home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, isondlo: 3

Ukondliwa kwehashi lase fama Afrikaans | English

Click to enlarge!
Ukuze umfama akwazi ukondla ihashe lase fama, kufuneka asebenzise izinto ezifumaneka lula apho eplasini ezifana ne, ezifana ne lusern, grasshay ingca yamadlelo, oats, bran kwakunye nokutya okune protein eninzi njenga mandongomane, oilcake meal yawo ne soya bean oil cake meal.

Ukuze umntu ayiqonde kakuhle lento kuthiwa kukondliwa kwehashe, kufuneka akhumbule lamanqaku adweliswe apha ngezantsi:

  • Ihashe alikwazi ukutya ukutya okuninzi ngenjongo yokuba lizakuku kwetyisa njenge nkomo. Ihashe liyanyanzeleka ngenxa yesisizathu ukuba malihleli lisitya ngapahandle kokuphumla, lisitya ke ingca nezityalo ezirhabaxa.

Click to enlarge!
  • Ihashe linesisu esincinci xa silithelekisa nezinye izilwanyana ezitya ingca umzekelo inkomo. I sisu sehashe elibunzima buyi 500 kg siphatha kanga nge 7 ukuya kwi 15 yee liter ngeli xesha isisu se nkomo ekubunzima obulinganayo, sithwala 252 yee liter zokutya okanye amanzi. Ngenxa yesi sizathu, ihashe kufuneka lihlale lisitya oko koko.

Click to enlarge!
  • Amahashe akakwazi ukusila esuswini izityalo ezirhabaxa njenge nkomo. Udidi lokutya okunikwa ihashe lubalulekile, kwaye kufuneka ukutya okuzinkozo kongeziwe. Ubuninzi bokutya okuzinkozo okufunekayo, buxhomekeka kumsebenzi owenziwa lihashe.

Click to enlarge!
  • Isidingo samandla (energy) ngenxa yokuba ihashe lisebenzisa imisipha, iyenza ibaluleke into yokuba yintoni efakwa ekutyeni kwalo. Kodwa ke kufuneka sikhumbule ukuba xa ihashe liphilile, liphethwe kakuhle, akukho mfuneko yokuba lityebe. Amanqatha amaninzi ehasheni adala ubunzima obuninzi kwi miphunga, intliziyo nakwi milenze yalo.

Click to enlarge!
  • Ihashe liyakholwa kukuba lenze izinto zesiqhelo yonke imihla. Kungoko kubalulekile ukuba ihashe londliwe ngexesha elinye yonke imihla. Ukuba kuza kubakho inguqu ekondliweni kwalo, ihashe kufuneka liqhelelaniswe nalo nqubo intsha malunga neentsuku eziliqela, umzekelo iiveki ezimbini. Lento ikhankanywe apha ngentla ibaluleke kakhulu xa ihashe lilungiselelwa umsebenzi onzima njengaxa kuzakulinywa.

Isabelo sokutya ngosuku


Click to enlarge!
  • Ukutya okunikwa ihashe ngosuku kuyadityaniswa kube nezi ndidi zesondlo: ukutya okugciniweyo okufana ne lusern okanye ingca, kwakunye nokutya

Click to enlarge!

okwenza amandla njengo mbona, i oats, ingca okanye i oil cake meal.

Isidlo esipheleyo sehashe kufuneka sibe ne protein, iicabohydrate nee mineral, kwakunye nefibre ukwenzela ukuba isisu sesilwanyana sizokusila kakuhle, ize ne yeast ingadaleki esiswini salo ntoleyo edla ngokuli bulala ihashe.

Izinto ezalatha ukuba ihashe malinikwe ukutya okunjani, okuxutywe njani nohlobo lokutya olunjani, bubudala, ubukhulu nenjongo elifuyelwe yona ihashe:

  • Imazi efuyelwe ukuphuhlisa umhlambi, iseno kufakwa emadlelweni atyaliweyo,okanye kwingca eyi sweetgrass ngelixesha imithiyo. Iimfuno zemazi yehashe zizakwanda emva kwee nyanga ezisibhozo, kwaye ukuze isidingo sayo se protein, amandla, ne mineral saneliseke, kuzakufuneka kufakelwe ukutya okuzinkozo yonke imihla.
  • Ihashe elisetyenziselwa ukuthutha, elithe lasebenza nzima iiyure eziliqela, liyakuthi apho likhululwe khona lidinge ukutya okuzinkozo okuninzi, kakhulu ukongeza amandla ne mineral.
  • Imazi yehashe encancisayo, idinga ii protein ezirhabaxa ezine protein eninzi nje nge lusern hay, ngeli xesha ihashe elinga sebenzi nzima lisonela yi grass hay. Ukutya okuthi kudingwe yimazi encancisayo, kufuneka kube nefibre eninzi kwaye kufuneka kongezwe kangange 3 kg ngosuku xa kuzekeliswa ne hashe elisebenza lula.
  • Iimpawu zokutya okukhoyo eplasini nobuthathaka kwako malunga nezakha mzimba kwaku lawula ubunini bezinto ezongezwayo ekutyeni kwehashe ntoleyo ezakuncedisa umfama ukuba alungise indlela adibanisa ngayo ukutya kwehashe.

Lusern hay

I hay enamagqabi amaninzi ekwudidi oluphezulu kukutya okulunge kakhulu ehashini .I lusern hay ine protein eninzi,yaye igcwele yi Vitamin A ne calcium. Le lusern hay isenokudala inkathazo kwi hashe elisebenza nzima , kwaye njengokuba okukutya kune calcium eninzi, kuye kufuneke olunye uhlobo oluzakuba ngumthombo we phosphorous ukwenzela ukuba umzimba wehashe ungabinangxaki.

I Teff Hay

Inencasa kakhulu ehashini kwaye isileka lula esiswini sehashe, loonto iyenza ibe kukutya okulungileyo ehashini elisebenza ngoku khawuleza.

Oats

Kokona kutya kunconywayo okuzinkozo emahashini. Kunencasa kakhulu kwaye kunomxube olungileyo we calcium ne phosphorous ntoleyo ekwenza ibe kukutya okufanelekileyo xa iyi lusern yodwa efumaneka eplasini. Kwakhona ikwa kukutya okulungileyo xa kudingwa into enamandla amaninzi.

I Bran ye Ngqholowa

Kukutya okunencasa ehashini kwaye kuyasikhulula isisu se hashe ntoleyo elungileyo ukuze isilwayana sibe sempilweni entle. Kwakhona kukutya okune energy ne phosphorous.

Groundnuts Oilcake Meal ne Soya bean Oil Cake Meal

Zombini ezintlobo zokutya zine protein eninzi enokuthi xa igalelwa kancinci roqo ekutyeni kwe hashe kunqande imeko yokunqongophala kwe protein, kakhulu apho ingca egciniweyo ikudidi olubuthathaka malunga nezakha mzimba okanye xa sube ihashe lisebebenza nzima ize libe nesidingo esikhulu se protein.


Click to enlarge!
Eplasini eli sebenza ngamahashe kukho lama nqaku kufanele ukuba ahlele egcinwe engqhondweni:
  • Wohlule amahashe ngokweendidi azizo ukwenzela ukuba nokutya 

Click to enlarge!

ubenakho ukohlula ukuba makulungele udidi ngalunye lwehashe.


Click to enlarge!
  • Xa uwaqhelisa ukutya angakuqhelanga amahashe, musa ukuwanika ukutya okutsha bumini; 

Click to enlarge!

umzekelo ukuba unyusa ubuninzi bokutya okuzi nkozo, musa ukukwenyusa ngaphezulu kwe 200 grams ngemini. Naxa ubuthoba ubuninzi bokutya kufuneka usiqhelanise isilwanyana ungasuke uguqule uhlobo lokutya bumini.


Click to enlarge!
  • Sebenzisa okona kutya kulungileyo ngamathuba wonke. Musa ukusebenzisa ukutya okudala, okanye okugcwele uthuli, kwaphinda sukunika amahashe ukutya okunembewu ye ngca nokutya okunezityalo eziyi tyhefu.

Click to enlarge!
  • Ukuba amahashe anikwa ukutya okuhleli isidala ekoyini, kuse nokuba licebo elihle ukuba ahlatywe inaliti uku khusela isifo sokwelama kwamalungu. Ukutya okugcinwe ngaphezu kwesilimela kungcono kulahlwe kunganikwa amahashe.

Click to enlarge!
  • Xa unika ihashe ukutya okuyi hay, kugalele ezityeni zokutyela eziphantsi okanye ezime emhlabeni , ngoba yimeko elidalelwe ukutya ngayo.
  • Ukutya okusiliweyo kwaluthuthu, makunganikwa ihashe. Kungcono ukuba umfama asebebenzise umashini wokusila okanye isefu erabaxa xa kusilwa i oatmeal. Akudli ngokubakho zingxaki xa kusetyenziswa i lusern hay eyenziwe yazibhola. Endaweni yokuba unike ihashe ukutya okuninzi amathuba ambalwa ngosuku, kungcono unike ihashe ukutya okuncinci amathuba amaninzi ngosuku.
  • Kuqalwa kunikwe ihashi ukutya okuyi hay phambi kokuba linikwe ukutya okunenkonzo.
  • Yipha ihashe ukutya iiyure ezimbini phambi kokuba lisebenze okanye lithambiswe imisipha.
  • Xa ihashe belisebenza okanye lisenza imithambo laze labila, kufuneka likhokhelwe lijikeleziswe de liphole, phambi kokuba linikwe ukutya. Enye into elungileyo kukunika ihashe ukutya okuninzi ebusuku xa lise sitalini lingazu kuphinda lihambe, lonto ilinika ithuba lokuba malitye lingangxamanga ukutya kutsho kukwazi ukuhla ngendlela.
  • Qiniseka ukuba ihashe lingayi nokuba kunini kwindawo enokutya okuzinkozo.
  • Licebo elincomekayo ukuba ihashe linikwe 1 % yetyiwa ne 1 % ye bonemeal ekutyeni kwalo ngosuku.

Click to enlarge!
  • Kufuneka kubekho amanzi acocekileyo asanda kukhiwa ngamaxesha onke.
  • Iimbambo zehashe akufuneki zibonakale, oko kukuthi ihashe malibonakale londlekile ngalo lonke ixesha. Kukho into engumnqa elinye ihashe liyatyeba elinye linqine ngeli xesha anikwa ukutya okufanayo okulinganayo.
  • Yondla ihashe ngexesha elinye yonke imihla.
  • Ihashe elihlala esitalini, malifumane ithuba lokuthambisa imisipha.
  • Kufuneka ihashe lifakwe amayeza okuhambisa akhuphe iintshulube kabini ngonyaka ukwenzela ukuba kuphele I parasite emzimbeni walo. (iiparasite ziintshulube nezinambuzane ezihlala emzimbeni wehashe ezithi zitye igazi, ngoba zitya ukutya kwehashe esiswini phambi kokuba ihashe lifumane ithuba lokwetyisa.).

Click to enlarge!
  • Amahashe ahlala esitalini namahashe amadala aye amazinyo wawo aloleke kwaye umlomo uye uvaleke ngokunga qhelekanga kanga ngokuba imihlathi yehashe iye ibe buhlungu. Xa ihashe likwi meko eloluhlobo, ihashe liye lihlafune kakubi, ukutya elikutyayo akwe tyiseki kakuhle, amathe wehashe elinjalo akaphumi kakuhle, ntoleyo ethi yenze ukuba lingakwazi ukusila kakuhle esiswini ihashe.

AG Erasmus
ELSENBURG / I LOS YASE LITTLE KAROO