| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izilwanyana, izifo: 6 |
![]() Click to enlarge! |
Umanzabomvu sesinye sezifo ezibalulekileyo apha emazantsi afrika. Umzekelo ngonyaka ka1972 kwafa iinkomo ezingamawaka alishumi Phesheya Kwenciba.
Esi sifo sisasazwa ngamakhalane abizwa ukuba yi blue tick asele engenwe sesisifo wona kuqala. I blue tick ixhaphake kwiindawo ezinemvula eninzi njengeMpuma Koloni ne Ntshona Koloni, EKwazulu Natal nase Mpumalanga. Zonke iintlobo zeenkomo ezifumaneka emzantsi afrika ziyahlaselwa sesisifo kodwa ke ezi ntlobo zalapha ekhaya ezinje ngeNguni neSanga zinokomelela okuthile kwesi sifo. |
![]() Click to enlarge! |
Intsholongwane yesi sifo ingena egazini lenkomo ngala mzuzu ilunywa likhalane, kunjalo nje ifika intsholongwane ibulale igazi neento egazini ekuthiwa zi red blood corpuscles. Iimpawu ezivamileyo zesisifo, bubushushu obugqithisileyo, ukungathandi ukutya, ukuba buthathaka, ukutyhafa, ukukhululeka kwesisu, umchamo obomvu (umanzabomvu) ukubhitya, ngelithuba inkomo ingekafi. Ngamanye amathuba inkomo ifa kungakhange kubonakale nophawu olunye olwalathisa ukuba inkomo iyagula. Ezinye iimpawu ezalathisa isifo kukugula ngengqondo kukubanomsindo kwesilwanyana, sithande ukulwa nezinye, sijikeleze ndawonye, sixhuzule, sifune ukuhlasela abantu, nokwelama. |
Eyona ndlela yokuqiniseka ukuba isilwanyana sosulelekile sisifo sika manzabomvu yeyokuba kutsalwe igazi liyokuxilongwa ngugqira wezilwanyana. Kubalulekile ukuba igazi lixilongwe ngokunonophela, ngoba kunezifo eziliqela ezinokuphazanyiswa nomanzabomvu, umzekelo, izifo ezifana nenyongo yamakhalane, isilepere esidalwa ngamakhalane, kwakunye netyhefu eza nge kopolo necarbon.
Ukunqandwa kwesifo umanzabomvu sixhomekeke kwindlela ezimbini zokusilwa. Enye indlela kukutofa iizilwanyana ezincinci ngeyeza, enye kukulawula ubuninzi bamakhalane kulondawo iinkomo zikuyo.
![]() Click to enlarge! |
Masiqale sijonge indlela yokutofa njengendlela yokulawula isifo:
Kwindawo enamakhalane athwele isifo, amathole amaninzi ayosuleleka sisifo esemancinci angabonakalisi ukugula kuba isilwanyana esincinci sinokomelela kwendalo esikufumene kunina, akadli ngokubonakalisa ukugula. Ithi nokuba isifo besingenile, ithole likhawuleze liphile, emva koko libanokomelela kwisifo umanzabomvu ngoba kaloku isifo silapha egazini lesilwanyana. Eso silwanyana besikhe sosuleleka saze saphila sakuba nokomelela ithuba elinga ngomnyaka omnye ukuya kutsho kubomi baso bonke sisaphila. |
Kodwa ke njengokuba kucacile ukuba akukho mntu unokulawula ubuninzi bamakhalane, kungcono ukuba umfuyi athembele kulendlela yokutofa izilwanyana ngeyeza.
![]() Click to enlarge! |
Iyeza lika manzabovu lakhiwa ngokuba kufakwe iintsholngwane eziphilayo. Loonto yenza ukuba izilwanyana ezitofwe sezindala zigule ngamanye amaxesha zide zife. Tofa kengoko amathole esenenyanga eziphakathi kweenyanga ezintathu ukuya kwezilithoba ngenxa yokuba izilwanyane ezincinci kunqabile ukuba zibe nokugula okungabulala xa zitofiwe. |
Kodwa nangona kunjalo isilwanyane esisanda kutofwa kufuneka siqwalaselwe kangangethuba elinganga ngeeveki ezintathu ukuba akukho nto yenzekayo. Ukuba isilwanyana sithe sagula kufuneka sinyangwe ngoko nangoko. Wamkelekile ukuba ungadibana nogqira wezilwanyana malunga nalomba.
![]() Click to enlarge! |
Khumbula ukomelela kuphumelela emva kweeveki ezine ukuya kwezintandathu. Kubalulekile kengoko ukuba izilwanyane zitofwe ubuncinane iinyanga ezimbini phambi kokuba zisiwe endaweni enesifo umanzabomvu. Kufuneka kuzanywe ukuba kubekho imeko apho kukho amakhalane awoneleyo ukuba angosulela izilwanyana ezincinci, zizokwazi ukwakha ukomelela. Enye into, lendlela yokusebenzisa indalo ukunqanda isifo yonga imali kwaye iyasebenza. Abafuyi ngamanye amaxesha abakunonopheli ngokwaneleyo ukutofwa kwezilwanyana. Xa kuthe kwagula iinkomo ezisezindala, lonto yalatha ukuba azikwakhanga ukomelela ngeliya thuba zisencinci. Ukuba azikufumananga ukomelela izilwanyana zisencinci leyo into iphinde ithethe ukuba ulawulo lwenani lamakhalane lungqongqo kufuneka lungathi luyayekelelwa kancinci noko. |
DH de Lange
ELSENBURG / Icandelo Lokunyanga Izilwanyana
Lase GEORGE