home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izityalo, imifuno: 1

Cinga phambi kokuba uvelise imifuno Afrikaans | English

Click to enlarge!
Cingisisa phambi kokuba uqalise ukuvelisa imifuno!

Uzakuthi kulungile - sele ndiyazi ukuba ndizakutyala ntoni okanye ndiza kulima ntoni, sele ndiwulungisile umhlaba wam, sele ndiwugalele umgquba okanye isichumiso sam, andinangxaki ukuba ndingankcenkceshela umhlaba wam kwaye ndinolwazi oluphangaleleyo malunga nezinambuzane neentsholongane ezithwala izifo zezityalo.


Click to enlarge!
Masithi ke ngoku ugqibe ukuba uzakuqala ngokulima ithanga. Yonke ke into izakuhamba kakuhle de kuyokufika ixesha lokuvuna. Nako ke ume phambi komhlaba wakho uyancoma ukuba nakanjani awunanga fumani isivuno setone ezingamashumi asibhozo kwi hektare nganye. Ngoku kuzakuthiwani?

Naleyo uzakuthi ilula - ndizakuthatha imveliso yam ndiyokuyibeka emarikeni ndikhongozele imali yam ekudala ndiyilindele. Umnqa yinto yokuba kulapho kanye apho zidla ngokuqala khona iingxaki zomlimi.


Click to enlarge!
Ngobani abathengi bam? Iphi kwaye ikude kangakanani imarike? Ngelixesha ndijonge ukuqala ukuthengisa andizukufika imarike igcwele ithe qhu ngamathanga athengiswayo? Loluphi uhlobo lwethanga olufunwa ngumthengi kwaye ulifuna lize kuye linjani - ufuna ithanga elipheleleyo, ufuna isiqingatha okanye ufuna icwecwana lethanga, ufuna ithanga elincinci okanye elikhulu? Nina sebevela kuya emarikeni ngesigadla okanye ngenqwelo mafutha enophahla egcwaliswe ngemveliso yemifuno niyayazi le mibuzo.

Masiphinde sibuyele kula ntetha bendiqale ngayo phambi kokuba uqalise ukuvelisa imifuno.


Click to enlarge!
Into ebubuchule kakhulu ,kukuba umntu aqale afunde inkqubo yasemarikeni. Leliphi ixesha elidla ngokunqaba nyani ithanga, ngoba okokunqaba yinto ezakuba negalelo elikhulu ekuhleni nokunyuka kwexabiso lethanga. Mna ke ndingumlimi ndinakho ukuba ngeloxesha kanye ndibe namathanga amaninzi entengiso? Loluphi uhlobo lwethanga elifunwa ngabathengi? Ndinakho ukuba ngeloxesha kanye lonqongophalo ndibenendlela yokufumana imbewu elungileyo kuba ndinoqhakamshelwano nomvelisi-mbewu othembakeleyo?

Ngaphezulu - ndinawo na amava okuvelisa oluhlobo lwethanga lifunwa ngabathengi bam? - kufuneka ndityale nini, lithatha ithuba elingakanani ukukhula, isithole ngasinye sithwala amathanga amangaphi, elithanga xa sele livuniwe lihlala ithuba elingakanani phambi kokuba libole, kwesi sithili sam oluhlobo lwethanga ludla ngokukhula lubengakanani?

Ndiqinisekile ukuba uzakuthi ndikubuza umbuzo phezu kombuzo ndakugqiba ndingakuniki nenye impendulo! Yiyo kanye lento ndifuna ukuba ucacelwe yiyo, yiyo nale ibisengqondweni yam ngelixesha ndisithi: CINGISISA.

Kufuneka ndiqale ndisebenzise ubuchopho phambi kokuba ndisebenzise izandla zam. Ezizinto zimbini ubuchopho nezandla xa zidibene zinganegalelo elingathethekiyo kwimpumelelo yam njengomvelisi wemifuno kakunye nemali engena engxoweni yam ndakugqiba ukuvelisa.

Ukuba nifuna ulwazi olungaphezulu ngalomba, ninga tsalela umcebisi okufutshane, okanye ningadibana nomcebisi ngezemali ophantsi kwesebe lezolimo.

CL van Rooyen
ELSENBURG / Amagosa okucebisa ngezolimo wase Caledon