home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izilwanyana, izifo: 3

I bloednier Afrikaans | English

Imfuyo yenye yezinto ezithi zenze ishishini lokufama libe lelomeleyo. Ukuze umfama acuthe amathuba wokungena kwesifo emfuyweni, kucacile ukuba umfama kufuneka abenolwazi ngezifo.


Click to enlarge!
Isifo ipulpy kidney sesinye sezifo ezibalulekileyo ekufuneka umfama azazi impawu zaso. Ukufa kwe mfuyo ngenxa yesi sifo yinto exhaphake kakhulu.

I pulpy kidney yenzeka ihlabathi lonka apho kufuywe iigusha, kwaye siyangena nase zibokweni. Elinye igama lesi sifo kuthiwa "sisifo sokutya kakhulu". 

Eligama licacisa into eninzi ngokuba ipulpy kidney yenzeka xa izilwanyana zithi zizibone zikwi ndawo enokutya okuninzi zisuke zitye ngaphezu kwesidingo Intsholongwane eyenza ipulpy kidney idaleka apha emathunjini we silwanyana. Ukuba kukho isiphazamiso ethunjini le silwanyane iintsholongwane zidala ityhefu ziyandise kwazona into elandelayo kukufa kwesilwanyane. Ezimeko zilandelayo zingenza isiphazamiso emathunjini.

  • Xa igusha zisuswa kutyani obeselutyiwe kakhulu zisiswe kolunengca enininzi.
  • Xa iigusha zisuswa emadlelweni asendle zisiwe emadlelweni atyaliweyo umzekelo atyalwe iLusern
  • Xa iigusha zifakwe enkampini encinci zinikwe amabhali ukuze zikhawuleze zityebe zizokusiwa emalikeni.
  • Xa kukho isomiso zize izilwanyana zinikwe ukutya okuninzi zingakhange ziqheliswe umzekelo zinikwe umbona omninzi beziqhele ukulamba.
  • Ukusetyenziswa kwamayeza athile njengamayeza entshulube athi enze iigusha ukuba zitye kakhulu.

Click to enlarge!
Igusha egula sisifo ipulpy kidney asibonakalisi zimpawu zokugula ezicacileyo. Isilwanya sifa ngesiquphe kudla ngokufa ezona zityebileyo kuqala. Usuka umfama afumane iigusha zidunduluzile zifile eleke suku xa kuvukwa ekuseni.

Into evamileyo enokukhomba isifo yinto yokuba izilwanyana zifa nje umzuzwana emva kokuba zisanda kunikwa uhlobo olutsha lwe voer. Kwisifo esiyi chronic pulpy kidney esibulala imithambo esuka ebuchotsheni ziyabonakala iigusha ezigulayo. Kwesi isifo indawo echanekayo ayiyo ntso indawo ese ngozini bubu chopho.

Izilwanyana zibonakalisa ukwelama imilenze iyatyhafa igusha zijongeka ingathi zidengile.

Yintoni unyango?

  • Inyathelo lokuqala xa kubonwa iigusha zizifa kwaye kuranelwa ukuba yi chronic pulpy kidney kukucutha ivoer eziyityayo.

  • IIgusha mazisuswe ziyo fakwa kwinkampu engathi ayichumanga. Ukubaiigusha zihleli enkampini yokuzityetyibisa makucuthwe iCabohydrates ekutyeni kwazo. Kufuneka zifakwe inaliti yestofu elwa ipulpy kidney. Imfuyo isenokufa nasemva kweentsuku kude kuyoba ziintsuku ezilishumi elinanye ukususela mhla zatofwa.

  • IIgusha mazinikwe iyeza ekuthiwa yi Lowers of sulphur igusha nganye ifumane icephe elikhulu ngosuku.

  • IIgusha ezazifakwe iyeza elihlala ithuba elide emzimbeni ekuthiwa yi Tetracine ziyomelela dekusebenze inaliti ebezifakwe yona.

Malunga nokunqanda isifo singaqaphela nje into yokuba kubuhlungu ukubona esisifo ichronic pulpy kidney ixhaphake kangaka emzantsi afrika akugquba ukuba emaninzi amayeza wokusilwa isifo kwaye efumaneka lula.

Amafama kufuneka aqonde ukuba ngethuba iigusha zitshintshwa ukutya kwazo, zenziwa zibebuthathaka kwaye isifo ipulpy kidney ingena lula kuzo. Kungoko kufuneka iigusha zi hlatywe ngesitofu ekuthiwa yi Alum.
Apho kukho amadlelo alinyiweyo okanye izityalo okanye utyani oluchumileyo kufuneka zitofwe kaninzi. IIgusha ezimana zisuswa kwintlobontlobo zamadlelo neenkampu zokutyebisa kufuneka inani lwezi tofu linyuke.

Ukuba amafama unengxaki okanye anento afuna ukuyiqonda malunga nesifo ipulpy kidney, angadibana noNompilo wezilwanyana okufutshane.

G Brand
ELSENBURG Icandelo Lokunyanga Izilwanyana