home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izityalo, imifuno: 5

I paprika Afrikaans | English

Click to enlarge!
I Paprika sisityalo esisihlahla esikhula iminyaka emibini phambi kokuba siphelelwe. I Paprika ikholwa bubushushu obuphakhati kwe 24 ukuya kwi 30 degrees ye celsius.

Kwezintsuku kuvame ukusetyenziswa iintlobo zesisityalo i UF15, i Papri Queen ne Papri King. Intlobo zesityalo ezohlukeneyo kodwa isithole sisinye kuthiwa kwezolimo ziCultivars. I Papri Queen inezona ziphumo zintle xa kujongwe isivuno, ukomelela, nokuvela kwesityalo esikumgangatho ophezulu.

I Paprika ayiwufuni umhlaba onamanzi amileyo namanzi angatshoni ngokwaneleyo emhlabeni, ize iphinde ipaprika ingadibani nomhlaba onetyuwa eninzi kwakunye nomhlaba obrak. Xa umfama elima emhlabeni oludongwe kungcono ifakwe kwi seedbed ukwenzela ukuba amanzi ehle ngokulula.


Click to enlarge!
Xa umlimi elungisa umhlaba ezakulima iPaprika kudingeka ukuba kwenziwe iiseedbed ngomhlaba ontsefe- ntsefe ukulingiselela ukuhla kwamanzi lula. Umhlaba kufuneka ubelevel ungabi namahla ndenyuke. Phambi kokutyala ipaprika idinga i fertilizer ekuthiwa yi 2 : 3 : 4(30) igalelwe kangange 450 kg (1000pd) kwi Hektare nganye.

Kwiiveki ezimbini zokuqala emva kokulima kwakufuneka izityalo zinikwe ifertilizer ekuthiwa yi L.A N. kangange50 ukuya kwi 100 kg (100-200 pd). Kwiveki yesithandathu ukuya kweyesibhozo, kwiveki ye14 ukuyakweye16, kwiveki ye20 ukuya kweye22 nakwi veki ye31 ukuya kweye 32 ipaprika ingagalelelwa ifertilizer ye 1:0:1 (36) kangange 200kg (400pd) ihektare nganye.

Izityalo ebezityalwe kwiiseedbed ziyakutshwa ngo October xa kusaziwa ukuba ingozi yengqele idlule nezinga lobushushu linyukile ngenxa yokuba ubusika buphelile.Izityalo ngelo xesha zikulungele ukufakwa emhlabeni. Kudla ngokuthiwa ziingcali izityalo mazikutshwe ngoluhlobo. Tyala izityalo eziyi40,000 ukuya kwi 50,000 kwihektare nganye.

Kutyalwa ngoluhlobo: Izityalo zifakwa kwii reyi ezimbini ezibaleka kunye. Phakathi kweereyi kufuneka kubekho umgama oyi 1.6 yee metre. Ezi reyi zimbini zibaleka kunye zihlulwa yi 30cm (1foot). Apha phakathi ereyini izityalo kufuneka zihlulwe yi23 ukuya kwi25 ye sentimita enye kwenye (10 inches).


Click to enlarge!
Emva kokutyalwa ipaprika ifuna ukuncenceshelwa roqo ukuze iingcambu zizokumila kakuhle. Izityalo kufuneka zityalwe emhlabeni omanzi ize emva koko zincenceshelwe kakhulu kweziveki zimbini zokuqala kwakuyekelelwa kwiveki yesine uku ncenceshela ngamandla. Kubalulekile ukuba izityalo zifumane amanzi oneleyo ngexesha lokuntshula nasemva koko. Ukuba kungakho unqongophalo lwamanzi ngelixesha singaphantsi kakhulu isivuno.

I paprika iyoyiswa xa iphikisana nokhula ngokutya namanzi ezingcambini.

Ngenxa yesosizathu kufuneka kuhlakulwe kakhulu. Uninzi lwabalimi alusebenzisi zichemicals lukholelwa ukuhlakula ngezandla okanye ngomtshini. Kubalulekile ukuba xa kuhlakulwa ngezandla okanye ngomtshini kungalinyazwa izityalo. Noko kuhlakula ngezandla akufuneki kwenziwe qho ngoba iyinto ephazamisana nomhlaba, ingumoya, iyimvula, izizinambuzane, ezonto zizinto ezincedisana nokusasazeka kwentsholngwane into ke engalunganga.


Click to enlarge!
Ukuvutshwa: Ipaprika ilungele ukuvunwa xa isetyana eli kujinga kulo isiqhamo ligotywa lijikeleziswe emnweni lingophuki.

PP Brink
ELSENBURG / I LOS NORTH WEST