home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, izifo: 9

Ihagu ephilileyo Afrikaans | English

Nanjengayo yonke into ephilayo apha emhlabeni isilwanyana esiyi hagu sinemfuno esinazo ukuze sikhule kakuhle kwaphinda sibesempilweni entle. Ezimfuno kuthethwa ngazo singazikhankanya ngokufutshane nje ngezi.


Click to enlarge!
Malunga neemeko zokuphila, ulawulo lobushushu lubaluleke kakhulu. Ihagu ayikwazi ukunyamezela iimeko ezishushu kakhulu kwakunye neemeko ezibanda kakhulu.

Xa iihagu zigcinwe ezindlwini zazo ezibizwa ukuba zii hoki, iimfuno zazo sakuqaphela ukuba ziyaguqu guquka njengokuba isilwanyana sikhula. Iihagwana ezincinci zikholwa ukuba ubushushu behoki bube phakathi kwe 27degrees ne 30 degrees centigrade, ngeli thuba iihagu ezindala zingenangxaki nokuba ubushushu bungaphantsi koku.


Click to enlarge!
Amaphaphu wehagu mancinci ngolona hlobo. Umoya ococekileyo ubalulekile ukuze ihagu ingabinazingxaki zezifo ezibetha amaphaphu Ihoki engenawo umoya ococekileyo, iye igcwale I gas ebizwa ukuba yi Ammonia, le gas iye ithukuthezele amaphaphu wehagu ide ingenwe sisifo samaphaphu. I Ammonia yi gas enzima ethi ngenxa yobunzima idade apha phezulu ehokini, umthetho wayo inyuka emgangathweni wendlu iyokuzinza kulendawo ilingana namadolo omntu xa emile okanye ubude behagu xa imile.

Nangona umoya ococekileyo ubalulekile, ayithethi lo nto ukuba makubekho umoya ohlabayo okanye obandayo ongena ehokini.

I hoki ye hagu kufuneka ihleli icocekile ukuze iintsholongwane zinga fumani thuba lokufukama zande ntoleyo ethi ikhokhele ekungeneni kwezifo.


Click to enlarge!
Kubalulekile ukuba iirote okanye amagundwana zingangeni apho kuhlala iihagu ngoba kukho isifo esiphathwa ziirote ekuthiwa yi Leptospirose. Iimpukane, iimites iintakumba, iintwala kwakunyenezinambuzane zangaphakathi ezinje ngeentshulube kufuneka ziliwe ngokuthi kusetyenziswe amayeza azibulalayo. I masels, le iye ibonakale njengamaqhakuva efeleni lwehagu sinako ukukhusela ukuba ingangeni ngokuthi siqiniseke ukuba iihagu azidibani namanzi amdaka asuka ezindlini zethu.

Nawupi ugqhira wezilwanyana okanye ingcali kulawulo lwezifo zezilwanyana uyakuba nako ukukucebisa ngcono malunga nolawulo lwezinambuzane ezitya igazi lwezilwanyanna zakho.

Zama ukuba ihoki ehlala iihagu ingabineendawo Ezingalinganiyo, kwakunye neendawo ezirhwexayo okanye ezikrwelayo, ngoba zisenkukhokhelela ukuba. Kubekho igewrigontstekings izilonda zamalungu. Kufuneka iihagu zilale endaweni eshushu kwaye emthebelele.

Ungaze udibanise iihagu ezininzi endaweni encinci. Lonto idala ukuba iAmmonia ibeninzi, ubulongwe beehagu buba buninzi neentsholongwane zitsho zifumane indawo yokwanda kutsho kulandele isifo. Enye into izilwanyana xa zininzi endaweni ziyalwa ngenxa yokuba indalo yazo ithi makubekho izilwanyana ezoyikwayo nezoyiswayo, indlela ezilwa ngayo kukulumana imisila nokulumana.

Ngandle kweemfuno ezihlangene nemozulu enye into efunwa ziihagu kukutya okuthile okwakha umzimba.

Amantshontsho ehagu kufuneka athi egqiba kuzalwa afumane umthubi. Kuzo zonke izilwanyana ezipila efama ihagu xa igqiba kuzalwa iba buthathaka ngaphezu kwezinye izilwanyana ezincinci, loonto yenze ukuba kubekho iimeko ezininzi ezibalulekileyo ukuze ihagwana igafi.


Click to enlarge!
Ngenxa yokuba siyazi ihagu njengesilwanyana esitya yonke into akufuneki sicabange ukuba umntu angakhulisa ihagu ngokuyinika ingqhokelela yokutya okulahliwyo. Ihagu ifuna ukutya okwakhiweyo okunezakha mzimba. Ukuba ihagu ayizifumananga izakha mzimba ezithile kuqale kubonakale izifo esithi ngesingesi zii deficiency deseases oluhlobo lwesisifo oludaleka kuba isilwanyana sinezinto esingazifumaniyo emzimbeni waso, zikhokhelela ukuba ihagu ikhule ibuthathaka, kwaye ingaze yawufumana umzimba wayo, elandelayo kukuthi isilwanyana sife.

Click to enlarge!
Ukutya okuvundileyo akufuneki kunikwe iihagu ngoba kusenokudala iizifo eziza neentsholongwane esuswini sehagu, ntoleyo edla ngokuzigulisa izilwanyana. Kufuneka kubekho ukutya okwaneleyo namanzi aneleyo ngalo lonke ixesha.

Iindawo zokutyela neendawo zokusela kufuneka zibe nkulu ngokwaneleyo ukunqanda unxunguphalo, umlo nokulumana imisila namanxeba emizimbeni yehagu.

Amanxeba anokudala ukubhidla kulandele izilonda efeleni lwehagu.

Enye into ebalulekileyo ngaphandleni kokutya okutyiwa ziihagu namatyeli ezitya ngawo, yeyokuba xa kutshintshwa ukutya kweehagu ukusuka koluye uhlobo ukuya kolunye loonto akufuneki ibe yinto yabumini. Thatha ixesha lakho xa uziqhelanisa iihagu nohlobo olutsha lokutya.

IZIFO ZEHAGU

Unxunguphalo okanye ngesilungu istress, yenye yezinto eziphambili ekuguleni kwesilwanyana ihagu. Ukuba azikhathalelwanga iimfuno zehagu, ihagu iyakuba nemeko yonxunguphalo eyakuthi iwenze umzimba ube buthathaka, izifo zingene lula ngenxa yokuba ukomelela komzimba kwehlile.


Click to enlarge!
Ukuncedisana nemizamo yokulwa ukungena kwezifo esilwanyaneni, kusetyenziswa ukutofa ngenaliti njengenye yendlela yokulwa izifo.

Click to enlarge!
Izitofu esinokuzikhankanya ezilwa izifo zeehagu, singa khankanya I naliti ye Ecoli, yeleptospirose, ye Erysipelas kwakunye nenaliti ye Parvovirus.

Khumbula kodwa ukuba ukusetyenziswa kwenaliti, yenye yendlela zokulwa izifo kwezininzi,ungaxhomekeki kuyo yodwa.

Xa sifunda ngezifo zeehagu kungcono sizicalule ngokwe lungu ezithi zilihlasele emzimbeni wehagu.


Click to enlarge!
Izifo zamathumbu ezifana ne Ecoli 

Click to enlarge!
neDysentry yehagu, zidla ngokubonakala ngorudo ngokukhululeka kwesisu. Ngamanye amaxesha ihagu ifa phambi kokuba kubekho iimpawu ezibonakalayo zokugula. Ukutya okulungileyo nokhuselo kwizifo lubalulekile njengomqathango wokulwa isifo.

IZIFO ZAMAPHAPHU

Xa ihagu ingenwe zizifo zamaphaphu, iyakhohlela okanye ithimle kwaye xa sele igula nyani ikhangeleka ixhwithekile. Ihagu isenakho ukuba ife kungakhange kubonakale zimpawu zokungenwa sisifo.

Xa ihagu ingenwe zizifo zamaphaphu, iyakhohlela okanye ithimle kwaye xa sele igula nyani ikhangeleka iqhuralela. Ihagu isenakho ukuba ife kungakange kubonakale zimpawu zokungenwa sisifo.

Indlela yokukhusela izifo zamaphaphu kukuba kuqinisekiswe ukuba kukho umoya omninzi ococekileyo ongenakwindawo ehlala iihagu, kwakhona akufuneki iimeko zobushushu zitshintshe kahhulu, ngomzuzu kubande kakhulu, ngomzuzu olandelayo kube shushu kakhulu, ngenxa yokuba iimeko ezinjalo zikhokhelela kwimeko yonxunguphalo okanye istress.


Click to enlarge!
Izifo zefele ehagwini zenza ifele likhukhumale kubekho izilonda ezivuza ubomvu. Ezinye izifo zefele zidala ukuba ihagu irawuzelelwe kabuhlungu ihleli ke ngoko izikrwela. Zininzi izizathu ezidala izifo zefele ehagwini, kufuneka kuqalwe kuphandwe ukuba ingaba sesiphi esingene ihagu phambi kokuba kuqalwe unyango ukwenzela ukuba isilwanyanasifumane unyango olungqhalileyo.

Click to enlarge!
Iingxaki zokuphuhlisa umhlambi oko kukuthi xa udabanisa inkunzi nemazi kwilinge lokunyusa umgangatho womhlambi wakho zidalwa zizizathu ezininzi ezahlukileyo.

Zizenokubonakal njenge nto yokuzala kakubi, ngokuphunza, ngokuzala amantshontsho afileyo okanye amantshontsho ambalwa kunesiqhelo sehagu, okanye ngokuthi imazi ikhwelwe yinkunzi kodwa imazi ingake itsho ukumitha.

Izifo ezenza ezimpawu isengayi Parvovirus okanye I Leptospirose. Zombini ezizifo ziyanthinteleka nge naliti. Ucoceko lubalulekile. Xa iimazi zizalela ezihokini ezimdaka, loonto isenokwenza ukuba zingenwe zizifo zesibeleko.


Click to enlarge!
I Arthritis, oko kukuthi izifo zamalungu okanye ezomnqonqo idla ngokubonakala ngokuthi ihagu iqhwalele okanye idumbe amalungu okanye amanqina. Xa isele ibambeke kakhulu ihagu, ayifuni nokuphakama. Izizekabani iye ibe ziziphumo zokulwa, ukulumana imisila, ukusulelwa kwombhono ngeliyathuba lokuzalwa kwayo ihagu, imigangatho engalinganiyo nokusebenzelwa kwe zilwanyana endaweni emdaka oko kukuthi ngelixesha isilwanyana sinyangwa sihlatywa ngenaliti ukukhusela isifo isuke ibe yinto ezakudala ukugula ngenxa yokuba kusetyenzelwa endaweni emdaka. I Arthritis kubalulekile ukuba umfama abenolwazi ngayo phantsi kokuba isesinye sezizathu ezivamileyo zokujikiswa kwe hagu kumaziko okuxhela imfuyo.

Ukushwankathela, singathi ungaze uyilibale into yokuba: kulula kwaye konga imali ukukhusela izifo zehagu kunokunyanga into esele igenile.

A van Halderen
ELSENBURG / ILaboratory Yophando Ngezilwanyana Yephondo