home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, isondlo: 2

Isondlo segusha neebhokwe ezizalayo Afrikaans | English

Click to enlarge!
Eyona njongo yokufuya impahla emfutshane kukuvelisa amatakane. Isininzi samatakane sikhuliselwa ukuthengisa ize ezimbalwa zifuyelwe ukunyusa umgangatho womhlambi kwakunye nokwandisa inani lomhlambi ukuze zihleli zikhona izilwanyana ekunokukhethwa kuzo. Impumelelo yomfuyi ixhomekeke ukuba mangaphi amatakane aphila de afike kubudala bokulumla ekwanyisweni nenani lamatakane akhula de afikelele ebudaleni bokuxhelwa. Ngamafutshane inani lamatakane elifunyanwa ngumfama lilo elalatha ukuba ukuba yimalini ezakufunyanwa ngumfama ngonyaka.

Ukutya ezikutyayo izilwanyana yeyona nto ibalulekileyo ekufuyeni izilwanyana. Isondlo sezilwanyana sibaluleke unyaka wonke kodwa ixesha lokusukelwa kwemazi ziinkunzi lelona lisemqoka malunga nomba wesondlo. Iimfuno zezilwanyana zokutya zinyuka ngokuphindaphinde kathathu ngexesha lokudibana kweenkunzi neemazi. Lilonke lelona xesha libalilekileyo emvelisweni yemfuyo.

Ukondliwa yinto ebalulekileyo ekukhuthaleni kwemazi ukudibana nenkunzi. Imeko ekuyo imazi kwicala lokondliwa inegalelo elikhulu kwinto yokuba imazi izakuthatha imithe xa ilixesha lokudibana neenkunzi.


Click to enlarge!
Elinye ixesha elibalulekileyo leliya thuba zeke imazi iinyanga ziphezulu kakhulu iiveki eziyi6 ukuya kweziyi8 phambi kokuba izale. Ukondliwa kwemazi ngeziveki zokugqibela phambi kokuba imazi izale lunegalelo elikhulu kwinto yokuba itakane lizakubalikhulu kangakanani kwaye lizakuphila okanye lizakufa na.

Ukuba imazi akhange ifumane isondlo esaneleyo ngezantsuku zokugqibela zokumitha amatakane azakuzalwa ebuthathaka okanye imazi ayizukubanobisi olwaneleyo lokuncancisa. Ngaphandle nje kokutya okudingwa litakane elisese suswini imazi le imithiyo ayibinombele omile ngokwaneleyo nolabisi lokuqala kuthiwa ngumthubi aluhli ngokwaneleyo kwiiveki ezintathu zokugqibela xa imithi.

Kwelinye icala njengokuba kukhankanywa ukubaluleka kwesondlo imazi etyebe kakhulu ayifune, ibanamatakane amakhulu, izale nzima, enye into eyizalisa nzima ngenxa yokutyeba ibanamanqathe amaninzi esibelekweni avalele itakane. Iimazi ezityebe kakhulu ziba nesifo esenza igusha ijikeleze esithubeni ingathi iyaphambana ukhe ayafumana ukutya okuninzi njengoba sele iqhelisiwe okanye ukuba kusuke kwanqaba ukutya.


Click to enlarge!
Ixesha apho imazi ikufuna nyani ukutya kakhulu kuxa incancisa ngoba ifuna okwakutya izokuguqula emzimbeni ikwenze kube lubisi olubisi luninzi ilivelisayo imazi, lwenza ukuba itakane layo likhule kakuhle. Amathuba etakane okuphila angcono kakhulu kwiinyanga ezimbini nezintathu zokuqala xa unina ondleke kakuhle.

Amatakane kufuneka afakwe ebisini ngoko nangoko xa egqiba kuzalwa kakhulu olu kuthiwa ngumthubi. Amatakane asanda ukuzalwa endaweni engena mthubi asenokunikwa umthubi obugcinwe emkhenceni ukhutshwe kancinci ingqele xa ungekho umthubi wegusha inganikwa owenkomo.


Click to enlarge!
Ngexesha lonxunguphalo ingenziwa indlela yokuba ubekhona umthubi ngokuthi umfuyi adibanise ilitre yobisi, iqanda elinye icephe elinye lefishoil, lomxube kufuneka uqhuqhwe kakuhle ufudunyezwe ubushushu bomxube bulingane nobomzimba wesilwanyana.

Click to enlarge!
Umfama omncinci umnqweno wakhe kukuba makabenemazi ezininzi ngethuba elikhawulezilevo. Kodwa ke izilwanYana ezinintsi endaweni enye ziyayenza ingxaki ngoba utyani ludla ukungoneli izilwanyane namadlelo ibe yinto eyenza indlela. Ezona zilwanyana zidla ngokufumana ubunzima ziimazl ezincanclsayo. Ewe izilwanyana ziyakwazi ukubuyisa emva kwendlala ziphindele kwimeko yesiqhelo kodwa kukho lamaxesha ekuvela unxunguphalo nokufa ukhe akwabikho kutya kwaneleyoamathuba okusukelana kweenkunzi neemazi, ixesha lokumitha kusondele ukuzala nexesha lokuncancisa. Isondlo esaneleyo sibalulekile emfuyweni ngalamaxesha agqiba kukhanywa kodwa nanini ukuze kuveliswe imfuyo esemgangathweni kufuneka isondlo sibesezingeni eliphezulu.

TS  Brand
ELSENBURG / Iziko Lophando Nzulu