home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, imphatho: 1

Amacebo okukhathalela izinja Afrikaans | English

Click to enlarge!
Uyifuyela ntoni inja. Inja ngumhlobo wakho omkhulu onyanisekileyo imini nobusuku. Kodwa ke wena lomhlobo wakho unyaniseke kangaka umnakekekela kangakanani? Nanga amacebiso ankuba luncedo kumntu othanda izinja.

Click to enlarge!
Injanana encinci xa imeko ivuma kufuneka isiwe kugqhira we zilwanyana iyoku entwa xa ikubudala obuphakathi kweeveki ezintandathu ukuya kwezisibhozo, kufuneka kwa ngelothuba ikhutshwe iintshulube. Iinjana ezincinci zinento yokudumba isisu ngendlela engaqhelekanga. Lonto izeke isalatha ubukho beentshulube ezininzi esuswini sayo. Emva kolonyango isencinci kufuneka ikhutshwe iintshulube roqo emva kweenyanga ezintandathu solange isaphila. Kubalulekile ukuba kunga setyenziswa iyeza elinye, amayeza atshintshwehleze iintshulube zakhe ukomelela zingafi xa zisetyenzwa ngeyeza elinye. Abantu ekhayeni kufuneka nabo basebenzise amayeza okukhupha iintshulube ngoba nabo bayosuleleka ziintshulube ezisuka ezilwanyaneni zasekhaya.

Xa inja ineenyanga ezintathu ubudala kufuneka ifumane inaliti yokuqala yerabies. Inaliti ye rabies kufuneka iphindwe yonke iminyaka.


Click to enlarge!
Makhe siqwalasele ukutya namanzi enja. Xa usipha inja ipapa kuphela, ayifumani izakha mzimba. Yipha inja umsobho owenziwe ngamaxolo emifuno namathambo omsobho kwakunye nenyama yangaphakathi ukuba ikhona. Izinja ezincinci mazinikwe ukutya okuthambileyo nobisi ukuze zizokuba namathambo omeleleyo namazinyo aqinileyo. Ukulungisa isisu sihlale sikhululekile enjeni yinike ukutya okunengqolowa uyiphe icephe le fishoil amathuba amane ngeveki. Ifishoil idityaniswa nokutya kwayo inja. Inja emithiyo okanye esanda kufumana amantshontsho kufuneka isondlo sayo sibe kumgangatho ophezulu.

Click to enlarge!
Amathambo enkukhu nezinye iintlobo zamathambo aqinileyo akufuneki aphiwe inja ngoba asenokuxinga emathunjini ayo yenzakale kanobom. Izinja kufuneka zibe namanzi okusela imini nobusuku kwaye inja ikholwa ngamanzi abandayo.

Click to enlarge!
Apho inja ilala khona zama ukuba kubekho incence okanye iplanga kuzokubakho into enkusithela ngayo xa kukho umoya, imvula, ingqele kwakunye nomthunzi ngeentsuku ekushushu ngazo. Ukuba inja ibiyendlalelwe iingubo ezindala kufuneka zanekwe elangeni roqo ukwenzela ukuba iintsholongwane zizokubulawa lilanga.

Click to enlarge!
Umfuyi wenja kufuneka azame kangangoko ukuba ingabi namakhalane, iintakumba neentwala. Kwiziphaluka ekukho izinambuzane ezinzi kunyanzeleka ukuba ngeenyanga zase hlotyeni izinja ziditshwe kanye okanye kabini ngeveki. Iyeza iKARBADUST alibizi kakhulu kwaye iwulungele umsebenzi wokubulala izinambuzane. I karbadust ingumgubo umntu uyayi fefa phezu kwesilwanyane ayihlikihle ukuba mayingene. Kufuneka umgubo ugalelwe nasezingubeni zenja.

Khumbula ukuba lomgubo uyityhefu xa umntu egqiba ukusebenza ngawo izandla kufuneka azihlambe azicokisise ukuze isuke ityhefu kuye.

Musa ukugcina izilwanyana ezininzi. Kubhetele ukuba nenja enye ephila kamandi ngenxa yokuphathwa kakuhle. Inja eyimazi yivale xa ungenanjongo yokwandisa izilwanyana zakho ngayo.

Kukho abantu abacinga ukuba inja inombungu ohleli phantsi kwelwimi okufuneka usikiwe. Lonto yombungu ziinkolelo nje ngoba lendawo ibonakala ingathi ngumbungu, yinxalenye yelwimi lenja. Ukusikwa kwalendawo kuthiwa ngumbungu akoneli nje ukuvisa inja intlungu ezingathethekiyo, kuye kwenzeke ukuba inja yophe kakhulu de ngamanye amaxesha ife. Enye into engeyo nyani yile yokuba inja xana igula, kufuneka isikwe indlebe ngethemba lokuba ukugula kuza kuphuma negazi xa isopha.

Musa ukubophelela iintambo okanye amacingo entanyeni yenja.


Click to enlarge!
Sebenzisa okungcono ityathanga enokwazi ukubaleka nalo inja xa ungumntu ofuna ukuba inja yakhe ihlale ibotshelelwe. Kuthathwa izikhuni ezibini zimbelwe emhlabeni imitsi ethe qelele esinye usuka kwesinye. Phakathi kwazo izinti kubotshwa ucingo lutsalwe luqine nqi. Ityathanga lithathwa lighagxwe ngebanti lefele enjeni, lithathwe lidityaniswe nela cingo beli botshelelwe phakathi kwezinti inja itsho ikwazi ukubaleka ihle inyuka. Inja ehleli ibotshelelwe akufuneki iphelelwe ngamanzi kufuneka ifumane ukutya ubuncinane kanye ngemini kwaye ibenendawo esithileyo enokungena kuyo xa imozulu iphethukile.

Izinja akufuneki zifundiswe ukuzingela. Izinja ezihlala zibotshelelwe isidala ize zinganikwa ukutya ziyingozi kakhulu khona efama, ngoba apho iqhawule khona inja elambileyo ihlasela iigusha kanti iyaziphosa nasenkomeni xa sele kunzima.

Lumka xa usebenzisa ityhefu, umzekelo xa ugalela ityhefu yokubulala iirote, qiniseka ukuba izinja azinakufikelela kuyo.


Click to enlarge!
Xa sesincokola - ungaze ujamelane nenja ebukhali, ezingcingeni zenja ningathi nijamelane isidala iye ibone ukuba wena ucela umngeni uzama ukuba manilwe. Enye into musa ukuhleli uyixhokonxa inja. Inja xa isitya yiyeke sukuyiphazamisa. Kunqwa nemazi yenja esandula ukufumana amantshontsho ayiphazanyiswa ngoba iyakhohlakala. Xa inja izibona ingathi ingahlaselwa isenakho ukuba ilume kuqala ngenxa yokuba inengcinga yokuba mayizikhusele.

Ukuba unika inja yakho inkathalelo eyoneleyo uyakuba neqabane elinyanisekileyo elikugcina imini nobusuku.

S Hoffman
ELSENBURG / Isebe Ionyango Iwezilwanyana eLYDENBURG