home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, iintlobo: 2

Igusha iDorpers Afrikaans | English

Click to enlarge!
Kwiminyaka yokuqala yo 1930 kuye kwakho inyama eninzi ngokugqhithisileyo eMzantsi Afrika. Lento iye ya dibana nokuhla kakhulu lwezinga lezemali ekweli lizwe (depression) ntoleyo ethe yanyanzela amafama alapha kwelilizwe ukuba makacinge nzulu malunga nokuthengisa imveliso yawo kumazwe angaphesheya.Apho ingxaki ithe yavela khona, kuye kwafumaneka ukuba iigusha zalapha eMzantsi Afrika zine misila etyebileyo engaqhelekanga kumazwe aphesheya. Amazwe aphesheya ebenendlela ezohlukileyo kwezalapha zokuhluza umgangatho wenyama (Grading) zaze iigusha zalapha ngenxa yesosizathu zanikwa ixabiso eliphantsi kumaziko okuxhela aphesheya.

Ukuze kuveliswe iigusha ezamkelekileyo kumazwe aphesheya, kuye kwaqaliswa iphulo lokudibanisa imihlambi yeegusha injongo ibikuku veza uhlobo lwegusha elakwamkeleka phesheya.

Kuye kwadityaniswa imihlambi yase Britani kunye nemihlambi yalapha Emzantsi Akrika enjenge Afrikaner kwakunye nepesi elinentloko emnyama. Ezona mpawu zibalulekileyo ezazi funwa kule gusha izakuvela emva kokudityaniswa kwemihlambi yalapha neyase Britani zezi:

  • Igusha ezakuthi xa sele ixheliwe ibe nenyama yomzimba entle, enamanqatha agcwele umzimba kakuhle, ingabi neendawo ezishiyanayo ngokutyeba.
  • Amatakane akhawulezayo ukukhula anokuthi xa elunyulwa konina abe sele ekulungele ukuthengiswa emalikeni.
  • Igusha eyomeleleyo, enokumelana nengqele, imvula nobushushu obubalaseleyo ehlotyeni.
  • Igusha enokubekwa nokuba kuphi itye ingca eyomileyo nemizi okanye ingcongolo yonele koko kutya ibesempilweni entle.
  • igusha eyomeleleyo kwizifo kwaye engafuni ukusoloko iphantsi kwemehlo lomfama ngenxa yokuba ibuthathaka okokugqibela.
  • igusha ezakuba nemveliso entle.

Click to enlarge!
Kuye kwacaca ukuba xa kudityaniswe inkunzi ye Dorset Horn yase Britani nemazi ye Pesi elimnyama lalapha emzantsi Afrika kuvela itakane elinezimpawu zikhankanywe apha ngentla. Lento iye yakhokhelela ekuveleni kohlobo olutsha lwe gusha eye yathiywa ukuba yi Dorper.

I dorper kuleminyaka lolona hlobo lwegusha oluninzi apha eMzantsi Afrika. Oluphawu lokuba iDorper iphila nakweziphi iimeko, luye lwakhokhelela ukuba iDorper yande iqhame kuwo wonke amaphondo weli silimiyo.


Click to enlarge!
Ngaphandle kwezi mpawu Idorper yayi vezelwe zona, kukho impawu zomzimba ekufuneka iDorper ibe nazo ukuze ikwazi ukukhulisa awona matakane maninzi anokukhula ngelona xesha lincinci. Lonto yiyo eyalathisa ukuba ingakanani inyama enokuthengiswa.

Click to enlarge!
I Dorper singathi xa siyichaza, yigusha eyakhiwe kakuhle, inkunzi yayo xa iphila ubunzima esikalini buba phakhathi kwe 100 ukuya kwi 120 kilograms, imazi iba phakathi kwe kilogram eziyi 75 ukuya kwi 85. Oluhlobo lwegusha alinaxesha litheni lokudityaniswa kweemazi neenkunzi apha enyakeni. Xa ziphethwe kakuhle, zityiswa kakuhle, zizala amatakane amaninzi xa kuthelikiswa ngokwe pesenti, singathi izinga lokuzala liyafikelela kwi 120%. Yeepesenti nangaphezulu.

Amatakane adla ngokuxhelwa xa ekubudala obuphakathi kwe nyanga eziyi 3.5 ukuya kwi 4 kilograms ngelo xesha ubunzima esikalini zeke busithi 36 kilograms xa iphilile ize ibe yi 15 kilogram xa sele ixheliwe kushiyeke inyama yomzimba. Inyama yakhona xa sele ixheliwe ibonakala yakhekhe kakuhle kwaye amanqatha ame kakukhle ngokulinganayo emzimbeni.


Click to enlarge!
Ukuze sithi I Dorper ise mgangathweni kufuneka ibonakalise ezimpawu xa siyi qwalasele:

Ukumila komzimba: Intloko nentamo - Intloko kufuneka ibende ibene nentamo eyomeleleyo ebanzi.

Intamo noko ubude bayo kufuneka buthande ukubande. Iigusha ezinesilevu eside kakhulu okanye esifutshane kakhulu kufuneka zikhutshwe emhlambini ziyokuthengiswa. Umhlathi wangaphezulu kufuneka uvaleke kakuhle kungabikho mazinyo avelileyo igusha sele iwuvalile umlomo.


Click to enlarge!
Umzimba -Isifuba kufuneka sibe banzi kodwa singabi side. Kufuneka sibe banzi ngokwaneleyo ukwenzela ukuba igusha ikwazi ukuhamba umgama omde ngaphandle kokusokola ukuphefumla. Umzimba kufuneka ube mde utsobhe iimbambo zivuleke. Iimbambo bubalulekile ubukhulu bazo ngenxa yokuba kulapho sifumana ulusu nethumbu elikhulu. Ithumbu elikhulu okanye ulusu sakukhumbula ukuba kulapho kusilwa khona konke ukutya okuzizityalo nengca kwenziwe izinto ezizakwakha umzimba. Isinqe nomqolo kufuneka ibe yindawo ebanzi ukwenzela ukuba imazi xa izala ingabi nayo ingxaki yokuphuma nzima kwe takane. Amacongwana kufuneka abonakalise imisipha eyomeleleyo ngaphakathi nangaphandle. Xa ijongwe ngaphezulu nase macaleni kufuneka umzimba wegusha ufane nowomntwana, umzimba kufuneka ube banzi ngemva kunangaphambili. Imilenze kufuneka ibe mide amanqina omelele ukwenzela ukuba igusha ikwazi ukuhamba imigama emide xa ifuna ukutya ngaphandle kokudinwa.

Zikhuphe emhlambini iigusha ezinqinileyo, ezinamagxa atsobhileyo abhityileyo, impundu (umva) omile kakubi, isinqe esibuthathaka, imilenze edibanayo enebatha, amadolo anamaqhuma, umqolo ogobileyo ongamanga ngqho.


Click to enlarge!
Ubukhulu: Ubude, ukuphakama nobukhulu besifuba nesisu kufuneka bufanelane nobunzima kwakunye nobudala besilwanyana

Ukwandlaleka kwamanqatha: Amanqatha wegusha kufuneka ondlaleke umzimba wonke wegusha. Izilwanyana ezinamanqatha amaninzi kwindawo ezithile azifuneki umzekelo igusha enamanqatha amaninzi ezimpundu.

Ibala: Idorper ezimnyama zohluka kuphela ngebala. Ii Dorper ezimhlophe, zinoboya obumhlophe obuboya bumhlophe bune "pigment" oko ukuthi into esemzimbeni elawula ibala legusha, kwezindawo zingenanwele. Lento ikwafumaneka kwi Dorper ezimnyama ntonje amabala amnyama afumaneka entloko okanye kulomzimba ongaphambili.

Uboya emzimbeni: Igusha kuye kuthandeke ukuba ibenomxube wenwele ezimfutshane noboya obuninzi ikakhulu kulomzimba ongaphambili. Igusha enoboya obude ayithandeki.


Click to enlarge!
Xa umfama ethenga igusha okanye ekhetha emhlambini osele ukhona igusha kufuneka lamanqaku angalityalwa:
  • Iimazi kufuneka zibenemibele emibini emile kakuhle engenazimpawu zingaqhelekanga engenamaqhuma aqinileyo.
  • Thenga iimazi ezibonakalayo ukuba zimithi okanye esele zinamatakane. Lumkela into yokuba neemazi ezisabonakalisa ibele elikhulu ekubeni amatakane wazo esanda kulunyulwa.

Click to enlarge!
  • Iinkunzi Iinkunzi kufuneka zibenamatapile amile kakuhle nesingxobo esinobukhulu obuyi 36 ye centimetre xa ejikelezwe nge" tape measure" Amatapile akufuneki athambe kakhulu okanye aqine kakhulu kufuneka nje avakale omelele xa ecofwa ngeminwe.

Into yokuba iinkunzi zihlale zikunye neemazi ayikhuthazwa. Ixesha lokukhwelana kwenkunzi neemazi nexesha lokuzala kweemazi kufuneka ibe yinto eyenzelwe amalungiselelo, kwaye kufuneka ingqamane nesidingo sezilwanyana sokufuna ukutya okunizi, kwakunye nokubakhona kokutya okwaneleyo. Kwiindawo ekunetha kakhulu ehlotyeni, apho imvula eninzi inetha kakhulu ekwindla, ntoleyo eyenza ukuba ubukho kokutya kulawule ukuba iigusha mazizale kanye ngonyaka, kufuneka ukuba iimazi neenkunzi zidityaniswe ekupheleni kwentlakohlaza okanye ekuqaleni kwehlobo. Amatakane athi xa kulandelwa lendlela yolawulo azalwe ekwindla ngexesha ekudla ngokuba kupholile namadlelo eluhlaza ebonakalisa uhlaza olukhula kakuhle. Amadlelo ngeloxesha anokutya okuhle into ethi incede iimazi, ngokuba zizeke zinesidingo esikhulu sokutya ngenxa yokuba zimithi inyanga ziphezulu okanye zincancisa Amatakane nawo akhula ngcono kakhulu kwezi nyanga zipholileyo enyakeni. Iimazi ezifikayo emhlambini zingazala entlakohlaza. Amatakane akhula nzima ngokucothayo kwiinyanga ezishushu zasehlotyeni.

Into yokuba iigusha zizale zonke ngexesha elinye enyakeni, ngaphandle nje koku kholisana nezidingo zokutya kwezilwanyana inala manqaku alungileyo:

  • iimazi ezingazaliyo kulula ukuzibona
  • iimazi ezihlisa ubisi oluncinci zibonakala ngamatakane azo abuthathaka
  • ulawulo lomhlambi umzekelo ukukhuselwa kwezifo nokufakwa kwenaliti lusebenzeka lula

Ukuze umfama afuye igusha yenyama enjenge Dorper emadlelweni aphangaleleyo endalo aze abenengeniso entle ixesha elide kufuneka abe noluwulo olukumgangatho ophezulu lwamadlelo akhe.


Click to enlarge!
IiDorper azinamkhethe kakhulu kuhlobo lwengca ezilutyayo nje nge gusha zoboya. Ngenxa yalonto sakufumana ukuba iiDorper iyawatya namahlahla okanye izityalo ezingamandanga kakhulu, loonto yenza ngamanye amaxesha ukuba kufakwe iigusha ezingaphaya kwenani elimele ukondliwa lidlelo ngalinye. Kengoko xa umfama ebala iigusha ezitya kwidlelo kufuneka angacingi nje kufutshane, kodwa kufuneka acinge ngeziphumo emva kweminyaka emininzi. Kudla ngokubangcono ngenxa yezizizathu ukuba umfama asebenzele ukuba amatakane makakhule ngokukhawuleza kunokuba asebenzele ukuba neemazi ezininzi emadlelweni. Ukubaluleka kwalonto kuye kubonakale kakhulu ngamaxesha endlala. Fuya inani legusha elakunivumela ukuba nibenayo indawo engasebenziyo kangange nyanga ezintandathu nangaphezulu ingasetyenziswa; kukhuliswa nje ingca kuphela, okanye izithole zengca ezisanda kutyalwa. Izithole zengca ezithi zikhule kakuhle zibambelele emhlabeni idla ngokuba sisalathiso sokuba amadlelo akwimeko enjani ikwabubungqina bokuba umfama ukwazi kangakanani ukugcina amadlelo wakhe.

TS  Brand & BB Aucamp
ELSENBURG / Research