home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izityalo, imifuno: 11

Ukuvelisa kwi tonela ze plastiki Afrikaans | English

Click to enlarge!
Ulimo lwemifuno phantsi kokhuselo ezitoneleni ezenziwe nge platiki luqale kwiminyaa yoma 1970 apha kweli lizwe le Republic yomZantsi Afrika lanwenela kulumaphondo angentla apho sifumana ngoku ezona zityalo zininzi zemifuno kunye nentyatyambo ezikhuliswa ngoluhlobo.

Click to enlarge!
Into entle xa izityalo zikhuliswe emanzini (ngendlela ekuthiwa yi hydroponics) yeyokuba ezoziqhamo zemifuno ziba nesondlo kakhulu kwaye ziyahluma kakhulu nemveliso leyo ibase mgangathweni ophezulu.

Oluhlobo lokulima lufuna lemiqathango:

  • Indawo engenamoya umninzi. Ukuba ayifumaneki indawo enjalo, kufuneka kusetyenziswe amathango okusitha umoya.
  • Amanzi akufuneki abeneetyiwa ezininzi zendalo. Khumbula: amanzi aphinda atyetyiswe zizichumiso ezigalelelwa izityalo phaya etoneleni.
  • Itonela kufuneka libe kufutshane kangangoko umfama anakho emalikeni, kuba izityalo apho zivunwe khona, kufuneka ziyokufikelela ngoko nangoko emalikeni.

Click to enlarge!
Ukukhusela izifo ezivame ukuba semhlabeni, izityalo zityalwa Ezingxhoweni ezimnyama ezingena i1.5 ukuya kwi 2.0 ye liter ekuvulwe kuzo imingxuma yokuphuma amanzi, kushiywa indawana engange 2,5 yee centimiter phakathi kweengcambu zesityalo nomgangatho wengxhowa. Ingxhowa igcwaliswa nge vermiculite, ngeperlite okanye ngexolo elivundisiweyo le pine tree.

Click to enlarge!
Ezi zinto zibalwe apha ziyabiza ke noko kanga ngokuba isiqhelo sele ikuku sebenzisa imvuthuluka evela xa bekusarwa I pine tree, ezidityaniswe neengceba zamaplanga ezisikwe zancinci ibe zizo ezifakwa engxhoweni yeplastic. Le mvuthuluka kufuneka ivele kwimithi ye pine engafakwanga zi chemical.

Click to enlarge!
Ukuze kufumaneke izithole, imbewu ifakwa ezibhokisini ezenzelwe loo msebenzi wokukhulisa izityalo, okanye kwi seed tray into eyakhiwe yanemingxhunya yaze yagalelwa umxube wokukhulisa izithole. Imbewu ifakwa nganye nganye kwi seedtray imbewu igqhunywa kancinci igcinwe ihleli imanzi. Isithole sikhuliswa kule tray de sibe nobude obuyi 10 centimetre.

Click to enlarge!
Sithathwa kengoke sifakwe kwingxhowa yezityalo ifakwe amanzi roqo. Izityalo ezinengcambu ezinde eziphuma phezu komhlaba njengamathanga neertjies ziyathathwa ezingcambu zibotshelelwe kwicingo eliphezu kwazo. Intambo iyathathwa ngeli cala lingaphantsi ifakwe ngapantsi kwe ngxhowa yeplastic yokukhulisa isithole. Kuthathwa isityalo sibekwe phezu kwentambo sidityaniswe nomxube wokusikhulisa sicinezelwe ngamandla xa sifakwa eplastikini ukuze kuphume wonke umoya onokuthi kanti ubuhleli kwiingcambu zesithole. Emva koko iyathathwa intambo ibotshelelwe kwicingo elingaphezulu.

Click to enlarge!
Iitamati, iicucumber, irissie, iimbotyi kwakunye nepanspek zinga jingiswa ngolu hlobo zibotshelelwe emacingweni anyuswa aayokufika kwiphahla le tonela. Intambo iyajikeleziswa apha esikhondweni se sityalo. Lendlela yokubopha ilungele zonke izityalo ezinengcambu eziphuma phezu komhlaba, ngaphandle kwe rissie yona iba nezikhondo ezintathu ukuya kwezine.

Click to enlarge!
Yonke into esisi chumisi, kufuneka igalelwe emanzini la kunkcenkceshelwa ngawo izityalo, izityalo zinkcenkceshelwa kathathu okanye kahlanu ngosuku. Amanzi adityaniswe nesichumisi kufuneka agalelwe igcwale iplastik de aphume kula mngxunya ungaphantsi kuyo.

Isichumisi esisetyenziswayo, yi "SOL-U-FERT", kunye ne Microfeed kunye ne Calcium Nitrate. I pH yo mxube kufuneka ibengu 6.5 kwakunye conduction ye 2.0 ye 2,0 milli-siemens kwi centimetre nganye xa izi cucumber ne 2,5 ye milli-siemens kwi centimetre nganye xa kulinywe iitamati.

Izityalo ezilinywe kwitonela, zidla ngokukhathazwa zizifo zezinambuzane. Kuyafuneka ke ngoko ukuba umfama enze amalungiselelo wokutshiza ngesibulali zinambuzane.


Click to enlarge!
Iitamati, Ii english cucumber nee rissie ezinombala oluhlaza ziyalinywa kule mihla ematoneleni. Iirissie eziluhlaza kwakunye neetamati zinakho ukukhuliswa phantsi kw net esitha ilanga. Ilettuce, ispinach ne celery zivame ukukhuliswa phantsi kwe net yomthunzi. Kulendlela izityalo zikhuliswa kwi seedbed ezenzwe nge grabile hayi ematoneleni nakwi ngxhowa ze plastik zezityalo.

PC Maree
ELSENBURG / I Dyunivesithi yase STELLENBOSCH