home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, izifo: 4

I Bloutong Afrikaans | English

Click to enlarge!
I Blue tongue sisifo esikhetha amaxesha enyakeni, sibakho kakhulu phakathi ehlotyeni nasekwindla, de kufike iqabaka yokuqala. Intsholongwane ye blue tongue iyafukama ubusika bonke emzimbeni wesilwanyana kakhulu iinkomo.

IIgusha zalapha eAfrika njenge gusha ekuthiwa yiNamaqua Afrikaner neentlobo zegusha eziphuma embindini we Asia njengepesi elinentloko emnyama neKarakul zomelele kwisifo iblue tongue. Ezisuka embindini wase Europe zingenwa lula sisifo iblue tongue.

Iblue tongue ithwalwa zimpukane ezincinci ezifukama kwindawo ezehlileyo njengasecaleni kwemilanbo neendawo ezinamadami, ezimpukane enye into eziyifunayo kukuba indawo ezifukama kuyo ibenokufuma kwaye ibeshushu.


Click to enlarge!
IImpawu zezilandelayo:

Umkhuhlane, ukutyhafa, ukungathandi ukutya nokuphefumlela phezulu yinxalenye yempawu zeblue tongue. Kubakho imifinya emehlweni, empumlweni nasemlonyeni, lemifinya ijika ibebomvu, imilebe iyadumba.


Click to enlarge!
Emva kwethuba imifinya emlonyeni naselwimini iyajika ibala elibomvu lixube nebala eliluhlaza. Kuphinda kuvele izilondana apho kudibana imilebe namazinyo nasempumlweni kule ndawo kuthiwa ngamaranana. Lambala uluhlaza ematheni olwimi nguwo owazala igama iblue tongue. Xa imilebe yangaphezulu neyangaphantsi ivulwa ngeminwe ibuyiswe umva izilonda ziqapheleka lula.

Ngenxa yokonakala kwemisipha intamo yegusha ibonakala ijijekile. Ubovu besifo obusempumlweni buyavuza iimpumlo zibe mdaka, ubovu buyaqina bomele ezimpumlweni isilwanyana siphefumle nzima.


Click to enlarge!
Apho kudibana ifele lenqina nempupu kubakho ukudumba. Igusha ngenxa yokudumba kwenqina iyaqhana umzimba ihambe nzima. Iqaqanjelwa ngamanqina ide igusha izame ukuhamba ngamadolo iphetha ilala phantsi. Ukudumba apha enqineni kujika kube ngumgca obomvu apho kudibana ifele nempupu.

Xa umntu efuna ukubona kakuhle lemeko yokudumba angathatha ilaphu elimanzi asule impupu yenqina kakuhle. Ukudumba kubonakala kakuhle kwinqina elikhanyayo kunelinombala ontsundu. Malunga Nonyango. Umlomo nolwimi egusheni uba buhlungu kangangokuba isilwanyana singakwazi ukutya, amanqina esilwanyana aqaqamba kangakuba singa kwazi ukuhamba siyokuzifunela ukutya.

Unyango lokuqala kengoko thatha isilwanyana usibeke enkampini encinci, utyani namanzi abe kufutshane kuso. Isilwanyana masingachukunyiswa kungekho sizathu. Amayeza iAntipyretics aphelisa umkhuhlane, nezibulala ntlungu ezifanane Aspirin angasetyenziswa.

Ukukhusela ukuba isifo singabisangena.

Isitofu se blue tongue sizi ndidi ezintathu ngu A uB noC.

Isitofu se blue tongue sihlala ithuba elide emzimbeni wesilwanyana into ethetha ukuba isilwanyana singatofwa nje ukuba sizele amatakane ebusika.

Amatakane afumana ukomelela kwizifo kubisi lokuqala oluya lungumthubi. Xa umfama enakho, kungcono angaqalisi ukuzitofa iigusha phambi kokuba zifikelele ebudaleni be nyanga ezintandathu.

Iinkunzi kufuneka zifumane inaliti yokugqibela iinyanga ezimbini phambi kokuba ziye ezimazini. Ukuba ayenzekanga loonto kufuneka zitofwe emva kwexesha lokudibana neemazi. Imazi mayifumane inaliti iveki ezintathu phambi kokudibana nenkunzi.

Ukuba kuvele isifo iblue tongue kwaye iigusha khange zihlatywe ngenaliti ye blue tongue, iimazi ezinenyanga ezintathu zimiti nangaphezulu ziyahlatywa kungabikho ngozi.


Click to enlarge!
Xa isifo sivelile sebenza ngobunono. Bilisa inaliti emva kokuhlaba igusha phambi kokuba udlulele kwenye ukwenzela ukuba isifo singanweni. Susa imfuyo kwindawo ezisemazantsi uzise kwiindawo eziphezulu.

Gcina iigusha kwindawo enephahla ngenjongo yokuzikhusela. Fefa iigusha ngeyeza ukuze zingahlalwa zizinambuzane okanye uzifake edipini ukugxhotha iimpukane ezi thwala isifo.

Ukuba ufuna ukwazi ngaphezulu nge blue tongue okanye nesiphi esinye isifo seegusha dibana noNompilo wezilwanyana okufutshane.

G Brand
ELSENBURG Icandelo Lokunyanga Izilwanyana