home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, isondlo: 1

Isondlo segusha neebhokwe ezitya emadlelweni Afrikaans | English

Click to enlarge!
Iigusha yinto exhomekeke emadlelweni emhlabeni jikelele. Xa siqwalasela indlela onyuke ngayo umgangatho wemfuyo ezigusheni sakubona ukuba kuqale kwanyuka umgangatho wamadlelo. Ngamanye amazwi ukuba uthi unyusa umgangatho wokondliwa kweegusha kufuneka uqale ujonge imo yamadlelo.

Kwakhona xa kufuneka amadlelo abenegalelo elibhetele empilweni yegusha kudingeka ukuba kuqwalaselwe izakha mzimba ezinokuba zinqongophele emadlelweni, ezozakha mzimba zingekhoyo kufuneka zifakelelwe ngobuchule obukhulu, kwakhona ngamaxesha endlala kufuneka izilwanyana zincedwe ngokongezelelwa ukutya. Nangona ziliqela izakha mzimba ezifunwa ngumzimba wesilwanyana, kukho ezimbini ezingaguqukiyo, ienergy kwakunye neeprotein.


Click to enlarge!
Ienergy ithetha amandla, iprotein xa sinokuyisa esixhoseni singathi sisiseko somzimba waso sonke isilwanyana (xa si -thetha ngesilwanyana sibokukhumbula ukuba umntu sisilwa nyana). Iintlobo zokutya ezityiwa sisilwanyana esetyisayo kambe zohlukile kwezityiwa zezinye izilwanyana. Izilwanyana ezetyisayo ziyifumana ienergy yazo kakhulu emboneni, kwibarley, kwitriticale, kwingca ekuthiwa yikorog, kwi voer eyenziwe ngengqolowa, kwioats nakwqinqca ebizwa ukuba yiryegrass.

Click to enlarge!
Iiprotein ezi besikhe sathetha ngazo zifumaneka kumabhali enziwe ngelusern, ngemifuno ekuthiwa zilupines, ioilcake meal nefishmeal. Iureum iyasetyenziswa xa kufuneka initrogen. Umzimba wesilwanyana uyakwazi ukuguqula initrogen uyenze ibe ziprotein.

Ozeke umgangatho wamadlelo uphantsi kakhulu xa kukho isomiso, izinyanga ezomileyo, into yokuqala edla ngokuqapheleka ukuba inqongophele idla ngokuba ziiprotein. Ozeke kubekho indlala izinto zokuqala ezongezwayo iba ziiprotein ne energy ukufakela ukutya okunqabileyo. Kubalulekile ukuba sikhumbul e into yokuba iibhokwe neegusha eziphiwa ingqolowa eninzi ukutya okunenqqolwa kufuneka kudityaniswe nomgubo ekuthiwa yislaked lime, ikilogram enye yeslaked lime kufanele ixutywe ne 100 kg yengqolowa loonto iyakuyibulala iacid esisuswini sesi lwanyana.

Izilwanyana eziqheliswa ukutya okunengqolowa eninzi kufuneka zinikwe kancinci ubuninzi bokutya buye bunyuswa njengokuba ixesha lihamba.


Click to enlarge!
Xa ibhokwe ziphiwa ukutya, kufuneka kubekho utyani olukhuni (roughage) eyenziwe ngamabhali, istraw namadlelo.

Iureum ukutya okwenziwe ngee chemicals ezine nitrogen ezithi izilwanyana ziyiguqule ibe yi protein, akufuneki igalelwe kakhulu kwi voer ngoba iyajika ibe yityhefu. Kufuneka umfuyi aqinisekise ukuba izillwanyana zinganikwa ngaphezu kwe gram eziyi 1O ukuya kwi 14. I ureum idla ngoku dityaniswa kwi lick nezinye izakha mzimba.Kuye kongezwe ityiwa kangange percent eziyi 20 ukuya kweziyi 4O ukwenzela ukuba izilwanyana ziyiqhele. Kubalulekile ukuba singaze silibale ukuyibeka i ureum endaweni engenakufunyanwa yimvula ngoba apho ikhe yanetha khona i ureum iyanyibilika esityeni esivalekileyo ibeninzi emanzini itsho ibe yityhefu.


Click to enlarge!
Nangu umzekelo we lick anokuzidibanisela umfama xa komile. imvula inqabile zibe izilwanyana zimiti iinyanga ziphezulu okanye zincanisa:
  • Umxube onengqolowa 570 kg
  • Ifishmeal/ Ioilcakemeal 143 kg
  • Ilupinemeal/ Ioilcakemeal 78 kg
  • I ureum 37 kg
  • I slaked lime 15.5 kg
  • I molasses 15 kg
  • I sulphur 1,5 kg
  • Ityiwa 140 kg

Le lick ingabekwa esityeni phaya emadlelweni ukwenzela ukubai imazi zikwazi ukufumana kangange 200 grams xa imithi okanye 400 grams xa isanyisa.

TS Brand
ELSENBURG / Iziko Lophando Nzulu