home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izityalo, imifuno: 6

I vatala Afrikaans | English

Ivatala ikhula kakuhle emhlabeni omtsha, ongakhange usebenze, ochumileyo. Ichuma kakhulu kumhlaba wesanti edibene nomhlaba weloam one komposi eninzi.Umhlaba kufuneka ungawagcini amanzi xa bekunile okanye be kuncenceshelwe, kufuneka akhawuleze ehle.Imihlaba exineneyo akufuneki isetyenziswe ngaphandle kokuba ayikho enye indlela. Umhlaba kufuneka ungagcwali iacid.

Xa kutyalwa ivatala iipete kufuneka umngxunya uhle kangange sentimitha ezintlanu (5 cm) okanye (2 inch)nge ntethho yakudala isenokuthi xa imbewu sele imilile zincothulwe ezinye izityalo ukuba zishinyene.Umgama phakathi kwezityalo kufuneka ube zisentimitha ezingama shumi amahlanu ukuya kumashumi amathandathu (50 - 60 cm) ereyini. Iireyi kufuneka zohlulwe yi 150 ukuya kwi 200 yeesentimitha.Nazi iintlobo zevatala ezinconywayo ngokukhula ngcono iCharleston Grey, iSweet Princess, iCrimson sweet ne Kongo.

E Southwest cape nase Western cape ivatala ingatyalwa ngoSeptember nango Qctober kanti eNorth cape isenokutyalwa ngaphambi kwezo nyanga solange amaqondo obushushu ephakame ngokweneleyo.Sukulinge utyale phambi kokuba umhIaba ufudumale ngokwaneleyo.Kufuneka kufakwe isichumisi phambi kokuba kutyalwe kangange 500 kg yesichumisi i2:3:4 kwi hektare nganye. Emva kokuba kutyaliwe kufuneka umlimi agalele i100kg ye L.A.N. kabini. I 100kg yokuqala igalelwa iiveki ezimbini emva kokuba kutyaliwe elandelayo i 100kg ye L.A.N. iyakugalelwa emva kweeveki ezimbini. Xa kuhluma amablom wokuqala umlimi angapeyita nge calcium nitrate ukuba ikhona.

Indlela yokuncenceshela kufuneka ibengamanzi avulelwayo, abalekayo, ngenxa yokuba asifuni manzi amileyo xa silime ivatala kuba lonto ikhuthaza izifo emagqabini.Xa ucenceshela amanzi kufuneka ehle kangange 1,5 ukuya kwi 2 metre ngoba iingcambu ze vatala zihla kangangomgama oyi 2 metre. Kwiindawo ezomileyo nezishushu kufuneka umlimi ancenceshele kakhulu kanye emva kweentsuku eziyi 14, into yokumane kuncenceshelwa kancinci roqo emva kwethutyana ayikhuthazwa kwaphela.

Ukungena kwe pollen eblomini ukuze kuzokuvela imbewu kubalulekile kangangokuba xa amablom evatala edubule iinyosi ezikhoyo kufuneka zilotywe ngendlela zonke ukuba mazizoku 'hlala emablomini.

Isifo iFusarium ngunobangela welahleko, etsho kubenesivuno esibuthathaka nesibhityileyo. Ifusarium iyanqandeka ngokuba umlimi asebenzise into ekuthiwa yi crop rotation oko kukuthi umzekelo xa bekulinywe ivatala kulonyaka emhlabeni othile uphinde uyilime emva kweminyaka emihlanu kuwo loomhlaba. Ukhula alufuneki ngoba luphangela izityalo izinto ezifana nezichumisi namanzi njalo njalo.

Ngethuba zintshula izityalo kufuneka umlimi alumkele umbungu ekuthiwa yi cutworm, lombungu uyalotywa ngokuthi umntu agalele ityhefu kulendlela zihamba kuyo ziyalibala ukuya ezityalweni zitye ityhefu zife.Ezinye izinto ezenza ukuba isivuno singabisihle, kukunika izityalo amanzi anqongopheleyo kwakunye nokutyala phambi kwexesha okuye kudale ukuba izityalo zibethwe yingqele.Iimpukane zevatala (watermelon flies) zibulalwa ngeLebaycid(fention).Eliyeza iLebaycid liyazibulala ezimpukane zidemesha ivatala, imiYalelo Yalo, lixutywa neswekile akugqiba umllmi alisasaze phantsi emhlabeni angalipeyiti emagqabini hleze lityiwe ziinyosi lizibulale.

PP Brink
ELSENBURG / I LOS NORTH WEST