home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, imphatho: 5

Amacebo asebenzayo okuvelisa iihagu Afrikaans | English

Click to enlarge!
Iindidi
Olona hlobo lwaziwayo lwehagu yile yalapha emzantsi afrika ekuthiwa yi Kolbroek. Kuyacingelwa ukuba isuka kumbindi okuthiwa yi Asia.

Click to enlarge!
Ukuzala nokwanda komhlamba

Imazi yehagu imitha ithuba elingange ntsuku ezilikhulu elinentsuku ezintandathu (iinyanga ezintathu, iiveki ezintathu, nee ntsuku ezintathu. Amantshontsho ashiyana ukusuka kwisibhozo ukuya kwishumi ngokwenani xa ezalwa. Amantshontsho alunyulwa xa enentsuku ezingamashumi amathathu ubudala.

Emva kweentsuku ezine imazi iyeke ukuncancisa, iyadumba ibe nobushushu idinge ukudibana nenkunzi.Kufuneka ngelixesha isadumbileyo, idityaniswe nenkunzi ubuncinane kabini zingaphelanga iyure ezilishumi elinesibini ukwenzela ukuba kuzokuqinisekiswa ukuba ithathile. Ukuba kubonakala ukuba ayithathanga kufuneka iphinde idityaniswe nenkunzi phambi kokuba kudlule iintsuku ezingamashumi amabini ananye. Imazi idumba ngokukhawuleza xa ihleli inenkunzi ekufutshane. Iimazi ezincinci zidityaniswa nenkunzi xa zikubudala obuphakathi kweenyanga ezisixhenxe ukuya kwezisibhozo zibe ubunzima besikali ngeloxesha buyi 100 ye kilogram, kanti ke neenkunzi ziqalisa ukukhwela iimazi xa zikobubudala beenyanga ezisixhenxe ukuya kwezisibhozo. Inkunzi enye ilungile ukuba ingakhwela iimazi ezilishumi elinesibini.

Kubalulekile ukuba umfuyi aqiniseke ukuba inkunzi anayo iyazala.


Click to enlarge!
Ukondla

Iimfuno zehagu malunga nokondliwa, ziyohluka, kwaye zixhomekeka kwimeko ekuyo ngalomzuzu. Kodwa ke amanqaku anokuwabamba umfama malunga nokutya udidi nobuninzi ngala alandelayo:

Imeko Phambi koku lunyulwa Ihagu esele zilunyulwe
Ubudala Iintsuku 0-35 ubudala 35-56 Iintsuku
Ubunzima 1.5-9kg 9-20kg
Ubuninzi bokutya ngosuku 50 ukuya kwi250 grams ngosuku Malunga ne 800g ngosuku
Iprotein etyiwayo ngosuku 21% ye protein 18% ye protein


Click to enlarge!
Imeko Ihagu ezikhulayo Iihagu ezilungiselelwa imarike
Ubudala 56-110 yeentsuku ubudala 110-160 yeentsuku ubudala
Ubunzima 20-50kg 50-90kg
Ubuninzi bokutya ngosuku Malunga ne 1.9 ye kg ngosuku Malunga ne 3kg ngosuku
Iprotein etyiwayo ngosuku 16% yee protein 15 % yee protein

 


Click to enlarge!
Imeko Iimazi neenkunzi ezingancancisiyo Iimazi ezincancisayo
Ubudala 285 yeentsuku ngonyaka 80 yeentsuku ngonyaka
Ubunzima 140-200kg 140-200 kg
Ubuninzi bokutya ngosuku Malunga ne 4kg imazi nganye ukusela kusuku lokulumla ukuya kusuku lokukhwelwa yinkunzi Malunga ne 2kg kwimazi enzima. 2kg kunye ne 0.4kg ihagu nganye ukuya kwi 8kg ngosuku
Iprotein etyiwayo ngosuku 13% ye protein 16% yee protein

 


Click to enlarge!
Ukutya kusenokwenziwa ngokuba kudityaniswe iingqolowa (umzekelo umbona, ingqolowa, barley, ne korog) iinyama nezinto ekwenziwa ngazo iisausages, neentlobo ezohlukileyo zeentlanzi, nokutya okuneprotein umzekelo iilupines, iimbotyi, iertyisi, njalo njalo. Ukuze isilwanyana sivelise kakuhle, ukutya kwaso kufuneka kuxubeke kakuhle , izinto ezine energy kwakunye neprotein. Amanzi oneleyo kufuneka isilwanyana siwafumane ngalo lonke ixesha. Iimazi zehagu xa zincancisa ziwasela kakhulu amanzi.

Imveliso

Yonke imazi yehagu ivelisa amantshontsho kabini nesiqingathana ngonyaka. Loonto ithethe ukuba imazi enye ingawafumana amantshontsho angamashumi amabini ngonyaka phantsi kwemeko eziqhelekileyo. Ukuba zonke ezihagu zizelweyo zingaphila zikhuliswe ziyokufika kubunzima obuyi 90 kg, ithetha loonto ukuba imazi enye ingavelisa izilwanyana eziphilayo eziyi 1800kg, kanti ukuba ezizilwanyana zingaxhelwa kungavela inyama ebubunzima obuyi1400 kg ngonyaka. Ngelo xesha, imazi ye hagu itya malunga ne 1,2 yetone ngonyaka kwaye yonke ihagu idinga malunga ne 270 kg yokutya ukuze ifikelele kubunzima obuyi 90 kg.


Click to enlarge!
Ukukhetha izilwanyana ekuzaku phuhliswa ngazo imfuyo
  • Iimazi zohlobo zikhethwa xa zikubudala beenyanga eziyi 5 ukuya kweziyi 6, okanye xa zikubunzima obuyi 100kg.
  • Yonke imazi yehagu kufuneka ibe nemibele emithandathu kwicala ngalinye, kunjalo nje kufuneka imibele ime kakuhle emzimbeni wesilwanyana ingabi ngathi ihagu isisidalwa ngoba loonto iyakufuzwa ngamantshontsho wayo.
  • Yonke imazi kufuneka ibe namanqina omeleleyo kwaye amile kakuhle apha emzimbeni wehagu. Umzimba wehagu kudingeka ukuba ube mde namanqina amile kakuhle.
  • Imazi ikhethelwa ukuya emarikeni xa ivela kuzala kasixhenxhe okanye kasibhozo. Ukuba imazi izicacise kwangoko ukuba ayizali isengakhethwa nangaphambi koko ngoba izakugqiba nje ukutya.

Click to enlarge!
Amacebo jikelele okufuya iihagu
  • Isiqingatha sehagu (50%) ezizelweyo zifa phambi kokuba zilunyulwe, kwaye uninzi lwazo lufa kwiintsuku ezimbini zokuqala emva kokuzalwa. Kubalulekile ukuba indlu le ahlala kuyo amantshontsho ibenezixhasi ezinqanda ukuba imazi yehagu ingaze iwacinezele amantshontsho.
  • Kubalulekile ukuba indlu yamantshontsho icocwe kubulawe iintsholongwane kakuhle phambi kokuba imazi izokuzalela kuyo. Bubuchule ukuba umfuyi ashiye iveki phakathi kokucoca nokufika kwemazi.
  • Amantshontsho kufuneka anikwe eyona nkathalo ikwizinga eliphezulu.
  • Amazinywana weehagwana kufuneka asikwe kusuku lwesithathu iihagu zizelwe ngoba azakuvisa unina ubuhlungu, imazi yehagu iwabaleke okanye iwalume xa ezokuncanca.
  • Ukuba iihagu zizakuhlala kwindawo esisakhiwo, oko kukuthi azizukuvunyelwa zihambe phandle ziziphandele, kuyanyazeleka ukuba mazinikwe inaliti ye Iron.
  • I Diarrhoea oko kukuthi ukukhululeka kwesisu yenye yezizathu eziphambili ezidala ilahleko kumfuyi oshishina ngeehagu. Inqandwa imeko yesisu ngokuthi indlu yamantshontsho igcinwe ikwimeko engenazintsholongwane nento eyandlalwe phantsi igcinwa icocekile.
  • Xa kubonakala ukuba isusu size kakubi singadlula nayo imfuyo, kuye kunyanzeleke ukuba umfuyi adibane nogqira wezilwanyana ngokukhawuleza.
  • Imazi ngelo xesha kufuneka ijongwe ngemehlo elibukhali kuqwalaselwe ukuba ayinasifo se Mastitis(isifo samabele) nazo zonke iingxaki ezidibene nobisi encancisa ngalo amantshontsho.
  • Kufuneka umfuyi ayazi ukuba uzakutofa izilwanyana ngamaxesha awaqingqwa nguye nogqira wezilwanyana ukukhusela ukuba singabisangena isifo ezilwanyaneni.
  • Iimazi zeehagu kufuneka zifakwe iyeza lokuhambisa ubuncinane iiveki ezintathu phambi kokuba zizale amantshontsho ukwenzela izinto ezisesuswini ezinje ngeentshulube nezinambuzane ezifunxa igazi esuswini zikhutshwe kwangoko.

TS  Brand
ELSENBURG / Iziko Lophando Nzulu