| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Imithi: 1 |
![]() Click to enlarge! |
Imithi ityalelwa izizathu ezininzi, iinkuni zokwakha, iinkuni zokubasa, |
![]() Click to enlarge! |
isikhuselo emoyeni, ukubiya, ukwenza ukutya, ukuhombisa, ukwenza amayeza, umthunzi, ukwenza indawo yokusithela, ukulwa ukhukhuliseko lomhlaba, nokunyusa izinga lokuchuma komhlaba. |
![]() Click to enlarge! |
Zeziphi iintlobo zemithi ekufuneka indzityale
Isizathu esibanga ukuba utyale imithi siso esizakukhokhela xa ukhetha umthi ozakuwulima: umzekelo ukuba utyala imithi yokwenza umthunzi, uzakukhetha umthi onamagqabi amakhulu akhula afane ne saucer, ukuba ufuna iinkuni zokwenza umlilo uzakukhetha umthi okhula ngokukhawuleza ovutha kade xa utshayo, ukuba ufuna umthi wokwenza iinkuni zokwakha uzakukhetha umthi okhula ngqho ongenandawo zigoso goso kwaye ongenamasebe maninzi aphuma emacaleni. Qiniseka ukuba umthi owukhethileyo uyalungelana nendawo ozakuwu lima kuyo. Lomthi uzakuwulima uyamelana neemeko ezomileyo okanye ngumthi ofuna amanzi amaninzi? Lomthi wakho uyamelana neqabaka? Umthi ozakuwulima uzakulunga emhlabeni onetyiwa enininzi, umthi wakho ukholwa ngumhlaba onzulu okanye ulunga emhlabeni onganzulwanga onamatye amaninzi? lomthi ujonge ukuwulima uyoyiswa zizinambuzane ezitya imithi okanye womelele kuzo. |
![]() Click to enlarge! |
Ndiwulungisa njani umngxuma wezityalo
Yemba umngxuma wehle kangange hafu ye metre umngxuma wakho ube yi four corner amacala omane ubude bawo kufuneka bube yi hafu ye metre. Ukuba wembe umngxuma oronte, iingcambu zakho ziza kusuke zikhule okwe sangqa zingabambeleli kakuhle, kanti xa umngxuma wakho uyi four corner iingcambu ziyahamba ziyoku bambelela kulomhlaba usemacaleni. Xuba umhlaba wakho ne emele yecompost okanye ubulongwe obudala obomileyo ugalele emngxunyeni ekuzakufakwa umthi. Ukuba umhlaba unonqongophalo lwe phosphate, ungathatha ihafu yetoti ye jam uyigcwalise ngomgubo wamathambo asiliweyo abizwa xa kukhunyushwa ukuba yi bonemeal, ithathwe le bonemeal igalelwe kulamxube womhlaba necompost uza kugalelwa emgxunyeni. Ukuba uhlala endaweni eyome kakhulu, okanye utyala umthi ngexesha imvula ingekezi okanye sele lidlule ixesha layo, kuyadingeka ukuba wenze icebo lokuba iingcambu zifumane amanzi. |
![]() Click to enlarge! |
Nanzi iindlela ezimbini ezilula:
|
![]() Click to enlarge! |
Siwutyala njani umthi Gwalisa umngxuma ngomxube womhlaba necompost okanye umanyolo unyuke nomhlaba ushiye indawo eyanele ukuba kungangena ezizingxhobo zidla ngokuphatha izityalo zentengiso. Kupha isithole esingxhotyeni usifake emngxumeni. Gwalisa indawana eshiyekileyo emngxunyeni ngomhlaba oshiyekileyo. |
![]() Click to enlarge! |
Enye into ebalulekileyo yeyokuba umthi kufuneka ukhuselwe ngelixesha usakhula. Izilwanyana zingagxothwa ngokuthi umthi ugqunywe ngezihlahla ezinameva. Ungaze uqhawule isetyana lomthi osemncinci okanye ulimaze umthi nangeyiphi indlela. |
S Steyn
ELSENBURG / Umnyango wezengcebiso malunga
namahlathi ENTSHONA KOLONI