ngovo, uzenze zintshule kamsinyane, kunjalo nje nezithole zazo zikhule kakuhle. Umhlaba obambe buntlabathirha okanye umhlaba obuntlabathi-budongwe okanye lo mhlaba unquphu-nquphu wesiqhelo, ungelodongwe ungeyontlabathi, yonke le yimihlaba ezilungelayo iimbotyi. Imihlaba eludongwe yona ingaba nazo iingxaki ezidalayo, ezifana nengxaki yokungachumi kunye nengxaki yomonakalo obangwa yimibungu. Iimbotyi aziwuthandi nomhlaba omtyuwa kakhulu. Into ekholise kakhulu kukuba umhlaba ekuza kulinywa kuwo iimbotyi uqale ufakwe isichumiso ngokwaneleyo phambi kokuba zityalwe. Kucetyiswa kakhulu ukuba ngexesha lokutyala makugalelwe initrojeni. Kambe ke kufuneka ukuba umntu alumkele ukuthi kanti uyigalela kakhulu initrojeni, ngakumbi ngokuphathelele ekuyifakeni ngaphezulu okanye ekuyigaleleni emagqabini ngenjongo yokuwancedisa kwiziniki-sondlo. Kucetyiswa ukuba kwihektare nganye kugalelwe i-30 kg ukuya kwi-45 kg yenitrojeni. Ifosifeyithi ikholisa ngokuba ingasiphazamisi noko isivuno. Ukugalelwa kwayo kungamana ukushiya-shiyaniswa ukusuka kwi-10 kg ukuya kuma-25 kg kwihektare nganye. Kwimihlaba eyintlabathi kusenokwenzeka ukuba kubekho ukunqongophala kwepoteziyam. Kucetyiswa ke ngoko ukuba kwimihlaba enale ngxaki kugalelwe ipoteziyam engama-30 kg kwihektare nganye. Izinto zokuncedisa ekukhuleni zinokuthi zincediswe ngokuthi kugalelwe izichumiso apha emagqabini xa kubonakala kukho iimpawu zokunqongophala kwazo. |
![]() Click to enlarge! |
Iindlela zokuzilima
Isithuba esithathwa ziimbotyi ezibomvu ezingqoqo, ukusukela ekulinyweni kwazo ukuya kutsho kwithuba lokuba zingavunwa, ziintsuku ezimalunga nee-100 ukuya kwezili-115, kanti ke ukusukela ekulinyweni kwazo ukuya ekuqaliseni kwazo ukudubula sisithuba seentsuku ezimalunga nama-45 ukuya kuma-55. Kungaqaliswa ngokuzilima phaya ekupheleni kukaSeptemba kude kuye ekupheleni kukaJanuwari. Elona xesha lokutyala lifaneleke kakhulu kukuphela kukaSeptemba xa ingozi yeqabaka sele idlule. Kanti enye into ekunceda ngayo ukutyala kwakamsinyane kukuba neengxaki zezifo ziba mbalwa kakhulu. Kucetyiswa ukuba kwihektare nganye izityalo mazibe ngama-140,000 ukuya kwezingama-160,000 (oko kukuthi makutyalwe imbewu engama-75 kg kwihektare nganye). Kucetyiswa nokuba isithuba phakathi kwemiqolo ekutyalwe kuyo masibe yi-7 cm ukuya kwi-9 cm, size ke sona esiphakathi kwezityalo apha emiqolweni sibe yi-8 cm ukuya kwi-10 cm. Ubunzulu emabuhliwe xa kutyalwa mabube yi-3 cm ukuya kwi-5 cm. Iimfuneko zamanzi Indlela ekunkcenkceshelwa ngayo kufuneka ihambelane neemfuno zezityalo. Ukuqalela kwiveki yokuqala ukuya kutsho kweyesithandathu kufuneka kungankcenkceshelwa kakhulu. Xa bezinkcenkceshelwe, kufuneka ukuba izityalo zinikwe ixesha lokoma phambi kokuba ziphinde zinkcenkceshelwe. Ukusukela kwiveki yesithandathu ukuya kweyeshumi elinesibini uya unyuka ngokunyuka umthamo wamanzi eziwafunayo izityalo, kangangokuba ngeveki zingade zisebenzise amanzi afike nakuma-60 mm. Ukusukela kwiveki yeshumi elinesithathu ukuya kutsho kwixesha lokuba zingavunwa, kufuneka kuyekelelwe noko ngokunkcenkceshela ide i-25% yemidumba ibe ijikile ngebala yathanda ukuba lubhelu, apho ke ekuya kuthi kuyekwe mpela ukunkcenkceshela. Ukulawulwa kokhula Ukhula lukhuphisana ngqo nezilimo into ke leyo ebonisa ukuba kufuneka luliwe. Ukhula lunokuliwa ngokuluhlakula ngemitshini, kodwa ke kuqinisekiswe ukuba izityalo azenzakaliswa, kwaye ke lunokuhlakulelwa kude kuye kutsho kufutshane nokuba ziqalise ukudubula. Kanti ke nokusebenzisa igaba ekuhlakuleni kukwalungile, kuba kuyalususa uqweqwe emhlabeni, umoya uhambe kakuhle. |
![]() Click to enlarge! |
Ukuliwa kwezitshabalalisi
Phaya kwiLittle Karoo ezona zinambuzane ziyinkathazo kakhulu yimibungu yezityalo, amabhungane nesigcawu esibomvu, kwaye ke kufuneka ziliwe ngokusebenzisa amayeza. |
![]() Click to enlarge! |
Ukuvunwa
Ekuvelisweni kwembewu elona xesha libaluleke ngaphezu kwawo onke amanye lixesha lokuvuna. Ukuvuna makuqaliswe isakuba i-70% yemidumba (izingxobo ezambathise imbewu) ijikile kwibala layo eliluhlaza yoma nko. Mazixhwithwe ke ngoku izityalo apha emhlabeni zibekwe zibe ziimfumba okanye zikroziswe. Xa inokuthi ine imvula ngeli xesha, imbewu ifunyanwa ngamabala omngundo, into ke leyo engafunekiyo. Ukuba ngaba kubonakala ngathi imvula ingana, kubhetele ukuba izityalo (ezivuniweyo) zingeniswe endlwini. Umsebenzi wokuvunwa kweembotyi kufuneka uqhutywe xa ubumanzi bembewu bumalunga ne-16%. Xa ngaba imbewu yome kakhulu ngaphezu, kukho ingozi yokuba ingafumana ukonakala okuthile ngesi sithuba sokuvunwa, into ke leyo enokuyichaphazela kakubi nendlela eya kuntshula ngayo xa sele ilinywa. Xa ngaba ngexesha lokuvuna kome kakhulu kunokuba bhetele ukuba umsebenzi wokuvuna wenziwe kusasa xa noko umoya unokunyakamana. Phaya kwiLittle Karoo apho bangaxhaphakanga kakhulu oomatshini bokubhula iimbotyi, umatshini wokubhula iimbotyi omnye uye asetyenziswe ngabalimi beembotyi abaninzi. Ukuze ke kuthintelwe ukusasazeka kwezifo nokuxubana kweembewu, kufuneka ukuba umatshini wokubhula acocwe kakuhle, kunjalo nje ezo ndawo zawo zithi zidibane ngqo nembewu kufuneka ziditshwe ngezibulala-ntsholongwane xa zisuka kwintsimi yomnye umlimi, zisiya kweyomnye. Ingxowa ezigalelwe kuyo iimbotyi kufuneka ihlale ivuliwe ude umnyakamo wazo uhle ube ngaphantsi kwe-14%, kuze ke naxa sele ivaliwe emva koko, kuqinisekiswe ukuba ibanjwa ngobunono, kuba ukuyiphatha gadalala kunokwenza umonakalo othile apha embewini. Isivuno esiziithoni ezimbini nangaphezulu sinokufumaneka ngehektare enye, zingenise ama-R10,000, into ke leyo enokuthetha ukuba emva kokutsalwa kweendleko, ihektare yenza ingeniso yama-R7,500. |
BFA Visser
ELSENBURG / LITTLE KAROO ADC