| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, iintlobo: 4 |
![]() Click to enlarge! |
Imveliso ephathelele kwiigusha ekuthiwa ziiKarakul inxulunyaniswa kakhulu neendawo ezibuntlangorha ngokoma eNamibia nakuMntla Ntshona Koloni.
Ezi gusha ziziiKarakul azizozalapha eMzantsi Afrika ngokwemveli yazo. Phaya ekuqaleni kwale nkulungwane siphuma kuyo phaya eNamibia kwaye kwathengwa igusha eziziiKarakulu ezingama-750, zithengwa kwelaseAsiya, loo ntengo yaqhutywa isithuba seminyaka engamashumi amabini. Ukusukela ngelo xesha ke olu hlobo lweegusha lwaye lusanda lwada lwanabela nakuMntla Koloni nezinye iindawo ezikufutshane. |
![]() Click to enlarge! |
Iintlobo zeegusha zemveli zeli ezifana namapesi antlokw' imnyama (Blackhead Persian) kunye |
![]() Click to enlarge! |
neNamaqua Afrikaner zaba yimfuneko kakhulu ekuphuculweni komgangatho weeKarakul. Amanani egusha eziluhlobo lweKarakul aye anyuka ngokukhawuleza okukhulu apha eNamibia nalapha eMzantsi Afrika ade aya kufika kwizigidi ezihlanu ngo-1979. |
![]() Click to enlarge! |
Olona phawu luzibalula ngalo olu hlobo lweegusha luyiKarakul yindlela ezikwazi ngayo ukumelana |
![]() Click to enlarge! |
neendawo ezomileyo kunye nezo zibuntlangorha. |
![]() Click to enlarge! |
Iimpawu ezibonakala ngazo apha emzibeni lufele olu lwazo nalo msila utyebileyo neentsula ezibuthambeka kwakunye nesifuba esithambekileyo. Ezi ke zokugqibela iimpawu ziimpawu ezilwenza olu hlobo lweegusha lukwazi ukumelana nazo naziphi na iimeko zezulu eziqatseleyo (umzekelo, le ndlela zime ngayo iimbambo zazo nobu bungcotshololo bemilenze bude bufune ukuba ngathi bobezi bhokhwe zasendle). Eyona nto iphambili luzibetha ngayo ezinye iintlobo zeegusha olu hlobo lweKarakul kukuba amatakane alo anokuxhelwa kwakamsinyane nje emva kokuba ezelwe kuba kufunwa iimfele zawo, into ke leyo ethetha ukuba oonina baloo matakane axheliweyo bayakhululeka ekwanyiseni. Ngamaxesha omileyo iba luncedo kakhulu into yokuba imazi yegusha ingabi naluxanduva lokukhulisa itakane - umzimba wemazi yegusha eyanyisayo ufuna izondlo zomzimba eziphinda-phindeke kabini kunezaleyo inganyisiyo. |
![]() Click to enlarge! |
Amatakane eeKarakul akholisa ngokuba athi emva kweeyure ezingamashumi amathathu anesithandathu (36) emva kokuba ezelwe avandlakanywe imeko yexabiso lawo, aze ke lawo athe afunyaniswa ezifezekisa zonke iimfuneko zomgangatho ofunwayo axhelelwe iimfele zawo. |
![]() Click to enlarge! |
Iimfele ezo ke ziye zihlanjisiswe emanzini abalekayo zize ke zolulwe zixhonywe kwiifreyim ezenziwe ngerhonya ukuba zome. |
![]() Click to enlarge! |
Zithi ke zakuba iimfele ezi zomile emva kweentsuku ezintathu ukuya kwezine zithulwe apha ezifreyimini |
![]() Click to enlarge! |
zifakwe ezibhokisini zeemfele eziza kuthengiswa ngazo. |
![]() Click to enlarge! |
Imisila yala angaxhelwanga ashiyelwe ukuba kuzaliswe ngawo ikholisa ngokuba inqunyulwe ngokusebenzisa iirubber bands, ngenjongo yokulungiselela iinkunzi zingasokoli ngexesha lokusukela. Aye ke laa mafutha ebeza kuya kuhlala emisileni aye kuhlala phaya ezintsuleni nasemathunjini eemazi zeegusha. |
![]() Click to enlarge! |
IiKarakul zichetywa kabini ngonyaka. Imvuthuluka yoboya bazo yona isetyenziswa ekwenzeni iimethi ezomeleleyo zaphantsi nezixhonywa eludongeni, iibhatyi kunye neekhethini (iirharideni). |
![]() Click to enlarge! |
Bona uboya beeKarakul baziwa kakhulu njengeSWAKARA kurhwebo loboya , kwaye busetyenziswa kakhulu kumazwe aseYurophu naseMpuma kwizinxibo zeefashoni zodidi ezenziwe ngoboya, ezifana needyasi kunye neebhatyi nemigangxo yehombo. Iindidi ngeendidi ezahlukeneyo nezibaluleke kakhulu ekwenziweni kwayo nayiphi na into yefashoni ziye zifumaneke ngomahluko othi ubekho apha ekukhuleni kweziphothe (iikheli) apha eboyeni nakumahluko kwiindlela ezime ngazo.
Zine iindidi zeziphothe zoboya ezifumanekayo. Zezi: ipipe curl, ideveloped shallow curl, ishallow curl kunye newatered silk. Ukuba ngaba isiphothe soboya siza kuba loluphi na kwezi ndidi kuxhomekeka kwindlela obujika ngayo uboya xa bugoba apha ekukhuleni kwabo. Ngoku ezona ndidi zeziphothe zoboya ezisefashonini zezi zobu boya buthambileyo, oko kukuthi ishallow curl kunye ne-watered silk. |
![]() Click to enlarge! |
Mine imibala yendalo eye ifumaneke. Yile: omnyama, ongwevu, omhlophe nomdaka. Malunga ne-90% yemveliso eyenziwayo yemnyama.Iifandesi zeSWAKARA ziqhutywa kathathu ngonyaka, ziqhutyelwa eCopenhagen kwelaseSweden. Ngo-1998 ixabiso leemfele lalingaphaya kwama-R150 ngofele ngalunye, into ke leyo exela ukuba urhwebo lweKarakul alukho mva kwezinye iindidi zorhwebo. |
![]() Click to enlarge! |
Ngakwicala lezoqoqosho nelezentlalo ixabiso lokufuya iiKarakul kweziya ndawo zibunkqantosirha phaya kuMntla Koloni likhulu ngendlela engathethekiyo. Umngcipheko welahleko ehamba nolu hlobo lokuqhuba ubufama owenziwa kukuhla kunyuka kwamaxabiso kwinkalo yeefashoni unokucezelwa ngokuthi imfuyo le apha efama ixutywe, umzekelo i-60% ibe ziigusha zohlobo lweKarakul, ize ke i-40% ibe zezinye iintlobo zeegusha. Kanti ke nala manani angamana ukutshintsha-tshintshwa ngokwemeko yamaxabiso nangokwemeko yamadlelo. |
T Steyn
ELSENBURG / UPINGTON Karakul research
station