home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, izifo: 5

Ityhefu yezinto ezibolileyo (Botulism) Afrikaans | English

Click to enlarge!
Isifo esibangwa kukutya izinto ezibolileyo, esibizwa ngokuba yiBotulism ngolwasemzini, sixhaphake kakhulu apha eMzantsi Afrika. Nokuba impahla ingakanani na ngobudla iyakwazi ukuba isuleleke, nakubeni ezona zikholise ukungenwa lula sesi sifo izezo zikwimeko ezenza ukuba zifune ukufumana ukutya kakhulu, ezifana neemazi zeegusha ezimithiyo nezo zisandula ukulunyulwa, kuba kaloku zona ziyathanda ukuhamba zizikhangelela into yokutya.

Click to enlarge!
Iibhaktheriya zeClostridium botulinum zivana kakhulu nezinto ezifileyo ezibolileyo. Kwezinye ke iimeko iba nkulu kakhulu ingozi yokuba kuqhambuke isifo setyhefu yezinto ezibolileyo, umzekelo, xa kunokuthi kanti kukho ikati efele esitroyini yabolela apho, okanye xa bekugalelwe into yokubulala iimpuku emasimini zaza zafela zabolela apho, okanye apho kukho imfene ethe yafela etankini lamanzi lesamente. Enye into ekuxhaphake kakhulu ukuba isasaze ezi bhaktheriya zizikolpati (oofudwazana) ezifileyo. Umgquba weenkuku ungade ube uzilungele iinkomo ngakwicala leeprothini, kodwa ke ingozi nje kukuba ungathi kanti nawo uthwele imbewu yesi sifo, kuba kaloku amantshontsho eenkuku afileyo adla ngokuphelela kuwo.

Ukungabikho kwefosifeyithi eyaneleyo kwezinye iindawo kuye kwenze ukuba impahla ifune ukutya izinto ezingekokutya kwayo, njengaxa sibona iinkomo zisitya amathambo amadala phaya endle, into ke leyo eye ikhokelele ekufeni kwazo.


Click to enlarge!
Siye ke sithi njengokuba sisiya sibheka phambili nje esi sifo, uyibone impahla iqinelwa ngamalungu, nendlela ehamba ngayo ibe yengaqhelekanga, isuke emva koko ilale. Kuye ke kulandele ukwanyela nobuthathaka bezihlunu ezi, zisuke ke zife tu ethubeni. Ezinye iimpawu eziye zibonakale kukuba umsila lo usuke ufe nomhlathi lo uvuleke lula nje. Ulwimi olu lona luye luthi xa luthe lwatsalelwa ngaphandle lungakwazi ukubuyela endaweni yalo, koko luhlale lujinga apha ngaphandle. Ngenxa yokuba nommizo lo nawo uye uchaphazeleke, iye ke impahla ingakwazi nokuginya xa isezwa iyeza. Kunokuthi ke kwenziwe uvavanyo lomswane phaya kupensi (eluswini) ukukhangela ukuba ngaba ngenene ikhona na le tyhefu.

Click to enlarge!
Ethubeni ke impahla iye yoyisakale ingakwazi ukuphakama ngenxa yokufelwa zizihlunu kule milenze yangasemva isuke ke ekugqibeleni iphele isifa. Ifa kakhulu impahla sesi sifo sibangwa kukutya izinto ezibolileyo. Unyango ethi ilunikwe impahla ngokuyitofa ngezibulala-ntsholongwane lubiza kakhulu, kwaye ke alukholisi ngakunceda.

Elinye lamanyathelo abalulekileyo okusithintela esi sifo anokuthi athathwe ngabafuyi beenkomo kukumana zigonywa ngesitofu sesi sifo esingabizi kakhulu.

MP van Aardt
ELSENBURG / SPRINGBOK veterinary services