home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, iintlobo: 1

Iibhokwe zobisi Afrikaans | English

Click to enlarge!
Iibhokwe zobisi ngamakhulu khulu eminyaka za fuywa luluntu ngenjongo yokusenga ubisi. Kwiminyaka yangaphambili ulwazi ngezonyango lungekakhuli ngoluhlobo lululo namhlanje ubisi lwe bhokwe ibe iluncedo oluvunyiweyo kunyango lwayo yonke inkathathazo esesuswini ebantwini abadala nase bantwaneni, kakhulu kwizilonda ezise suswini (Ulcers) nasekwalisweni kwesusu ebantwaneni (Allergies).

Ubisi lwe bhokwe lufana nqwa nolwenkomo, qha lona luhla lula emathunjini kunolwe nkomo.


Click to enlarge!
Ngenxa yokuba ziphantsi indleko zoku fuya ibhokwe kune ndleko zokugcina inkomo kuye kube ngcono ukufuya iibhokwe endaweni apho kunqongophele umhlaba notyani.

Click to enlarge!
Ezimpawu zilandelayo azifuneki ebhokweni:
  • Ibhokwe enomqolo obhenileyo, onendawo ezitshonileyo apha emva kwamagxa, amanqina agoso, omqolo osoloko ubheka ngapha nangapha ingathi izakuwa' xa ihamba

Click to enlarge!
  • Iimpuphu ezinkulu

Click to enlarge!
  • Amanqina angaphilanga, izithende ezibuthathaka, nebhokwe ezinqinileyo okanye ezityebe kakhulu.

Ezinye iimpawu ezingafunekiyo ebhokhweni, ngamasende angalin ganiyo okanye isuke inkunzi yebhokwe ingabinawo, nemibele engamblni, okanye ibe mikhulu, okanye ibemincinane emazini.


Click to enlarge!
Nanga amacebo aphilisayo xa uthenga ibhokwe yobisi:
  • Thenga iibhokwe ezizalwa ziimazi ezinobisi oluninzi, okanye ozaziyo ukuba zona kuqala zinemveliso ephezulu.
  • Xa uthenga imazi yobisi yixilonge uthathe ixesha lakho qiniseka ukuba umbele awuna maqhuma angaqondakaliyo okanye amaqhakuva. Amaqhuma embeleni webokwe asenokuchaza ukuba loobhokwe yayikhe yanengulo embeleni, okanye ihamba nje ithwele isifo. Kwakhona sanukuyithenga ibhokwe enezilonda ngaphandle embeleni, okanye enenyama ezingaqondakaliyo ezintshula apha ngaphandle ebeleni.
  • Wukhangelisise umbele webokwe. Kukho into engathandekiyo kwaye engabukelekiyo, le yombele ojingayo. Iimazi ezinombele ojingayo ziyakhawuleza ukungenwa sisifo ebeleni kwaye azidli ngokuhlisa ubisi ithuba elide phambi kokuba ziphelelwe.
  • Thenga iimazi ezisencinci ngeminyaka okanye iimazi owaziyo ukuba zifumana amatakane roqo unyaka nonyaka.

Click to enlarge!
Ukuqinisekisa ukuba iibhokwe zakho zivelisa ubisi oluninzi ithuba elide, nazi izinto ezibalulekileyo okufuneka uzikhumbule:
  • Imazi yakho musa ukuyisenga iinyanga ezimbini phambi kokuba izakuphinda ifumane amatakane.
  • Ibhokwe sisilwanyana esetyisayo esinesisu esilungiselelwe ukuba sisile utyani olurabaxa, kwaye isusu sayo sifuna utyani olurabaxa oluninzi. olutyani luninzi lufunwa yibhokwe luyayinceda ekugcineni isusu sayo sisempilweni kwaye somelele. Utyani luphinde luncede ukuba ubisi lwebhokwe lube nebhotolo eninzi.
  • Ibhokwe yobisi ibuyisa utyani elinikiweyo ngokuvelisa ubisi oluninzi, kungeso sizathu kufuneka umfama ayondle ibhokwe yakhe ngevoer esemgangathweni ophezulu. Yondla imazi yebhokwe ngendlela ezakwenza ukuba itye kakhulu ngosuku.
  • Utyani ne voer esemgangathweni ophezulu yenza ukuba isilwan yana sibe nomdla wokutya kakhulu, kanti ivoer esemgangathweni ophantsi eyomileyo ezintsasa ezomileyo engamandanga, kwakunye nokutya okuchume kakhulu ngapha kwes) idingo kwenza ibhokwe ingabinamdla wokutya. Xa umfama efuye ibhokwe enye okanye ezimbini kungcono aziphe iroughage eninzi kune concentrate enlnzi.
  • Iibhokwe esezikhulile ezidlulileyo kwibakala lokubizwa nje ngamatakane zitya ikilogram ezintathu zevoer. Ivoer yebhokwe idityaniswa ngoluhlobo: thatha ilusern uyidi banise nombona wongeze nge bonemeal exutywe netyiwa. Qaphela xa uxuba i100 grams yebonemeal netyuwa ibonemeal mayibe zi grams eziyi60 ityiwa ibe zi grams eziyi 40. Levoer athe wayidibanisa umfama kufuneka iibhokwe ziyifumane nanini xa ziyifuna. Enye into leration kufuneka izilwanyana ziyiqheli swe ngokumane ixutywa kancinci ekutyeni kwazo.
  • Amanzi acocekileyo kufuneka ahleli ekhona nanini.Iibhokwe xa sele zisengwa yonke imihla zisela ilitre eziyi20 ngemini. Ukukhuthaza ukuba zihlise ubisi oluninzi akufuneki ziwadinge amanzi. Ukuxhaphaka kwa manzi kunegalelo elikhulu ekuveliseni ke bhokwe ubisi oluninzi. Amanzi okusela amdaka, asezityeni zokusela ezimdaka, ezinobulongwe, ezinenwele nothuli akalunganga akancedani nempilo yesilwanyana kwaye aseleka nzima.
  • Iibhokwe kufuneka zisengwe kabini ngemini ixesha lokusenga lingatshintsha tshintshi.
  • Ukuba unomdla wokwazi ngaphezulu ngemveliso yobisi, unga dibana nomcebisi wamafama okufutshane.

ELSENBURG / Iamagosa okucebisa ngezolimo wase Puma Koloni