| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, izifo: 17 |
![]() Click to enlarge! |
Esi sifo sisifo esisulelayo esiye sibekho kwiigusha zeli lizwe, ngakumbi ezi kuthiwa
ziiDorpers.
IIMPAWU Iimpawu zes sifo ezinkunzini zeegusha zizilonda apha emthondweni nalapha esingxotyeni esi sawo. |
![]() Click to enlarge! |
Ziye ke zishiyane ngokushiyana, ukuqalela kumaqhakuva anobubovu ukuya kwizilonda apha emthondweni, |
![]() Click to enlarge! |
kude ngamanye amaxesha umthondo lo udumbe kakhulu wophe nokopha, ude umane usiwa izicwibana zenyama. Umthondo lo unawo namakhoko enziwa bububovu. Usuka ke ngoku umthondo lo uthande ukusoloko uthe gqi ujinga ngaphandle. Ngangendlela obuhlungu ngayo umthondo lo, itsho inkunzi ingakwazi ukusukela.
Iimazi zeegusha zona zisulelwa sesi sifo xa zisukelwa. Iimpawu zaso esi sifo ezimazini zeegusha kukuthanda ukuvuza nokuba nezilonda apha ngemva. Kukhangeleka ngathi apha ezimazini noko esi sifo asinangxaki ingako, kwaye asikuchaphazeli ukuzala kwazo. Kunjalo nje iigusha ziyaziphilela nje ngokwazo kungagqithanga ziveki zingaphi. UKUSULELEKA Intsholongwane eyenza esi sifo sendumba-mthondo ayaziwa; ngoko ke eyona-yona ndlela sisuleleka ngayo nayo ayaziwa. Esi sifo siba sininzi kakhulu ngeli xesha lokusukela kweenkunzi. Sisuka apha ezinkunzini siye ezimazini, siphinde sisuke ezimazini siye kusuleleka ezinkunzini; kodwa ke kukhe kufunyaniswe neenkunzana ezincinane ezingekasukeli zinaso nazo. Kukho izifo ekungathi ziyasikhawulezisa esi sifo: izifo ezibangwa kukunqongophala kwezinto ezithile emzimbeni, ezifana nokungondleki kakuhle kwakunye nokutya iiprothini kakhulu .kakhulu. |
![]() Click to enlarge! |
UNYANGO
Inkunzi yegusha kufuneka ihlaliswe ngeempundu, uze ke umthondo lo utsalwe uphume ngaphandle apha esingxotyeni, uze ke utshizwe ngeyeza elisisibulala-ntsholongwane (antibiotic). Kuye ke kusetyenziswe isibulala-zintsholongwane esisebenza ixesha elide, ize ke inkunzi leyo isuswe apha emhlambini ibe yodwa isithuba seeveki ezintathu. Unyango olunye lwanele. Ukuphatha-phathwa qho komthondo kungayenza ibe mandundu imeko yawo. UTHINTELO
Amakhalane makathintelwe unyaka lo wonke apha ezigusheni. Amakhalane ezigusheni anenxaxheba enkulu ekudluliseni esi sifo. |
AO de Kock
ELSENBURG / VREDENDAL veterinary services