| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Umhlaba: 2 |
Kukho iincwadi zakudala ezingaphezu kweminyaka engamawaka amane anamakhulu amahlanu ezithetha ngokutyeba komhlaba nokondliwa kwezityalo, kanti kukwakho neencwadi ezingaphezulu kweminyaka engamawaka amabini anamakhulu amahlanu ezithetha ngexabiso lobulongwe nomgquba njengesondli sezityalo.
Sonke isityalo singumxube wamanzi nokutya okutshayo okuthi ekuhambeni kwexesha kube yinto engachumisa izityalo. Ezi zichumisi zithathwa zizityalo ngeengcambu zinyuswe ziye emagqabini. Into yokuba izichumiso zisoloko zithathwa zizityalo kungekho nto ibuyiselwa emhlabeni, ikhokhelela ekubeni umhlaba ulambe kungabikho zityalo okanye ifibre okanye ukutya kwezilwanyana emhlabeni.
Zonke izimbiwa kwakunye nokutya kwezilwanyana okutsalwa sisityalo ukusuka emazantsi omhlaba ziza zingumxube osemanzini. Oku kutya kunyuswa sisityalo kutsalwa ziingcambu zezityalo kwimihlaba ngemihlaba kodwa kunyuswa kancinci kuye kubekwa phezulu esitholeni.
![]() Click to enlarge! |
Izilwanyana kweyazo indima zitya izithole kakhulu ngaphezu koba kukho isidingo ithi ke lonto yenze ukuba ukutya ezingakusilanga esiswini saso isilwanyana kuphume emva kwexesha sele ibubu longwe.
Emva kokuba ezizimbiwa nezakha sityalo zibuyiselwe emhlabeni njengobulongwe, kudla ngonyuka umgangatho womhlaba utsho ubenemveliso engcono kunakuqala. |
Kuthe njengokuba ulwazi ngezolimo luya lusanda, iingcali zakwazi ukohlula ukuba yintoni esebulongweni nase zityalweni ezidala. Kuthe ukuba kubekho olulwazi lungaka wakwazi umntu ukuvelisa izichumisi ezigcwele ukutya okudingwa zizi tyalo ukuze zikhule.
Izichumisi zahlulwe zazindidi ezimbini. Udidi lokuqala olufunwa kakhulu zizityalo kuthiwa zi Macro elements. Olunye udidi olufunwa kancinci zizityalo kuthiwa zii Micro elements.
Ezona ndidi zibalulekileyo zezi :
| Macro-elements | Micro-elements | ||
| N | Nitrogen | Cu | Copper |
| P | Phosphorus | Zn | Zinc |
| K | Potassium | Mn | Manganese |
| S | Sulphur | B | Boron |
| Ca | Calsium | Fe | Iron |
| Mg | Magnesium | Mo | Molybdenum |
Zonke ezimbiwa ziyafuneka ezityalweni ntonje kushiyana ubuninzi obufunwa sisityalo ngasinye. Zonke ezi zimbiwa zinendima ebaulekileyo ekondlweni kwesityalo. Apha kulencoko sizakuthetha kuphela ngezintathu ezona zibalulekileyo ezibizwa ukuba yinitrogen, iphosphate nepotassium okanye iN,P, K.
![]() Click to enlarge! |
Kutheni ezizimbiwa zibaluleke kangaka?
N - Nitrogen Esi simbiwa sifumaneka kulendawo itshayo isisikhondo esityalweni. Xa izityalo zifumana iNitrogen ngokwaneleyo, ziye zikhawuleze ukukhula amagqabi anebala elihle eliluhlaza. Ukuba izityalo zifumana iNitrogen engapha kwemfuneko, zithatha ixesha ukukhula , zilunga kade ukuba zingavunwa litsho libelide ne xesha Lomnyaka wazo. Enye into xa izityalo zifumana iNitrogen engapha kwemfuneko, zikhula zibenamagqabi amakhulu zibeneziqu ezibhityileyo. Isiqu esibhityileyo esityalweni senza ukuba isityalo sisindwe ngumphezulu sinzonze sife ngenxa yokusindwa ngamagqabi, okanye ngenxa yomoya ovuthela ngamandla okanye ngenxa yemvula ena ngamandla. Kwakhona iNitrogen eninzi ingenza ukuba ukomelela kwezityalo ekungenweni sisifo kuhle kakhulu. Izityalo ezingafumani iNitrogen ngokwaneleyo ziba namagqabi ane bala elityheli. Lombala ubonakala kakhulu kumagqabi asele emadala. Izityalo ziyadodobala endaweni yokuba zikhule kufumaneke isivuno esincinci. Izityalo ezifumana iNitrogen ngokwaneleyo zivelisa kakhulu, kwaye imveliso iba kwididi oluphezulu. Imithombo emibini apho izityalo zifumana iNitrogen (1) zizityalo ezibolayo, (2) nezichumisi ezenziwa kwimizi mveliso nje ngoma Kynoch. Ezona ntlobo zimbini ze Nitrogen, I Nitrate okanye I Ammonium zixubeka lula emanzini ngoko ke zingakhukhuliseka lula xa ine kakhulu imvula okanye xa kunkcenkceshelwe ngamandla. Kufuneka ke ngoko umfama ayazi ukuba I Nitrogen iyahlaziywa emhlabeni xa elimile. Izichumisi ezine Nitrogen kulapho zinceda khona ngoba zithi zongeze I Nitrogen emhlabeni. Ukukhuthaza ukuba izityalo zikhawuleze ukukhula, isenokufakwa iNitrogen emhlabeni phambi kwe xesha lokulima. |
![]() Click to enlarge! |
P - Phosphorus
Inkoliso yemihlaba apha Emzantsi Afrika iyalambatha ngakwicala le Phosphate kwaye izityalo aziyifumani emhlabeni ukuze zikhule. I Phosphate ibalulekile ekukhuleni kwesi tyalo kodwa ke noko ngamanani amancinci kune Nitrogen. I Phosphate ifuneka ekukhuleni kweengcambu phantsi komhlaba nokukhula kwesithole phezu komhlaba kwezindawo ziqala zintshule xa sikhula isityalo. Ukuba isityalo asiyifumani ngokwaneleyo I Phosphate, siba sincinci, sivuthwa kade kakhulu lento iqapheleka kakhulu kwizityalo eziziingqolowa. Ngenxa yokuba i Phosphate ibalulekile kwi cells zesityalo, idla ngokubaninzi embewini ukuze incedisane nesityalo ukukhula. Ukufakwa kwe Phosphate emhlabeni nokufumana kwesityalo I Phosphate eyoneleyo kubalulekile kengoko ukuze izityalo zikhawuleze zikhule zibe neengcambu ezomeleleyo. Isityalo esinengcambu ezomeleleyo sikwazi ukufunxa ezinye izimbiwa namanzi emhlabeni. Ngolo hlobo isityalo sithi sifumane ukomelela xa kukho isomiso nezifo ezibulala izityalo. Into yokuba isityalo sinikwe I Phosphate engapha kwemfuneko ayinabungozi kodwa ke ziindleko ezininzi ezenziwa ngumfama ngaphandle kwesi zathu. Imihlaba ene Phosphate encinci idla ngokuba namadlelo ane Phosphate encinci. Loonto ingazibeka engozini izilwanyana ezitya apho ngoba izilwanyana zihlala zincinci azikhuli zifikelele kwiziqu zazo, imizimba yazo nemisipha ihlala yomile, uboya buyaxweba ziphinde zithande ukutya amathambo nesanti. |
![]() Click to enlarge! |
K - Potassium
Yinxalenye ye sikhondo sesityalo. I Potasium ayiyo nto ebalulekileyo esiqwini sesityalo, kodwa ke idlala indima ebalulekileyo kwi plant sap ephakathi kwi plant cells, kuba incedisa isityalo ukuba senze izakha mzimba ezithile esizifunayo isityalo ukuze sikhule. Ezityalweni ezifana nemimbona neengqolowa, isikhondo sesityalo siyomelela sitsho sikwazi ukuxhathisa xa sibethwa yimimoya evuthuza ngamandla. Kwakhona kwizityalo ezizingqolowa i Potasium yenza izityalo zibe kudidi oluhle, zihlale isidala zingaboli kwaye zibenkulu. Ngenxa yokuba izityalo ziyifunxa lula iPotasium xa idibene namanzi, kuyenzeka ukuba ziyifunxe ngapha kwemfuneko, okanye ngaphezu kweziyifunayo ukuze zikhule. Kuzo zonke izityalo kengoko kudingeka i Nitrogen, i Phosphate ne Potasium eyoneleyo ukuze izityalo zikhule. Ozeke kuvunwa kukhutshwe nezithole ezindala kususwa into ebizakwenza umgquba, nebizakutyebisa umhlaba. Ukuba emva koko akongezwanga i Nitrogen, Iphosphate ne Potasium ngokuthi kufakwe izichumisi, okanye umgquba okanye isichumiso umhlaba uyehla umgangatho wokuchuma, kufumaneka ukutya okuncinci okunokutyiwa sisilwanyana okanye umntu. Xa kuthethwa kengoko nge Nitrogen ,iPhosphate, iPotasium, kuthethwa ngezinto ezondla izityalo nezichumisi ezifuneka nakanjani ukuze kuzoku fumaneka izivuno ezikhulu. |
![]() Click to enlarge! |
S - Sulphur |
![]() Click to enlarge! |
Ca - Calcium |
![]() Click to enlarge! |
Mg - Magnesium |
![]() Click to enlarge! |
Cu - Copper |
![]() Click to enlarge! |
Zn - Zinc |
![]() Click to enlarge! |
Mn - Manganese |
![]() Click to enlarge! |
B - Boron |
![]() Click to enlarge! |
Fe - Iron |
![]() Click to enlarge! |
Mo - Molybdenum |
CP de L Beyers
ELSENBURG / Nitrophoska