| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izityalo, ezinye: 8 |
![]() Click to enlarge |
Intsango ngamagqabi kwakunye neentyatyambo zesityalo i
Cannabis Sativa, ibala layo liphakathi kombala omdaka nombala oluhlaza (green/brown).
Intsango ikhula lula nokuba sele iimeko zomhlaba namanzi zibuthathaka, ntoleyo eyenza ukuba abantu abathile babone ukuba mabalime yona kuphela.Intsango idla ngokulinywa phakathi kwezinye izityalo emathambekeni weentaba. |
![]() Click to enlarge |
Emva kokuvunwa, iyathuthwa intsango ngeembongolo okanye ngamahashi isiwe kwimihlaba esemazantsi kwentaba apho ifika ilayishwe kwiinqwelo mafutha isiwe ngubantu abashishina ngeziyobisi ezingekho mthethweni. |
![]() Click to enlarge |
Intsango ithengiswa ngezindlela zilandelayo:
Kwezintsuku i gram enye yentsango ibiza iR1.00 ixabiso liyashiyana xa kuthengiswa intsango ukususela kwi R1.00 istop ukuya kwiR2,000 unompotswana obunzima buyi 20 kilogram. Intsango iyatshaywa luninzi lwabantu abayisebenzisayo, abanye bayayitya njenge daggakoekies kanti abanye bayayiphunga oku kwe tiya. |
![]() Click to enlarge |
Eyona ndlela ivamileyo yokutshaywa kwentsango, kukuba ifakwe emlonyeni wembodlela owophuliweyo. Kwophulwa intamo le yembodlela kufakwe i filter ebizwa ziintshayi zomya ukuba yi "diamond",lefilter yenziwa ngamaphepha athi asongwe angxalwe emlonyeni wentamo yembodlela. I filter ifakwa emlonyeni wembodlela kwandulwe emva koko kugalelwe intsango ngaphezulu. Abantu abatshaya umya nge bottelkop iminwe yabo idla ngokuba yellow/brown.
Intsango iyatshaywa njenge cigarrette kuthiwe yi "slowboat". Intsango yinto evutha nzima kakhulu. Ngenxa yesozizathu abantu abayitshayayo bayixuba necuba le cigarrette. Xa umntu edibanisa intsango ne cuba lomdiza kuthiwa lonto yi "sout" (Intsango iyasoutwa). Into efunyanwa entsangwini xa iphandwa ngokwase laboratory i THC ifunxwa ngamanqatha omzimba ngelithuba umntu eyitshaya emva koko ingene emzimbeni ngokucothayo ithi sa apha emzimbeni. Uninzi lwamanqatha omzimba afumaneka ebuchotsheni nase malungwini wobudoda okanye wobufazi. Intsango ebicholwe ngumzimba ngeliya xesha umntu ebetshaya i "slowboat" enye, isenokufumaneka emzimbeni emva kweeveki ezintathu. |
![]() Click to enlarge |
Intsango iyingozi kakhulu emzimbeni womntu.Umzekelo i "slowboat" enye ilingana nemidiza emihlanu.Xa umntu etshaya intsango ngohlobo lwe "bottelkop" iya ngqo kumaphaphu omntu, unokuzicingela ngokwakho umonakalo odaleka emzimbeni wentshayi yomya.
Ukutshaya intsango kukhokhelela kwezingozi:
Uthini umthetho? Wonke umntu akavumelekanga ukuba abenentsango kuye, okanye ayisebenzise, okanye ayithengise, okanye ayithenge, okanye ayithuthe, okanye ayilime, okanye ayithumele, okanye anikise ngayo okanye ayisuse kwenye indawo ayise kwenye. Xa uthe wafunyanwa unentsango okanye uyithengisa, inkundla yamatyala isenokukugweba isigwebo semali eninzi okanye isigwebo sangaphakathi entolongweni kangange minyaka elishumi. |
![]() Click to enlarge |
IMandrax
IMandrax okanye ibuttons sesona siyobisi sisetyenziswa eMzantsi Afrika emva kwentsango. Elona chiza lisebenzayo kwi mandrax, yi metacalone kanti ke ne anti-histamine ikhona kwimandrax. Iipilisi ze Mandrax ziyohluka ngokwebala nangobukhulu. Lonto ixhomekeka ukuba zikhutshwe zinjani emtshinini ebezisenzwa ngawo.Kuthi ke ngokwe ndlela eziphume ngayo kuthiwe umzekelo yimercedes, volkswagen, german flowers njalo njalo. I Mandrax kwiminyaka yoo 1960 yayifumaneka ngephepha lika gqira umsebenzi wayo ikukulalisa umntu ongenabuthongo. Ekuqaleni ibithathwa njengeyeza elilungileyo nelingenangozi kodwa iye yathi ngo 1977 yafakwa kuluhlu lweziyobisi ayabiyinto efumaneka ngokusemthethweni, emva kokuba kufumaneke ukuba yenza umntu abelikhoboka layo angakwazi ukuphila ngaphandle kwayo nanje ngeziyobisi zonke. Umzantsi Afrika kuphela kwelizwe apho abantu bakhona badibanisa intsango ne Mandrax. I Mandrax unakho phofu umntu ukuba angayi vula ipilisi ayidibanise namanzi ayitofe emzimbeni wakhe okwe naliti kagqira. |
![]() Click to enlarge |
I Mandrax iyasilwa ixutywe nentsango. Iyatshaywa emva koko ngentloko yebhotile eyophuliweyo kuthiwe yi "witpyp" okanye yenziwa i cigarette itshaywe. I Mandrax esilwe yangumgubo omncinci iyagalelwa phezu kwentsango ngamanye amaxesha, kuthiwe emva koko yi"cremora" okanye yi "cream".
Umzantsi Afrika lelona lizwe lisebenzisa i Mandrax apha ehlabathini. Kuqikelelwa ukuba i 80 yamapesenti (80%)yayo yonke imandrax eyenziwa ehlabathini jikelele ingeniswa apha emzantsi afrika.Eyona mandrax ininzi yenziwa kwilizwe lase India. Ithi emva koko ithutyeleziswe eSwazini nase Maputo izokungena apha emzantsi afrika. Phofu zikhona apha emzantsi afrika iindawo eziyivelisayo imandrax. Kwezintsuku imandrax ibizelwa i R30 ukuya kwi R60 ipilisi nganye, ixabiso lixhomekeka ekuxhaphakeni okanye ekunqabeni kwe mandrax nakudidi lwayo ipilisi. |
![]() Click to enlarge |
Nanjengokuba i mandrax isetyenziswa nentsango sakuqaphela ukuba iingozi ze mandrax zifana nqwa nezentsango. Ezemandrax iingozi ziphinde zibe nala mabakala adlula awentsango:
Nqwa nentsango i mandrax ayivumelekanga emthethweni. Ukuba umntu ufunyenwe enayo usenokugwetywa isigwebo semali eninzi okanye isigwebo sangaphakathi kangange minyaka elishumi. Utywala Nangona utywala buthathwa njengento yokwakha ubuhlobo, bukwayinto eyamkelekileyo, buthathwa njengesiyobisi nqwa oku kwentsango nemandrax. Umntu osebenzisa utywala ngendlela engalunganga ufumana zonke iingxaki ezifunyanwa ngumntu osebenzisa iziyobisi. Utywala buhamba buhambe bube yityhefu xa busetyenziswa kakubi. Khumbula ukuba kuxgininiswa kubantu ababusebenzisa kakubi. Ukusebenzisa utywala kakubi kukhokhelela kwezi ngozi zilandelayo:
Ukusela utywala kakubi kusenokuba nezingozi ziladelayo:
|
![]() Click to enlarge |
Ndingalufumana phi uncedo
Khumbula, bakhona abantu abazipha ixesha bakuphulaphule xa unengxaki yokuba likhoboka lezi yobisi okanye utywala. Ungathinta nokuba yeyiphi kwezi ndawo, kwaye zonke zikufutshane zilapha entshona koloni:
|
P Mans
ELSENBURG / Isebe ieziyobisi