| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Imithi: 4 |
Utyalo lwemithi yinxalenye ebalulekileyo yamalungiselelo kwifama nganye ubukhulu becala xa iyifama enemfuyo. Lamalungiselelo afuneka sele kucingwa ngonyaka omnye kanti naxa kucingwa ngeminyaka emininzi aphinde afuneke. Cinga nje ngomonakalo othi wenziwe bubushushu nowenziwa yingqele emfuyweni, izinto ezifana nokuhla kwemveliso yenyama nobisi, ukufa kwamatakane namathole asandula kuzalwa, ukonakala koboya ezigusheni xa izilwanyana zingenzelwanga amalungiselelo omthunzi.
Yinto eqhelikileyo nangoku ukubona iigusha zisithele enye ngenye zikhefuzela, ziphefumla nzima ngenxa yobushushu, kwakunye ne zilwanyana ezime ngakwicala oya ngakulo umoya ngenxa yokuba zibaleka ingqele. Kule mizekelo yomibini ekhankanywa apha , izilwanyana ziye zilahlekelwe sisiqu zibhitye ntoleyo ekungekho mfuneko yayo, nento enokulungiswa ngokuthi kutyalwe imithi phaya emadlelweni.
Kwiindawo ezibanda kakhulu ziphinde zibe nomoya ovuthuza ngamandla ebusika, kusenokwenziwa I windbreak ibe sisquare, okanye ibesisangqa, okanye ibeyi right angle. Eyona ndlela ilungileyo yokukhusela izilwanyana kukuyityala ime okwentso. Iwindbreak inika ukhuselo umgama ophindwe kalishumi kubude bemithi etyalwe kuyo. Lonto ithetha ukuba xa imithi yakho ibubude obuyi 20 meters, isivuno sakho sakukhuseleka kanga ngomgama oyi 200 meters.
Ukuze zikhuseleke nyani izilwanyana kusengenziwa iyadi eshinyeneyo kwicala eliza umoya obandayo ukwenzela ukuba izilwanyana zibe nendawo yokusithela xa umoya uze kakubi. Iyadi eshinyeneyo ingatyalwa phambi kwemithi. Le mithi ishinyeneyo iphinda ibe ngumthombo wenkuni zokubasa kwakunye nezinti zokwakha.
Ekukhethweni komthi omawutyalwe, lamanqanaba alandelayo abalulekile ukuba umntu awajonge. Imithi mayibe luhlobo olukhawulezayo ukukhula, mayibe luhlobo olungakhathazwayo zizinambuzane, mayibe luhlobo olunyamezelayo xa imvula zingani amanzi enqongophele. Kukho imithi ehlala iluhlaza unyaka wonke ipine tree, iblue gum tree, I beefwood tree, icedar tree, ne cypress tree.
Icasuarina, I pepper tree, I Brazilian pepper tree, kwakunye ne karob tree noko ziyakhawuleza ukukhula kwaye zinokomelela kunqongophalo lwamanzi, iqabaka, izinambuzane ezitya imithi ekuthiwa zii termites kwakunye nomhlaba onetyiwa eninzi. Umthi we karob wesifazi uthwala imbewu nee legumes ezithi zibe yinto engancedisa I feed yee nkomo neegusha kwiinyanga zasehlotyeni. Imbewu nee legume ze karob tree zine protein eninzi. I Blue gum, ipepper tree ne Brazlian pepper tree zikwavelisa inectar ne starch eziluncedo kuba fuyibenyosi abafuna ukuvelisa ubusi.
Kwi windbreak kusengatyalwa kwimiqolo ehlukeneyo imithi ebaluhlaza unyaka wonke, idityaniswe neentlobo eziwisa amagqabi ebusika. Iintlobo eziwisa amagqabi ebusika zona akukho mfuneko yokuzityala zishinyane.
Imizekelo yi oak tree, I soetpeul, I mexican hawthorne, ne poplar tree. I Soetpeul ngumthi owenza umthunzi ongumangaliso ezilwanyaneni, kanti kwawona womelele engqeleni, endaweni ezingenamanzi, emhlabeni onetyuwa eninzi kanti nakumhlaba ogcwelei acid. Ii legumes zalo mthi zineprotein eninzi ethi yenze I feed yodidi oluphezulu, kufuneka nje isilwe imbewana le inee legumes ukwenzela ukuba izilwanyana zikwazi ukuyetyisa esuswini.
Iindawo apho kuzakusela khona izilwanyana kufuneka amalungiselelo wazo enziwe ngexesha elinye namalungiselelo wemithi ezakulinywa. Kwindawo zokusela nakwi nkampu zamadlelo, kufuneka imithi ityalwe ibe mibini okanye ibe mithathu ukwenzela ukuba izilwanyana zingaqundani ndawonye. Umgquba omninzi,umchamo omninzi, kwakunye nokunyathelwa komhlaba zizilwanyana ude ushinyane, uyakwenza ukuba umthi olinywe wodwa ukuba mawufe.
Ukuba kulinywa imithi oko kuqala, ize ithi kanti akukho mntu uzakujonga emva kwemithana emincinci okanye emitsha, izilwanyana kufuneka zigxothwe zinga phazamisi imithi. Icebo elilula kukufaka amasebe omthi wameva okanye kuthathwe nokuba yi barbed wire ibekwe phezu komthi okhuselwayo.
Kwezindawo zinemithi emininzi nezihlahla ezininzi, amafama anomkhwa wokususa yonke into ekhula emhlabeni, umhlaba ushiyeke uze. Imithi iyasuswa ngendleko ezinkulu zemali. Emva koko kubakho izaqhwithe, umoya namanzi akhukhulise umhlaba. Izityalo ezityalwe kwimimandla enjalo esuswe yonke imithi zibethwa yimimoya eshushu. Kwiindawo ezinjalo emva kokuba kuvuniwe, izilwanyana ezitya izithole ezishiyekileyo zitya kabuhlungu zibethwa yingqele nobushushu.
Le yimizekelo ebonakalisa lento kuthiwa yi chain reaction yokonakala komhlaba xa athe amafama akayicinga into encinci yokuba imithi mayingasuswa yonke, isuswe kancinci, iyekwe ibe yimiqolo ukuze inike umthunzi nokhuselo, iphinde ithobe isantya somoya ovuthuza ngamandla.
Khumbula, ukulima imithi, nokugcina imithi ekhoyo ize ingasuswa kwiifama ezinemfuyo, okanye okulinywa kuzo sisithethe esilunge kakhulu.
S Steyn
ELSENBURG / Umnyango wezengcebiso malunga
namahlathi ENTSHONA KOLONI