home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Unkcenkceshelo: 2

Iindlela zokunkcenkceshela Afrikaans | English

Ukuze izixhobo zokunkcenkceshela zisebenze kakuhle, kufuneka zifakwe, zilondolozwe,ziphathwe kakuhle ukuqiniseka ukuba zingakhe zibenengxaki.

Makhe sijonge amanqanaba abalulekileyo ekufuneka angaphosakali xa kufakwa izixhobo zokunkcenkceshela.


Click to enlarge!
I sprinkler systems
  • Faka zonke izixhobo, imibhobho, ngokwe zicwangciso zazo, ngoba imiqathango ye sprinkler ifakwe ngokwe plani
  • Zonke izixhobo ezinokuthi zibole yirusi, kufuneka ziqatywe nge paint elwa irusi
  • Yonke imibhobho esetyenziselwa ukuphungula okanye ukukhokhela amanzi ukuba makaye kwelinye icala kufuneka abekwe kude nendlela ehamba iimoto neetektala kwaye kufuneka aqatywe nge paint enombala okhazimlayo, ukwenzela ukuba ingagilwa zizithuthi ezidlulayo
  • Kwezi zixhobo zokunkcenkceshela zimi ndawonye zinga suswayo ngama thuba athile,(permanent systems) kufuneka ingalibaleki into yokuba iinkomo ziyathanda ukuzikhuhla kuzo. Ngolohlobo kuye konakale ii sprinkler kwakunye nemibhobho eyenzwe nge polythene.
  • Ngeliya xesha kufakwa imibhobho, kufuneka yonke imibhobho emikhulu nemincinci ihlanjwe ngespeyiti ukwenzela ukuba kuphume yonke into emdaka enokuba ibingenile kulo mibhobho.

Click to enlarge!
  • Imibhobho yokunkcenkceshela engaphantsi komhlaba akufuneki ukuba ihle kakhulu phantsi komhlaba, ukuba ihle nje ngokwaneleyo ukuba mayinga qhawulwa ziitektala namakhuba xa kusetyenzwa , loonto iyakwanela.
  • Bubulumko ukuba kubekho izinto ezifakwayo phezu komhlaba , ezalatha ukuba kukho imibhobho yokunkcenkceshela ngaphantsi kwaye ezo zalathisi kufuneka zichaze nobunzulu bemibhobho engaphantsi.
  • Iindawo ezimeta i pressure yamanzi kufuneka zifakwe kuyo yonke impompo ekhoyo efama , ukwenzela ukuba lonke ixesha kwaziwe ipressure yamanzi aphuma kumbhobho ngamnye.

Click to enlarge!
Micro irrigation systems
  • Imibhobho eyenziwe nge polythene emnyama ethi kufakwe kuyo izipeyiti kufuneka iyekwe ime elangeni iintsukwana phambi kokuba ifakwe emhlabeni Umbhobho emva koko uyakufumaneka uthambile kwaye usebenzeka lula , uphinde ufumaneke ungenazi ndawo ezigobileyo ezinokwenza umbhobho ube buthathaka.Enye indawo yeyokuba umbhobho akufuneki ubekwe ngqo emhlabeni owembiweyo, kufuneka kulungiselelwe into yokuba uzakukhukhumala, uzakubuya kwaphinda nomhlaba uyashuku-shukuma ngalo lonke ixesha. Okokugqibela imibhobho enezipeyiti mayibekwe ngokwe migama ebhalwe kula plani ize nayo xa ibithengwa into ekuthiwa ngesi lungu (right position/right distance).
  • Main lines: Wonke umbhobho odibana nomnye (coupling pipes) kufuneka ucoceke. Ukuba awucocekanga, umhlaba lo uhamba namanzi usenokwenza ukuba imibhobho ivuze kweziya ndawo zidibanayo. Umhlaba osetyenziswa ukuvala imisele ebivulwe ukuba maku fakwe imibhobho kufuneka ungabinamatye amakhulu nenkunkuma ukwenzela ukuba xa uvalwa umsele, ukwazi ukuba umhlaba uqine ube zindulana eziyi 300 milimetre.

Click to enlarge!
  • Beka umbhobho we micro spray ngakwimithi ejongene necala ekuvela ngakulo umoya. Umbhobho usengafakwa phantsi komhlaba okanye unokuxhonywa ezipalini uphakanyiswe emhlabeni kangange 300 milimetre emva koko ubotshwe ngocingo. Ukuba kusetyenzwa kule ndawo inemibhobho ngamakhuba okanye imihlakulo okanye nesiphi na isixhobo esingonakalisa imibhobho kungcono ukuba ixhonywe phezulu.
  • Iimpompo kwiindawo zokunkcenkceshela kufuneka zibekude nezithuthi ukwenzela ukuba zingonakali.

Click to enlarge!
  • Emva kokuba imibhobho yandlaliwe ngokwe plani, kufuneka i cocwe ngokuthi kukhutshwe yonke into ekuku ngcola phambi kokuba idityaniswe.
  • Wonke umbhobho owenziwe nge PVC kufuneka ikhuseleke ekumoshweni yimitha yelanga ngokuthi ifakwe i paint.
  • Indawo zokufaka imitshini ebala i pressure yamanzi kufuneka emva kwempompo yonke endaweni enkcenkceshelwayo ukwenzela ukuba yaziwe i pressure ngalo lonke ixesha kuzoku mpompa amanzi ngokulinganayo.

Click to enlarge!
Emva koku sizakukhangela ukulondolozwa okudingekayo kwiintlobo zokunkcenkceshela ukuqiniseka ukuba izixhobo zokunkcenkceshela ziyaphila zingonakali ize nento elinyiweyo ide ivunwe.

Sprinkler system:

  • Khangela ukuba imibhobho ayikhuhlekanga kukuhlikihlwa ngumhlaba qaphela ukuba izi springi, iwashers kwakunye nendawo zokuphokoza amanzi zime kakuhle azina monakalo.
  • Lungisa yonke impompo evuzayo.
  • Coca imibhobho emikhulu noba kukanye ngexesha lokulima.
  • Faka ii rubbers kwimibhobho edityaniswayo.

Click to enlarge!
Micro sprinkler systems
  • I Filter yombhobho wokunkcenkceshela kufuneka icocwe rhoqo ukwenzela ukuba iwenze umsebenzi wayo woku sefa ukungcola okusemanzini wokunkcenkceshela.
  • Kwi chip filter, kufuneka ikhutshwe i element icocwe ivuthelwe nangomoya.
  • Coca imibhobho ene zispeyiti ubuncinane kabini ngexesha ekulinywe ngalo.
  • Kha uke uhambe phakathi kwemibhobho yokunkcenkceshela ukhangele ukuba akukho mibhobho ivalekileyo okanye yophukileyo ukwenzela ukuba evalekileyo izokulungiswa eyonakeleyo ukwazi ukuba ungayithenga uyifakelele.
  • Xa kugqityiwe ukulinywa nokunkcenkceshela, wonke umbhobho kufuneka uhlanjwe ngamanzi avela kudluliswa kwi filter.

Click to enlarge!
Okokugqibela umfama kufuneka azi ukuba uza kunkcenkceshela nini kangakanani. Loonto kuthiwa kwezolimo yi irrigation scheduling ngesilungu. Eyona ndlela ilula yokukhangela ukuba sikhona na isidingo sokunkcenkceshela, kukwemba umngxuma uve umhlaba ngesandla ukuba umanzi kangakanani.

Zikhona izixhobo zalamaxesha ezisetyenziswa ziingcali ukuvavanya ukufuma, esinye sezixhobo ezikhoyo, sesi kuthiwa yi tension metre. Kuye kufakwe iitension metre zibe mbini enye ifakwe kwindawo apho kukho iingcambu ezininzi zezityalo, ntoleyo eye ikhawuleze ukubonakalisa imfuneko yokunkcenkceshela. I tension metre yesibini iye ifakwe ihle umgama omncinci phantsi kwengcambu, yiyo leyesibini itension metre ethi yalathise ukuba kunkcenkceshelwa ngapha kwemfuneko, okanye unkcenkceshelo alonelanga ukuba izityalo zingaphila.

Ukuba unomdla wokwazi ngaphezulu malunga ne tension metre, dibana ne ofisi ekufutshane yabacebisi ngezolimo.


Click to enlarge!
Okokugqibela qiniseka ukuba imibhobho yokunkcenkceshela ibekwe kwi pressure elungileyo, ukwenzela ukuba yonke indawo enkcenkceshelwayo ifumane amanzi ngokulinganayo. Kungcono ukunkcenkceshela ngokuhlwa kunokunkcenkceshela emini ngenxa yokuba ebusuku akukho langa litshisa umhlaba, atsho amanzi anyuke eyinkungu aye esibhakabhakeni ayokwenza amafu lento kuthiwa ngesilungu yi evaporation.

FH Koegelenberg
ELSENBURG / Injineli zolimo