home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Imithi: 3

Imithi yokunqanda umoya Afrikaans | English

Click to enlarge!
Iindawo ezininzi eMzantsi Afrika zibethwa yimimoya eyomileyo eshushu ehlotyeni ziphinde zibethwe yimimoya ebanda ceke ebusika. Lemeko inyanzela ukuba makwenziwe isithinteli moya sokukhusela imfuyo, izityalo, nezindlu xa umoya ugquthuza ngamandla. I windbreak yinto eyophula amandla womoya ukwenzela ukuba ungonakalisi.

Isithinteli moya yinto kwakhona xa siyicacisa eme endleleni yomoya ethi iwuphazamise iwujike endleleni yawo "iwugobe" ubheke phezulu Imithi yenza esona sithintelo sakhe sanokhuselo ngenxa yokuba imithi ikhula ibe mide, imthi ikhula ibe midala ime ndawonye, umgama phakathi kwemithi uyakwazi ukuba ungalawulwa ngumntu ngokwe mfuno zakhe. Xa umoya uvuthela ngamandla, uthi wakufika emthini omnye wawo udlule emagqabini naseskhondweni, owona uze ngamandla uyagotywa yimithi ubheke phezulu udlule ngapha kweentloko zemithi.

Nazi ezinye zezinto ezenza ukuba iiwindbreak zibaluleke:

  • Isantya somoya siyathobeka, into eyenza ukuba umonakalo obuzakwehlela iintyatyambo, iziqhamo, nezityalo uphunguleke okanye ungabikho. Umgangatho nobukhulu besivuno uba bhetele.
  • Umoya ovuthuza ngesantya esithobekileyo unika imfuyo ukhuseleko olungcono. Izilwanyana ziyasinda ekubethweni bubushushu nengqele ngolohlobo iyacutheka ilahleko yokufa kwemfuyo nemveliso emoshakalayo.
  • Ukuba iwindbreak yayi tyalwe yazi reyi ezimbini, enye ireyi ekuhambeni kwexesha isenokusetyenziselwa ukufumana iinkuni zokusara, ipali zokwakha okanye ukubiya, okanye iinkuni zokwenza umlilo.
  • Imithi etyalwe ngenjongo ze windbreak iyalinyusa ixabiso lomzi wendoda nenkangeleko yomzi ibantle.

Click to enlarge!
Masikhe sijonge ukulinywa kwe mithi yokhuseleko eyomeleleyo ezakuthi iwenze umsebenzi wayo.

Qiniseka ukuba imithi ingatyalwa isondelane. Ukuze imithi isithe kakuhle kufuneka isiqingatha somoya siphumele kuyo.

Ukushinyana kwe windbreak kulawulwa luhlobo lomthi othe wawutyala, umgama phakathi kwe mithi, inani lemiqolo oyilimileyo, nomgama phakathi kwemiqolo yemithi.


Click to enlarge!
Imithi yewindbreak kufuneka ubude bayo busiphinde kabini isityalo esi yakhelwe ukuba isikhusele.

Iwindbreak inika ukhuseleko umgama ophindwe kalishumi. Lilonke ukuba umzekelo sithi iwindbreak yakho iphakame kanga nge 20 metres, iyakukhusela isivuno sakho kangange 200metres. Lilonke kulomzekelo sigqiba ukuwenza kungafuneka imithi ilinywe qho emva kwe 200metres.


Click to enlarge!
Ukuba umgama phakathi kwemithi uvuleke kakhulu umoya udlula ngesantya esikhulu kwaye isivuno esiqala ubetheke kuso umoya sidla ngokulimala. Iintlobo ezithile zemithi zilunge ngcono kunezinye phantsi kwe meko ezithile.

Kwindawo ezibanda kakhulu imithi elahla amagqabi ngexesha elithile enyakeni ifaneleka ngcono kunemithi ehlala iluhlaza unyaka wonke. Imithi ehlala iluhlaza unyaka wonke ayiwalahli amagqabi, umthi owalahlayo amagqabi ebusika wenza ukuba kuvuleke indawo enkulu apha emagqabini umoya uzibalekele lula, iqabaka ayifumani thuba lokulala phezu kwamasebe omthi. Ukuze isisitho somoya sisithe kakuhle kufuneka imithi le ye sisitho iwuvele ngekona umoya izokwazi ukuwujika indlela yawo.

S Steyn
ELSENBURG / Umnyango wezengcebiso malunga namahlathi ENTSHONA KOLONI