home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Ezemitshini: 4

Emakwenziwe kwakunye nemakungenziwa ngoomatshini bokutshiza ngamayeza Afrikaans | English

Click to enlarge!
Oomatshini bokutshiza baxhaphake kakhulu ukubonakala kwiifama ezilinyiweyo. Esi sixhobo sokusebenza ulimo sifuna ingqwalasela enkulu, into ke leyo ethetha ukuba nomntu lo usisebenzisayo kufuneka abe ngumntu oqaqambe kakhulu ngenzondelelo nentelekelelo, kuba asinguye wonke onokumelana nolu xanduva lukhulu kangaka.

Ngaphezulu asingabo bonke abantu abanganqeniyo ukuzibeka esichengeni sokufunyanwa ziingozi zezinto ezinetyhefu. Kambe ke xa umntu osebenzisa lo matshini enokuthi ahambe ngokwemigaqo ethile, angakwazi ukuqinisekisa ukuba akazibeki esichengeni sokufunyanwa ziingozi zezinto ezinetyhefu, nokuqinisekisa ukuba isixhobo sakhe sokusebenza sisoloko silondolozeke ngokupheleleyo ukuze sisoloko sisebenza kakuhle.


Click to enlarge!
Ezi zinto zimbalwa zilandelayo zezinye zezinto ekubaluleke kakhulu ukuba maziqwalaselwe phambi kokuba ulayitwe umatshini:
  • Makuqinisekiswe ukuba idriving shaft ingene kakuhle.
  • Kubalulekile ukuba kubekho into egqunywa ngayo idriving shaft ukuqinisekisa ukuba ayenzi ngozi.
  • Le kugqunywe ngayo idriving shaft kufuneka ibethelelwe okanye iqiniselwe apha phantsi, ingajikelezi nedriving shaft le.
  • Makuqinisekiswe ukuba oophayiphu abahlali apha phezu kwedriving shaft, kuba loo nto ingabenza badleke.

Click to enlarge!
  • Itanki, isefu yokugalela kunye 

Click to enlarge!

nefiltha yokufunxa (suction filter) kufuneka zihlale zicocekile.

  • Umatshini wokutshiza kufuneka ube umile phambi kokuba umatshini uzaliswe.
  • Itanki maligalelwe amanzi ngale sefu yokugalela aye kuma esiqingatheni (ehafini) yalo.
  • Zonke iiphawuda (imigubo) eziza kunyityilikiswa mazixutyelwe kwizinto zazo zodwa, ngaphandle apha etankini.
  • Lo mxube weetyhefu mawugalelwe ke etankini ngesefu yokugalela le, kuze ke emva koko lizaliswe ngamanzi.
  • Makuqinisekiswe ukuba akukho zindawo zivuzayo.

Click to enlarge!
Xa itrektala sele istathiwe makuqinisekiswe ezi ndawo zilandelayo:
  • Ngalo lonke ixesha igeyiji yepresha mayisoloko ibekwe esweni, ukuqinisekisa ukuba ipresha yefanelekileyo.
  • Mawungaze ubalekiswe umatshini wokutshiza.
  • Makungaze kutshizwe xa umoya uvuthuza kakhulu.
  • Makuzanywe ukuba itrektala iqhutywe ngesantya esingangxamanga.
  • Makungabikho mntu wumbi ukhwelayo apha kumatshini wokutshiza.
  • Umatshini makangakhutshwa intsalela yomxube ngokuwutshiza kwindlela eya eshedini. Ukuba usenento esaleleyo mayiye kukhutshelwa kwindawo efanelekileyo esetyenziselwa ukwenza oko kakade.

Click to enlarge!
Xa sele kugqityiwe ukutshiza, zibalulekile ezi ndawo zilandelayo:
  • Itanki malipulwe ngamanzi anesepha.
  • Makungaze kubekho mxube wokutshiza uyekwa ulale etankini ngokuhlwa.
  • Umatshini wokutshiza mawupulwe, ngokunjalo netrektala.
  • Zonke iisefu mazihlanjwe.
  • Iipleyiti zokutshiza mazicocwe ngebrashi yamazinyo; mazingaze zicocwe ngokuzivuthela okanye ngokuzifunxa.

Lakudlula ixesha lokutshiza kukho eminye imiqathango ekufuneka ifezekisiwe:

  • Itanki malihlanjisiswe.
  • Itanki maligalelwe amanzi anesepha liye kuthi gabhu ehafini, aze ke loo manzi atshizwe aphume lide itanki lingabi nalo nethontsi eliseleyo.
  • Emva koko ke itanki maligalelwe amanzi acocekileyo aziilitha ezingama-300. Makutshizwe kude kuphume iilitha ezimalunga nama-200. Kula aseleyo aziilita ezili-100 makongezwe ngelitha enye yedizile. Le dizile ke inceda ekuthambiseni umphakathi lo wetanki iwukhusele ekungenweni ngumhlwa (yirusi).
  • Zonke iisefu mazicocwe.

Click to enlarge!
Wonke umntu osebenza ngezinto eziyityhefu kufuneka aziswe ngezi ndawo zilandelayo:
  • Ukuba ngaba kunokuthi ngempazamo aphalazelwe ngulo mxube wetyhefu apha elufeleni lwakhe kufuneka akhawuleze ayihlambe ngamanzi nesepha loo ndawo iphalazelweyo.
  • Makangaze atye okanye asele xa esebenza ngale mixube.
  • I-ovarolo mayingaze ikhululwe ngeli xesha kusatshizwayo. Mayinxitywe phambi kokuba kuqaliswe ngokwenza umxube, ize ke ingaze ikhululwe de kube kugqityiwe ukuwuhlamba umatshini wokutshiza waya kubekwa apho uhlala khona.
  • Mayihlanjwe i-ovarolo kwakugqitywa ukutshiza. Mayingayi yona endlwini.

Click to enlarge!
  • Nayiphi na into eyityhefu mayingaze igcinwe ebhotileni yesiselo. Loo nto ingaba nesiphumo esikukufa komntu.
  • Mazingaze zityiwe iziqhamo ebezitshiziwe. Ingamgulisa umntu loo nto; kanti ke ingade imbulale nokumbulala. Icebo elililo kukuba umntu alinde kude kufike ixesha lokuvuna, kuba ngelo xesha iziqhamo azinabungozi zakutyiwa.

Ziintoni iimpawu ezibonakalisa ukuba umntu ungenwe yityhefu?

Uphawu lokuqala ikholisa ngokuba yintloko ebuhlungu, ehamba nokudinwa nentliziyo ehlambayo. Uthi ke umntu athande ukusoloko ebila kakhulu, ahambise, namehlo la akhe athande ukulila. Xa ke umntu onezi mpawu ethe akakhawulezelwa ngoncedo loogqirha, usuka axhuzule, emkelwe ziingqondo (afe isiqaqa) ithuba elide, kusuke ke ethubeni intliziyo nemiphunga zinikezele.

Ngoko ke khumbula: ukuba ngaba uthe emva kokuba ubusebenzisa izinto eziyityhefu wasuka akwaziva mnandi, khawuleza ufune uncedo lukagqirha!

D Louw
ELSENBURG / Isikolo sokufundisa