| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izityalo, imifuno: 4 |
I spanspek ekuqaleni ibisisityalo sasentlango, kwaye loonto nanamhlaisadlala indima enkulu ekuvelisweni kwayo. Umzekelo ispanspek ikhula ngcono kumhlaba ofumileyo kunasemhlabeni onamanzi amaninzi. I spanspek ivela ngcono phantsi kwemeko ezishushu.
ITYALWE NGQO EMHLABENI OKANYE IQALE ILINYWE KWI SEEDBED?
Ezindlela zombini zinamanqaku alungileyo, kanti zombini zinamanqaku angalunganga. Ukuba imbewu ayixhomanga ngexabiso, ize nobushushu bomhlaba buthi kanti bukulungele ukuntshula kwembewu, kungcono ityalwe ngqo emhlabeni imbewu. Imbewuyespanspek ifakwa kangange sentimita ezimbini (2cm or 3/4inch) ize kutyalwe i 2.5 kg ihektare nganye. Umgama phakathi kwezityalo ereyini nganye kufuneka ibe zisentimita eziyi 30 ukuya kweziyi 45 (12-18 inch). Umgama owohlula ireyi kwenye kufuneka ibe zisentimita eziyi120 ukuya kweziyi 150 (4-5 feet). Indlela yokuncenceshela kufuneka ibe yile yokuvula amanzi abaleke phantsi emhlabeni,ingabi yindlela efunisa ukuba kugalelwe amanzi emagqabini.
Indlela esasaza amanzi emagqabini ise ngadala ukuba izifo zamagqabi zande. Phambi kokuba kulinywe kudingeka ukuba umhlaba uncenceshelwe ubemanzi. Amanzi kufuneka ehle kangangomgama oyi mita (1m or 3feet) ukuya ezantsi.
Ngaphandle nje kwela xesha lokuntshula kweblom, yingozi enkulu ukuncenceshela kancinci kukwa ngcono ukuncenceshela kakhulu. Ukuncenceshela kancinci kudala izityalo ezincinci, iziqhamo zikhawuleza zenze amagaqa aqinileyo,iziqhamo ziba ncinci nangona ziba neswekile eninzi.
Ukuncenceshela kakhulu kukhokhelela kwizityalo ezinamagqabi amaninzi angena kutya ,enye into kubakho iintsholongwane ezininzi,iziqhamo zivela kade zivela zibuthathaka, ekugqibeleni kudla ngokubakho iziqhamo ezikhulu ezine swekile encinci engavakaliyo.
NANZI INDLELA ZOKUCHUMISA
IIntlobo zezityalo (lento kuthiwa ngesingesi yiCultivar) ezityalwa kuqala kunezinye ezifana no "Early Sweet" okanye i "Early dawn" kufaneleke kugalelwe i 500kg ye 2:3:4 ngexesha lokutyala. Emva kweveki ezimbini kungagalelwa i 100kg(220pd) ye 1:0:1(36) emva kwezinye iiveki ezimbini okanye ezintathu enye i 100kg (220pd) ye1:0:1(36).
Izichumisi eziphuma eziwanyaneni nasezityalweni kufuneka zigalelwe ngononophelo. Ukuba kugalelwe umgquba omninzi wetyiphu, kusenokuphuma izityalo eziluhlaza kakhulu, ezingena kutya ze ziphinde zingabinawo amablom obufazi, anokuzala enye imbewu.
Nanje ngazo zonke izityalo ezikhula ngokwengcambu ebaleka phezu komhlaba, ispanspek iqala ivelise amablom obudoda kulandele awobufazi emva kweentsuku ezilishumi ukuya kwishumi elinesine. Xakugalelwe initrogen eninzi kuvela izityalo ezinamagqabi amaninzi aneblom lobudoda kuphela.
Kwinkoliso ye cultivar ze spanspek amablom obufazi avela kumasebe asemacaleni kuphela. Xa kugalelwe izichumisi ezingapha kwemfunek kwaze kwakho uhlaza oluninzi, kusengafuneka kusikwe amasebe athile ukukhuthaza la masebe asecaleni.Amasebe angaphezulu kufuneka asikwe kuphela xa kukho imfuneko.
Amablom esidoda anento yokukhula kwezindawo lintshula kuyo isebe ngokuvela kwamablom aliqela obudoda kunqongophala iPollen le ithuthwa zinyosi kutsho kumithe iblom lobufazi. Le meko inyagwa ngokuba kusikwe ezindawo zokuntshula.
Izinambuzane ezidla ngokukhataza yiCutworm ne pumpkin fly.
PP Brink
ELSENBURG / I LOS NORTH WEST