home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izityalo, imifuno: 3

Ukukhuphela izithole ukusuka kwi seedbed ukuya emhlabeni Afrikaans | English

Click to enlarge!

Inkoliso yamatswele alinywa apha Emzantsi Afrika, aqala alinywe kwii seedbeds akuqgiba akhutshelwe emhlabeni. Zininzi iindlela ezisetyenziswayo, indlela nganye inamanqanaba alungileyo kwakunye nangalunganga. Kanga ngesithathu (one third) yezityalo zisenokufa phakathi kwosuku lokukhutshwa kwazo kwiseedbed nomhla wokuvuna.

Yiyiphi imiqathango anokuyenza umfama ukuba kungabikho lahleko ezityalweni zakhe?

Uhlobo olusetyenziswayo ukulungisa umhlaba akufuneki luwenze umhlaba ube ngumgubo. Kodwa ke kwangelothuba kufuneka umhlaba ulinywe ube mhle, izityalo zitsho zifumane indawo yokubambelela zikhule. Kufuneka ube ngumhlaba omhle onika izityalwana ithuba lokubambelela emhlabeni zikhule.

Ziintathu iindlela esezivamile zokutyala itswele:

  • Ukwenziwa kwemiqolo ibe ngumgca olandela intambo etsaliweyo yoluleka yathi tse kusetyenziswa umhlakulo okanye iskofolo. Emva kokuba kutyaliwe, umqolo uyavalwa ngomhlaba kuqgunywe lendawo imhlophe ye tswele.

  • Kwenziwa imifolo ngekhuba elinezinyo elinye. Kwakuqgitywa ukutyalwa kuthathwa umhlaba kwangeli khuba linezinyo elinye kugqunywe isityalo . Kuye kudlulelwe kwangelo thuba linye kumqolo olandelayo. Lendlela yokutyala ingasetyenziswa kwiindawo ezinkulu zemveliso yamatswele kwakunye nabavelisi abancinci aba sakhasayo banakho ukuyi sebenzisa.

  • Ii Roller ezinamazinyo ezenza imingxunya apho kunokufakwa izityalo zetswele. Lamazinyo kuthethwa ngawo aweldelwe waze walungiswa umgama phakathi kwawo. Umgama phakathi kwamazinyo ulungiselela umgama ofunwa ngumfama phakathi kwezityalo zakhe . Izityalo xa sele yenziwe imingxunya zifakwa nganye nganye zicinezelwe ngomhlaba.


Click to enlarge!
Kuzo zombini ezindlela zokusebenza kufuneka umhlaba ugalelwe ngononophelo ugqume lendawana imhlophe esityalweni se tswele. Ayi khuthazwa into yokuba umfama alime kubunzulu obudlula i 4 cms. Xa zithe izityalo zehla ngaphezu kwe 4 cms, ayikwazi kukhula ibhola le yetswele kusuke kuvele iibholana ezinde ezibhityileyo eziye zingathandwa ngabathengi.

Click to enlarge!

Indlela esiphathwa ngayo isithole ukusuka kwi seedbed ukuya emhlabeni ibalulekile kakhulu. Kangangoko enakho umfama makanga wasiki amagqabi neengcambu zesithole, ngoba loonto idala ukuba izityalo zife lula zizifo kwaye nomoya uyakhawuleza ukuzenza zome. Nalanto yokujija izithole emagqabini nasezingcambini kuba umntu esithi akafuni kusebenzisa isitshetshe esisenokuba neentsholongwane ayikhuthazwa.

Izithole xa zikhutshwa kwi seedbed kufuneka umlimi asebenze kakuhle azicenge ngefolokwe , atsale izihlahlana ukwenzela ukuba zinga gileki zilimale izithole. Kufuneka zifakwe ezibhokisini okanye kwinto ekuthiwa xa ikhunyushwa yi cardboard, kodwa umfama azame ukuba angazifaki izithole eziplastikini ngoba eplastikini ziya hlikihlana zilimale ngelixesha zithuthwa. Enye into izityalo ziyabila zifuthelaniseke bubushushu ntoleyo edala ukuba kubekho izifo ze zinambuzane.


Click to enlarge!

Kubalulekile ukuba izitholana zetswele zifumane amanzi ngoko nangoko xa zigqitywa kufakwa emhlabeni . Ilahleko ayisokuze ibeninzi ukuba zithe izithole zanikwa amanzi kwa ngeliya suku zilinywe ngalo ukusuka kwi seedbed.

Imbewu idubula ibeninzi xa kuthe kwatyalwa izithole ezityebileyo. Izityalo ezityebileyo zenza ukuba kubekho izityalo ezinkulu isaqala iseason ngela xesha kusabanda kamandi. Khumbula ukuba ubushushu kuza nezifo nendleko zokunkcenkceshela. Umntu ophazamileyo watyala izitholana ezibhityileyo ufumana into yokufelwa zizityalo ngenxa yamanzi amancinci okanye ngenxa yomoya oza ngamandla. Isithole esilungileyo sesi bukhulu buphakathi kwe 4mm ukuya kwi 6mm (ubukhulu be pencil yokubhala) kungabikho kudumba apha kulendawo iyibhola ithwele ukutya.

Akufuneki izityalo zeyamane kakhulu ngoba loonto idala izityalo ezininzi eziphikisana ngamanzi nokutya, khona khona kumatswele alinywe ngexesha sele iseason izakuphela. Kuphinde xa umfama elime izityalo za bhekeliswa kahulu esinye kwesinye kubekho amatswele amakhulu aneebhola eziqhekekileyo.

Kucetyiswa ziingcali ukuba kwihektare nganye umfama makafake izityalo eziyi 600,000 okanye izityalo eziyi 60 kwi square meter ngasinye, lilonke kufuneka I 7 cms phakathi kwezityo emiqolweni ne 25 cm phakathi kwemiqolo.

P Coetzee
ELSENBURG / ARC imifuno ne zityalo zokuhombisa / JW Seed