| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Imithi: 2 |
![]() Click to enlarge! |
Xa umfama enomdla wokutyala imithi emininzi ehlala kude nendawo eyinursey yezityalo kunga yinto encedana naye ukuba azikhulisele imithi yakhe. Xa efikelele kwisigqibo sokuba uza kwenza njalo kufanele ajonge owona mhlaba ulungele ukutyala izithole zemithi.
|
![]() Click to enlarge! |
|
![]() Click to enlarge! |
|
![]() Click to enlarge! |
|
![]() Click to enlarge! |
Indawo ezizakukhulela kuyo izithole zemithi isenokuba ngumhlaba, isenokuba zinkunana ezishiyeke xa bekusarwa imithi zavundiswa ukuze zichumise umhlaba, iinaliti zepinetree ezisiliweyo, ixolo lomthi okanye amaxolo wesithole sama ndongomane. Umhlaba weloam one sati olimeka lula uze ube ne compost eninzi. Umhlaba kungangcono kakhulu ukuba unga nyangwa nge chemical ezibulala izifo, izinambuzane, iintsholongwane ezinje ngemethyl bromide.
Imbewu angaziqokelelela umfama okanye angafaka iodolo kwi Sebe Lezamanzi nezamahlathi, P.O. Box 727 Pretoria. Ngamanye amaxesha kuye kufuneke imbewu inyangwe nge chemical ukuze imbewu intshule. Imbewu enoqweqwe oluqinileyo njengomthi iacacia ifuna ukuba igcinwe emanzini ashushu aphantse abila de kunyibilike ixolo lembewu. Ezinye iintlobo zembewu ezinje ngeOak zifuna ukuba zityalwe ngoko nangoko zakuntshula. Landawo inokutya embewini iyayenza into yokuba ibambezele ukuntshula kwesityalo, kufuneke ngamanye amathuba isuswe. |
![]() Click to enlarge! |
Ezinye izizathu ezidala ukuba imbewu ingadubuli, zezokuba imbewu ifumane amanzi amaninzi kakhulu okanye amanzi amancinci kakhulu, okanye ithi kanti umhlaba awufumanga ngokwaneleyo, okanye
imbewu yembelwa ezantsi kakhulu mhla yayityalwa. Imbewu ityalwa kangangobukhulu bayo buphindwe kabini, oko kukuthi akudlulwa ngaphezu kwe milimetre ezimbini ukuya kwezintlanu ngaphantsi komhlaba.
Umbuzo udla ngokuvela ukuba singayivelisa imithi ngokusebenzisa izithole ezisikwe komnye umthi siyeke ukusebenza ngembewu. Impendulo ithi ewe ngokuqinisekileyo. Isithole kufuneka sisikwe emthini ngaphantsi kwesebe okanye ngaphezu kwesebe, apha kwezi ndawo zidla ngokuntshula emacaleni emthini. Nanga amacebo oku gxotha izifo nezinambuzane ezitholeni:
|
S Steyn
ELSENBURG / Umnyango wezengcebiso malunga
namahlathi ENTSHONA KOLONI